IGenesis Chapter 3

For English

Read IGenesis Chapter 3 Online

Read IGenesis Chapter 3 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of IGenesis in the Old Testament. Browse every verse with easy chapter navigation, continue to the next chapter, or explore the complete Book of IGenesis and the Holy Bible online.

Choose a Chapter

IGenesis 3

Isahluko 3

1. Ke kaloku inyoka yaye inobuqhophololo ngaphezu kwazo zonke izinto eziphilileyo zasendle, abezenzile uYehova uThixo. Yathi kumfazi Utshilo na okunene uThixo ukuthi, Ze ningadli kuyo yonke imithi yomyezo?

2. Wathi umfazi kwinyoka, Eziqhameni zemithi yomyezo singadla;

3. ke eziqhameni zomthi osemyezweni phakathi, uthe uThixo, Ze ningadli kuzo; ze ningazichukumisi, hleze nife.

4. Yathi inyoka kumfazi, Anisayi kufa:

5. kuba esazi uThixo ukuba, mhlana nithe nadla kuzo, oqabuka amehlo enu, nibe njengoThixo, nazi okulungileyo nokubi.

6. Wabona umfazi ukuba umthi ulungele ukudliwa, nokuba uyakhanukeka emehlweni, ingumthi onqwenelekela ukuqiqisa, wathabatha eziqhameni zawo, wadla; wanika nendoda yakhe inaye, yadla.

7. Aqabuka amehlo abo bobabini, bazi ukuba bahamba ze; bathunga amagqabi omkhiwane, bazenzela imibhinqo.

8. Basiva isandi sikaYehova uThixo, ehamba emyezweni empepheni yasemini; basuka bazimela uAdam nomkakhe ebusweni bukaYehova uThixo, phakathi kwemithi yomyezo.

9. UYehova uThixo wambiza uAdam, wathi kuye, Uphi na?

10. Wathi yena, Ndive isandi sakho emyezweni, ndasuka ndoyika, ngokuba ndihamba ze; ndazimela.

11. Wathi, Uxelelwe ngubani na, ukuba uhamba ze? Udlile na kuwo umthi, endakuwisela umthetho ngawo, ndathi, Uze ungadli kuwo?

12. Wathi uAdam, Umfazi owandinikayo ukuba abe nam, nguye ondinikileyo kuwo umthi, ndadla ke.

13. Wathi uYehova uThixo kumfazi, Yintoni na le nto uyenzileyo? Wathi umfazi, Inyoka indilukuhlile, ndadla ke.

14. Wathi uYehova uThixo kwinyoka, Ngokuba uyenzile le nto, uqalekisiwe wena ngaphezu kwezinto zonke ezizitho zine, neento zonke eziphilileyo zasendle; uya kuhamba ngesisu, udle uthuli, yonke imihla yobomi bakho.

15. Ndiya kumisa ubutshaba phakathi kwakho nomfazi, naphakathi kwembewu yakho nembewu yakhe; yona iya kukutyumza intloko, wena uya kuyityumza isithende.

16. Wathi kumfazi, Ndiya kukwandisa kakhulu ukubulaleka kwakho ekumitheni, uzale abantwana unembulaleko; inkanuko yakho ibe sendodeni yakho, ikulawule yona.

17. KuAdam wathi, Ngokuba uphulaphule izwi lomkakho, wadla kuwo umthi endakuwisela umthetho ngawo, ndathi, Uze ungadli kuwo, uqalekisiwe umhlaba ngenxa yakho; uya kudla kuwo ubulaleka, yonke imihla yobomi bakho.

18. Uya kukuntshulela imithana enameva neenkunzane, udle umfuno wasendle.

19. Uya kudla ukudla kokubila kobuso bakho, ude ubuyele emhlabeni kobuso bakho, ude ubuyele emhlabeni, kuba uthatyathwe kuwo; ngokuba uluthuli, uya kubuyela kwaseluthulini.

20. UAdam walibiza igama lomkakhe ngokuthi nguEva, ngokuba yena engunina wabaphilileyo bonke.

21. UYehova uThixo wabenzela iingubo zezintsu uAdam nomkakhe, wabambathisa.

22. Wathi uYehova uThixo, Yabonani, umntu usuke waba njengomnye wethu, ukwazi okulungileyo nokubi; hleze ke olule isandla sakhe, athabathe nakuwo umthi wobomi, adle, aphile ngonaphakade:

23. uYehova uThixo wamndulula emyezweni we-Eden, ukuba asebenze umhlaba abethatyathwe kuwo.

24. Wamgxotha ke umntu; wamisa ngasempumalanga kuwo umyezo we-Eden iikerubhi, nelangatye lekrele elijikajikayo lokugcina indlela eya emthini wobomi.

About IGenesis Chapter 3

Read IGenesis Chapter 3 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of IGenesis in the Old Testament. Continue reading with the chapter navigation above or explore the complete book.

Book Information

Book: IGenesis
Chapter: 3
Testament: Old Testament

How to Read this Chapter

Use the Previous and Next Chapter buttons to continue reading IGenesis. You can also adjust the font size for comfortable reading and browse other books of the Bible using the navigation links.

https://www.youtube.com/watch?v=rzsT_Q3KLzE

More Resources

Continue Reading the Bible

Continue reading IGenesis Chapter 3 and explore every book, chapter and verse of the Holy Bible. Use the navigation links above and below to move through the Scriptures with ease.

Frequently Asked Questions

What is IGenesis Chapter 3?

IGenesis Chapter 3 is part of the Book of IGenesis in the Holy Bible.

Can I read this chapter online?

Yes. You can read the complete IGenesis Chapter 3 online for free with easy chapter navigation.

More Chapters from Igenesis

  1. IGenesis Chapter 1
  2. IGenesis Chapter 10
  3. IGenesis Chapter 5
  4. IGenesis Chapter 42
  5. IGenesis Chapter 31
  6. IGenesis Chapter 20
  7. IGenesis Chapter 17

Explore More from ITestamente Endala

  1. UHezekile Chapter 39
  2. IiNdumiso Chapter 50
  3. ImiZekeliso Chapter 31
  4. IGenesis Chapter 49
  5. AbaGwebi Chapter 19
  6. UYoshuwa Chapter 21
  7. IziLilo Chapter 4

Related Chapters & Readings

  1. UHezekile Chapter 38
  2. UIsaya Chapter 60
  3. UIsaya Chapter 62
  4. ImiZekeliso Chapter 21
  5. IiNdumiso Chapter 102
  6. UZefaniya Chapter 2
  7. UIsaya Chapter 28
Share Your Love

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *