Read UYobhi Chapter 16 Online
Read UYobhi Chapter 16 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of UYobhi in the Old Testament. Browse every verse with easy chapter navigation, continue to the next chapter, or explore the complete Book of UYobhi and the Holy Bible online.
Choose a Chapter
UYobhi 16
Isahluko 16
1. Waphendula uYobhi, wathi,
2. Ndive izinto ezininzi ezinjengezo; Ningabathuthuzeli abayindinisa, nonke niphela.
3. Aphelile na amazwi angumoya? Uxhokonxwa yintoni na, ukuba uphendule?
4. Nam ndibe ndingathethayo njengani. Ukuba umphefumlo wenu ubusendaweni yomphefumlo wam. Ndibe ndinganiqukela ukuthetha, Ndinihlunguzele intloko;
5. Ndibe ndinganikhaliphisa ngomlomo wam, Nokukhuza komlomo wam kulunqande usizi lwenu.
6. Nokuba ndithe ndathetha, awunqandwa umvandedwa wam; Nokuba ndithe ndayeka, kumka ntoni na kum?
7. Hayi, ngoku undidinisile; Uliphanzisile lonke ibandla lam.
8. Undintshwenyisile, kwaba lingqina oko; Kwandimela ukubhitya kwam, Kwaphendula ebusweni bam.
9. Umsindo wakhe wandiqwenga, wanditshutshisa; Uditshixizele amenyo akhe; Engumbandezeli wam, uwenze abukhali amehlo akhe kum.
10. Bandakhamele umlomo; Ngengcikivo bandibetha ezidleleni; Bonke bayathelelana ukundichasa.
11. UThixo wandinikela kumakhwenkwe, Wandijulela ezandleni zabangendawo.
12. Ndibi ndichulumacha, wandivithavitha, Wandibamba ngentamo, wandihlekeza, Wandimisa ndaba yitekeni kuye.
13. Bandirhawula abatoli bakhe, Wazityanda izintso zam, engenalufefe, Wayiphalazela emhlabeni inyongo yam.
14. Wandenza iinduma ngeenduma, Wandigila njengegorha.
15. Ndathungela iingubo ezirhwexayo enkwaneni yolusu lwam, Ndalugquba ngothuli uphondo lwam.
16. Ubuso bam bubomvu kunene kukulila, Phezu kweenkophe zam lithunzi lokufa;
17. Nakuba kungekho kugonyamela ezandleni zam, Uqaqambile umthandazo wam.
18. Mhlaba, musa ukuliselela igazi lam, Kungabi nasikhundla ukuhlahlamba kwam.
19. Nangoku, yabona, lisemazulwini ingqina lam; Ondivumelayo usezindaweni eziphezulu.
20. Abandigxekayo ngabethu aba; Iliso lam liyengezela kuThixo,
21. Ukuba alungisele umfo kuThixo, Ahlule phakathi komntu nommelwane wakhe.
22. Kuba iminyaka embalwa iza kudlula, Ndihambe ke umendo endingayi kubuya ngawo.
About UYobhi Chapter 16
Read UYobhi Chapter 16 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of UYobhi in the Old Testament. Continue reading with the chapter navigation above or explore the complete book.
Book Information
Book: UYobhi
Chapter: 16
Testament: Old Testament
How to Read this Chapter
Use the Previous and Next Chapter buttons to continue reading UYobhi. You can also adjust the font size for comfortable reading and browse other books of the Bible using the navigation links.
More Resources
Continue Reading the Bible
Continue reading UYobhi Chapter 16 and explore every book, chapter and verse of the Holy Bible. Use the navigation links above and below to move through the Scriptures with ease.
Frequently Asked Questions
What is UYobhi Chapter 16?
UYobhi Chapter 16 is part of the Book of UYobhi in the Holy Bible.
Can I read this chapter online?
Yes. You can read the complete UYobhi Chapter 16 online for free with easy chapter navigation.
More Chapters from ITestamente Endala
- UIsaya Chapter 1
- IGenesis Chapter 3
- ILevitikus Chapter 1
- UYoshuwa Chapter 10
- IEksodus Chapter 2
- IEksodus Chapter 1
- EcclesiastesImiZekeliso Chapter 2
Explore More from Uyobhi
- UYobhi Chapter 19
- UYobhi Chapter 17
- UYobhi Chapter 38
- UYobhi Chapter 31
- UYobhi Chapter 41
- UYobhi Chapter 3
- UYobhi Chapter 28