Read UYobhi Chapter 9 Online
Read UYobhi Chapter 9 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of UYobhi in the Old Testament. Browse every verse with easy chapter navigation, continue to the next chapter, or explore the complete Book of UYobhi and the Holy Bible online.
Choose a Chapter
UYobhi 9
Isahluko 9
1. Waphendula uYobhi, wathi,
2. Okwenene, ndiyazi ukuba kunjalo; Ke angathini na umntu lo ukuba lilungisa phambi koThixo?
3. Ukuba uthe yena wafuna ukubambana naye, Ubengemphenduli namnye umbuzo kweliwaka.
4. Ulumkile ngentliziyo, ukhaliphile ngamandla: Ngubani na okha agogotye kuye, aze asinde?
5. Uloshenxisa iintaba zingazi, Ukuba azibhukuqe ngomsindo wakhe;
6. Ulogungqisa ihlabathi, lisuke endaweni yalo, Zididizele iintsika zalo;
7. Ulothetha elangeni lingaphumi, Azitywine, azivingce, iinkwenkwezi ngeenxa zonke;
8. Ulotwabulula ixulu eyedwa, Anyathele emimangweni yolwandle;
9. Ulowenza iinkwenkwezi zeBhere, namaKroza, nesiLimela, Neengontsi zasezantsi.
10. Ulowenza izinto ezinkulu ezingenakugocwagocwa, Nemisebenzi ebalulekileyo engenakubalwa.
11. Yabona, udlula phezu kwam, ndingamboni; Uthi phe, ndingamqondi,
12. Yabona, exwila, ngubani na ongamnqandayo? Ngubani na ongathi kuye, Wenza ntoni na?
13. UThixo akawunqandi umsindo wakhe; Bayasibekeka phantsi kwakhe abancedi bakaRahabhi.
14. Ndingathini na ke mna ukumphendula, Ndiwakhethe amazwi am okuphendula kuye?
15. Nokuba bendililungisa mna, bendingemphenduli; Ndingatarhuzisa kuphela kumgwebi wam.
16. Ukuba bendithe ndabiza, wandiphendula, Bendingekholwa ukuba ulibekele indlebe ilizwi lam;
17. Kanye ubeya kundityumza ngoqhwithela, Awandise amanxeba am ngelize,
18. Angandiphi nokuba ndiphefumle; Ke ubeya kundihluthisa ngobukrakra.
19. Ukuba yinto yamandla ekhalipha, uthi, Ndim okhoyo! Ukuba yinto yomgwebo, uthi, Ngubani na oya kundimema?
20. Ukuba bendithe ndalilungisa, umlomo wam ubuya kundigweba; Ukuba bendithe ndagqibelela, ubeya kundenza umjibilizi.
21. Ndigqibelele; andiwukhathalele umphefumlo wam; Ndiyabucekisa ubomi bam.
22. Kunye oko; ngenxa yoko ndithi, Ogqibeleleyo nongendawo uyabatshabalalisa.
23. Ukuba iziniya ithe yabulala ngesiquphe, Uya kugculela ukuqotywa kwabamsulwa.
24. Ihlabathi linikelwe esandleni sabangendawo; Uyabugqubuthela ubuso babagwebi balo. Ukuba kanti akunjalo, kwenziwe ngubani na ke?
25. Imihla yam ikhawuleze ngaphezu kwesigidimi; Ibalekile, ayibonanga kulungileyo;
26. Ithe phe njengemikhombe yeengcongolo, Njengokhozi luxwila ixhoba.
27. Ndakuthi, Ndiya kuyilibala inkalazo yam, Ndibuyeke ubuso bam, ndincumeze,
28. Ndisuka ndinxunguphale ziimbulaleko zam zonke, Ndazi ukuba akuyi kuthi ndimsulwa.
29. Kuthiwa ndingongendawo mna; Yini na le nto ndifumana ndizixhamla?
30. Nokuba bendithe ndazihlamba ngamanzi ekhephu, Ndazihlambulula izandla zam ngesepha,
31. Ubuya kundithi gxwa emhadini, Ndibe lisikizi nakwiingubo zam.
32. Kuba akamntu yena, njengam nje, ukuba ndimphendule, Siye ndawonye ematyaleni.
33. Akukho mahluli phakathi kwethu, Wokubeka isandla sakhe phezu kwethu sobabini.
34. Makayisuse intonga yakhe kum, Isothuso sakhe masingandidandathekisi:
35. Ndothetha ke ndingamoyiki; Kuba andivi kunjalo mna eluvalweni lwam.
About UYobhi Chapter 9
Read UYobhi Chapter 9 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of UYobhi in the Old Testament. Continue reading with the chapter navigation above or explore the complete book.
Book Information
Book: UYobhi
Chapter: 9
Testament: Old Testament
How to Read this Chapter
Use the Previous and Next Chapter buttons to continue reading UYobhi. You can also adjust the font size for comfortable reading and browse other books of the Bible using the navigation links.
More Resources
Continue Reading the Bible
Continue reading UYobhi Chapter 9 and explore every book, chapter and verse of the Holy Bible. Use the navigation links above and below to move through the Scriptures with ease.
Frequently Asked Questions
What is UYobhi Chapter 9?
UYobhi Chapter 9 is part of the Book of UYobhi in the Holy Bible.
Can I read this chapter online?
Yes. You can read the complete UYobhi Chapter 9 online for free with easy chapter navigation.
More Chapters from ITestamente Endala
- UIsaya Chapter 1
- IGenesis Chapter 3
- UYoshuwa Chapter 10
- ILevitikus Chapter 1
- IEksodus Chapter 2
- IEksodus Chapter 1
- EcclesiastesImiZekeliso Chapter 2
Explore More from Uyobhi
- UYobhi Chapter 32
- UYobhi Chapter 42
- UYobhi Chapter 39
- UYobhi Chapter 16
- UYobhi Chapter 29
- UYobhi Chapter 19
- UYobhi Chapter 35