UYobhi Chapter 37

For English

Read UYobhi Chapter 37 Online

Read UYobhi Chapter 37 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of UYobhi in the Old Testament. Browse every verse with easy chapter navigation, continue to the next chapter, or explore the complete Book of UYobhi and the Holy Bible online.

Choose a Chapter

A+ A A-

UYobhi 37

Isahluko 37

1. Inene, ngale nto iyagubha intliziyo yam, Ixhume endaweni yayo.

2. Phulaphulani, phulaphulani ukuguguma kwelizwi lakhe, Nokudumzela okuphumayo emlonyeni wakhe.

3. Ukusingisa ngaphantsi kwezulu lonke, Nombane wakhe uye emasondweni ehlabathi.

4. Emva kwawo kubhonga ilizwi; Ududuma ngezwi lobungangamsha bakhe; Akawulibazisi, xa livakalayo izwi lakhe.

5. UThixo ududuma ngezwi lakhe ngokubalulekileyo, Esenza izinto ezinkulu esingenakuzazi.

6. Kuba uthi kwikhephu, Yiwa uwele emhlabeni; Nakwisiphango semvula, Nakwisiphango seemvula ezinkulu zakhe.

7. Isandla soluntu lonke uyasitywina asivingcele, Ukuba babe nokwazi bonke abantu abenzileyo.

8. Amarhamncwa angena emlaleleni, Ahlale ezikhundleni zawo.

9. Engontsini yasentla kuvela isaqhwithi; Kumphephethi wasentla kuvela ukubanda.

10. Ngokuphefumla kukaThixo kuza umkhenkce, Ububanzi bamanzi bucutheke.

11. Kananjalo usindanisa ilifu ngamanzi amaninzi; Uphangalalisa amafu akhe abanekayo.

12. Wona ajikajika ngeenxa zonke ngokwalathiswa nguye, Ukuze enze konke awawamisela khona Ebusweni behlabathi elimiweyo;

13. Nokuba kungenxa yokubetha, nokuba kungenxa yehlabathi lakhe, Nokuba kungenxa yenceba, uyawafikisa.

14. Oko kubekele indlebe, Yobhi; Yima, uyigqale imisebenzi ebalulekileyo kaThixo.

15. Uyazi na ukuwathwesa kukaThixo amafu akhe, Nokubengezelisa kwakhe ukubaneka kwawo?

16. Uyazi na ukulinganiselwa kwamafu, Imisebenzi ebalulekileyo yoSokwazi?

17. Wena ungubo zifudumeleyo, Lakuzola ilizwe lulophu lwasezantsi;

18. Usikhanda usolule naye na isibhakabhaka, Esiqinileyo njengesipili esityhidiweyo?

19. Sazise esingakuthethayo thina kuye; Asinakucacisa nto ngenxa yobumnyama.

20. Wobikelwa na ukuthi ndiyathetha? Umntu uthi makaginywe na?

21. Ke ngoku akubonwa kukhanya Kukhazimlayo, kusesibhakabhakeni; Kudlula umoya, lise.

22. Entla kuziwa negolide; Phezu koThixo yindili eyoyikekayo.

23. USomandla asinakumfumana, mkhulu ngamandla; Akagwenxi siko nabuninzi bobulungisa.

24. Ngako oko bayamoyika abantu; Akabakhathalele bonke abalumke ngokwabo.

About UYobhi Chapter 37

Read UYobhi Chapter 37 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of UYobhi in the Old Testament. Continue reading with the chapter navigation above or explore the complete book.

Book Information

Book: UYobhi
Chapter: 37
Testament: Old Testament

How to Read this Chapter

Use the Previous and Next Chapter buttons to continue reading UYobhi. You can also adjust the font size for comfortable reading and browse other books of the Bible using the navigation links.

https://www.youtube.com/watch?v=rzsT_Q3KLzE

More Resources

Continue Reading the Bible

Continue reading UYobhi Chapter 37 and explore every book, chapter and verse of the Holy Bible. Use the navigation links above and below to move through the Scriptures with ease.

Frequently Asked Questions

What is UYobhi Chapter 37?

UYobhi Chapter 37 is part of the Book of UYobhi in the Holy Bible.

Can I read this chapter online?

Yes. You can read the complete UYobhi Chapter 37 online for free with easy chapter navigation.

More Chapters from ITestamente Endala

  1. UIsaya Chapter 1
  2. IGenesis Chapter 3
  3. ILevitikus Chapter 1
  4. UYoshuwa Chapter 10
  5. IEksodus Chapter 2
  6. IEksodus Chapter 1
  7. EcclesiastesImiZekeliso Chapter 2

Explore More from Uyobhi

  1. UYobhi Chapter 32
  2. UYobhi Chapter 8
  3. UYobhi Chapter 29
  4. UYobhi Chapter 30
  5. UYobhi Chapter 25
  6. UYobhi Chapter 2
  7. UYobhi Chapter 3

Related Chapters & Readings

  1. INumeri Chapter 13
  2. EcclesiastesImiZekeliso Chapter 5
  3. 1 KaSamuweli Chapter 15
  4. UHoseya Chapter 6
  5. AbaGwebi Chapter 1
  6. IGenesis Chapter 44
  7. IEksodus Chapter 31
Share Your Love

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *