UYobhi Chapter 10

For English

Read UYobhi Chapter 10 Online

Read UYobhi Chapter 10 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of UYobhi in the Old Testament. Browse every verse with easy chapter navigation, continue to the next chapter, or explore the complete Book of UYobhi and the Holy Bible online.

Choose a Chapter

UYobhi 10

Isahluko 10

1. Umphefumlo wam udimele bubomi bam; Ngoko ndiya kuyivulela inkalazo yam phakathi kwam; Ndithethe, ukrakra umphefumlo wam;

2. Ndithi kuThixo, Musa ukundigweba; Ndazise ukuba ubambene nam ngani na?

3. Kulungile na kuwe ukuba ucudise, Ukuba ucekise ukuxelenga kwezandla zakho, Ulibengezelele iqhinga labangendawo?

4. Unamehlo enyama na? Ubona ngokubona komntu na?

5. Injengemihla yomntu na imihla yakho, Iminyaka yakho injengemihla yomfo na:

6. Ukuba nje ubufune ubugwenxa bam, Usingxoke isono sam,

7. Usazi nje ukuba andingongendawo, Nokuba akukho unokuhlangula esandleni sakho?

8. Izandla zakho zindiyilile, zandenza Ndonke, ngeenxa zonke; uyandiginya noko.

9. Khawukhumbule, ukuba undenze ngokodongwe; Ke undibuyisa undise eluthulini!

10. Akundithululanga na njengamasi, Wandivuthisa njengengqaka?

11. Wandambesa ngolusu nenyama, Wandiphingela ngamathambo nemisipha.

12. Undenzele ubomi nenceba, Nokuvelela kwakho kwawugcina umoya wam.

13. Ezi zinto ke wazigusha entliziyweni yakho; Ndiyazi ukuba ubunale ndawo yokuthi:

14. Ukuba ndithe ndona, wondibamba undilinde, Ungandenzi msulwa ebugwenxeni bam.

15. Ukuba ndithe ndabangongendawo, athi ke mna! Ukuba ndithe ndaba lilungisa, ndingayiphakamisi intloko yam: Ndihluthi kukucukucezwa, Nakukubona iintsizi zam.

16. Nokuba ithe yaziphakamisa intloko yam, wondizingela njengengonyama, Ubuye wenze ngokubalulekileyo kum;

17. Uhlaziye amangqina akho phambi kwam; Uyandise ingqumbo yakho kum, Ibe kukukhululana kwemikhosi eza kum.

18. Ibiyini na ke ukuba undikhuphe esizalweni? Ngendaphuma umphefumlo, andabonwa liso,

19. Ndanga andibangakho, Ngendasuswa esizalweni, ndasiwa engcwabeni.

20. Ayimbalwa na imihla yam? Makayeke, Adede kum, ndikhe ndincumeze kancinane,

21. Phambi kokuba ndihambe, ndingabi sabuya, Ndiye ezweni lobumnyama nelethunzi lokufa,

22. Ezweni elisongelwe bubumnyama njengesithokothoko, Lethunzi lokufa nelesidubedube, Elinkazimlo injengesithokothoko.

About UYobhi Chapter 10

Read UYobhi Chapter 10 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of UYobhi in the Old Testament. Continue reading with the chapter navigation above or explore the complete book.

Book Information

Book: UYobhi
Chapter: 10
Testament: Old Testament

How to Read this Chapter

Use the Previous and Next Chapter buttons to continue reading UYobhi. You can also adjust the font size for comfortable reading and browse other books of the Bible using the navigation links.

https://www.youtube.com/watch?v=rzsT_Q3KLzE

More Resources

Continue Reading the Bible

Continue reading UYobhi Chapter 10 and explore every book, chapter and verse of the Holy Bible. Use the navigation links above and below to move through the Scriptures with ease.

Frequently Asked Questions

What is UYobhi Chapter 10?

UYobhi Chapter 10 is part of the Book of UYobhi in the Holy Bible.

Can I read this chapter online?

Yes. You can read the complete UYobhi Chapter 10 online for free with easy chapter navigation.

More Chapters from ITestamente Endala

  1. UIsaya Chapter 1
  2. IGenesis Chapter 3
  3. ILevitikus Chapter 1
  4. UYoshuwa Chapter 10
  5. IEksodus Chapter 2
  6. IEksodus Chapter 1
  7. EcclesiastesImiZekeliso Chapter 2

Explore More from Uyobhi

  1. UYobhi Chapter 9
  2. UYobhi Chapter 17
  3. UYobhi Chapter 41
  4. UYobhi Chapter 30
  5. UYobhi Chapter 29
  6. UYobhi Chapter 14
  7. UYobhi Chapter 28

Related Chapters & Readings

  1. 2 KaPetros Chapter 3
  2. UYoshuwa Chapter 22
  3. UMarko Chapter 14
  4. UNahum Chapter 3
  5. 1 KaSamuweli Chapter 22
  6. 2 YeziKronike Chapter 11
  7. UYona Chapter 2
Share Your Love

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *