UYobhi Chapter 42

For English

Read UYobhi Chapter 42 Online

Read UYobhi Chapter 42 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of UYobhi in the Old Testament. Browse every verse with easy chapter navigation, continue to the next chapter, or explore the complete Book of UYobhi and the Holy Bible online.

Choose a Chapter

A+ A A-

UYobhi 42

Isahluko 42

1. UYobhi wamphendula uYehova, wathi,

2. Ndiyazi ukuba unako ukufeza konke, Akunqatyelwa nto uyicingileyo.

3. Ngubani na lo usithe icebo engenakwazi? Ngoko ke ndithethe ndingaziqondi Izinto ezibalulekileyo kum, ndingazazi.

4. Khawuphulaphule, ndithethe mna; Ndiya kubuza kuwe, undazise.

5. Bendikuva ukukuva ngendlebe, Kungoku iliso lam likubonile.

6. Ngenxa yoko ndiyazicekisa, ndizohlwaye, Ndiseluthulini naseluthuthwini.

7. Ke kaloku kwathi, emva kokuba uYehova ewathethile la mazwi kuYobhi, wathi uYehova kuElifazi wakwaTeman, Umsindo wam uyavutha kuwe, nakubamelwane bakho bobabini; kuba anithethanga nto iyiyo ngam, njengomkhonzi wam uYobhi.

8. Ngoku ke zithabatheleni iinkunzi ezintsha zeenkomo zibe sixhenxe, neenkunzi zeegusha zibe sixhenxe, niye kumkhonzi wam uYobhi, nizinyusele idini elinyukayo, uYobhi umkhonzi wam anithandazele. Ndomnonelela yena yedwa, ukuze ndingenzi kuni ngokobudenge benu; kuba ningathethanga nto iyiyo ngam, njengomkhonzi wam uYobhi.

9. Baya ke ooElifazi wakwaTeman, noBhiledadi wakwaShuwa, noTsofare waseNahama, benza njengoko wakuthethayo kubo uYehova. Waza uYehova wamnonelela ke uYobhi.

10. UYehova wakubuyisa ukuthinjwa kukaYobhi, akubon’ ukuba ubathandazele oowabo. Wakongeza uYehova konke awayenako uYobhi, kwada kwaphindwa kabini.

11. Beza kuye bonke abazalwana bakhe, noodade babo bonke, nabo bonke ababesazana naye ngenxa engaphambili, badla naye ukutya endlwini yakhe, bamkhuza, bamthuthuzela ngenxa yobubi bonke, abemfikisele bona uYehova; bamnika elowo ikhulu lemali, elowo ijikazi legolide.

12. UYehova wakusikelela ukuphela kukaYobhi ngaphezu kokuqala kwakhe; waba neshumi elinesine lamawaka empahla emfutshane, nesithandathu samawaka eenkamela, newaka lezibini zeenkomo, newaka leemazi zamaesile.

13. Waba noonyana abasixhenxe, neentombi ezintathu. Igama leyokuqala kwathiwa nguJemima,

14. igama leyesibini nguKetsiya, igama leyesithathu nguKeren-hapuki.

15. Akwafumaneka mankazana mahle njengeentombi zikaYobhi ezweni lonke. Uyise wazinika amafa phakathi kwabanakwazo.

16. Emveni koko, uYobhi wadla ubomi iminyaka elikhulu elinamanci mane, wabona oonyana bakhe, noonyana boonyana bakhe, izizukulwana zazine.

17. Wafa ke uYehobi, eyindoda enkulu, ephelele ebudaleni.

About UYobhi Chapter 42

Read UYobhi Chapter 42 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of UYobhi in the Old Testament. Continue reading with the chapter navigation above or explore the complete book.

Book Information

Book: UYobhi
Chapter: 42
Testament: Old Testament

How to Read this Chapter

Use the Previous and Next Chapter buttons to continue reading UYobhi. You can also adjust the font size for comfortable reading and browse other books of the Bible using the navigation links.

https://www.youtube.com/watch?v=rzsT_Q3KLzE

More Resources

Continue Reading the Bible

Continue reading UYobhi Chapter 42 and explore every book, chapter and verse of the Holy Bible. Use the navigation links above and below to move through the Scriptures with ease.

Frequently Asked Questions

What is UYobhi Chapter 42?

UYobhi Chapter 42 is part of the Book of UYobhi in the Holy Bible.

Can I read this chapter online?

Yes. You can read the complete UYobhi Chapter 42 online for free with easy chapter navigation.

More Chapters from ITestamente Endala

  1. UIsaya Chapter 1
  2. IGenesis Chapter 3
  3. ILevitikus Chapter 1
  4. UYoshuwa Chapter 10
  5. IEksodus Chapter 2
  6. IEksodus Chapter 1
  7. EcclesiastesImiZekeliso Chapter 2

Explore More from Uyobhi

  1. UYobhi Chapter 19
  2. UYobhi Chapter 33
  3. UYobhi Chapter 3
  4. UYobhi Chapter 37
  5. UYobhi Chapter 31
  6. UYobhi Chapter 15
  7. UYobhi Chapter 8

Related Chapters & Readings

  1. 2 KaSamuweli Chapter 2
  2. UYobhi Chapter 39
  3. UDaniyeli Chapter 3
  4. IEksodus Chapter 3
  5. IiNdumiso Chapter 15
  6. 1 KwabaseKorinte Chapter 10
  7. ULuka Chapter 6
Share Your Love

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *