Read EcclesiastesImiZekeliso Chapter 1 Online
Read EcclesiastesImiZekeliso Chapter 1 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of EcclesiastesImiZekeliso in the Old Testament. Browse every verse with easy chapter navigation, continue to the next chapter, or explore the complete Book of EcclesiastesImiZekeliso and the Holy Bible online.
Choose a Chapter
EcclesiastesImiZekeliso 1
Isahluko 1
1. Amazwi eNtshumayeli, unyana kaDavide, ukumkani waseYerusalem.
2. Amampunge awo amampunge, itsho iNtshumayeli; amampunge awo amampunge, yonke into ingamampunge.
3. Unalungelo lini umntu emigudwini yakhe yonke, ayenzayo phantsi kwelanga?
4. Kumka esinye isizukulwana, kulandele esinye isizukulwana; ke lona ihlabathi limi ngonaphakade.
5. Ilanga liyaphuma, ilanga libuya litshone, liphikele endaweni yalo apho liphuma khona.
6. Umoya uya ezantsi, ujikeleze usinge entla, uhamba ujikajikeleza, ubuye ubuya umoya ekujikelezeni kwawo.
7. Yonke imilambo iya elwandle, ukanti ulwandle aluzali; endaweni eya kuyo imilambo, ibuya iye kwakhona.
8. Zonke izinto ziyazixhamla; umntu akanako ukuzithetha; alihluthi iliso kukubona, ayizali indlebe kukuva.
9. Into eyayikho yeya kubuya ibekho; into eyenzekayo yeya kubuya yenzeke yona. Akukho nto intsha phantsi kwelanga.
10. Ukuba kukho into ekuthiwa, Yabona, le intsha! ibiselikho kade, emaphakadeni abekho ngaphambi kwethu.
11. Akukho kukhumbula abokuqala; nabasemva abaya kubakho, abayi kukhunjulwa ngabaya kuza emva kwabo.
12. Mna, Ntshumayeli, ndibe ndingukumkani kwaSirayeli eYerusalem.
13. Intliziyo yam ndayinikela ukuba ingxoke, isingasinge ngobulumko, yonke into eyenzekayo phantsi kwezulu; ngumzamo ombi uThixo awunike oonyana babantu, ukuba bawuzame.
14. Ndazikhangela zonke izenzo ezenzekayo phantsi kwelanga; yabona, zonke zingamampunge nokusukelana nomoya.
15. Into egoso ayinakolulwa; into engekhoyo ayinakubalwa.
16. Ndathetha mna nentliziyo yam, ndisithi, Yabona, mna ndikhulise ndandisa ubulumko, ngaphezu kwabo bonke ababephethe iYerusalem phambi kwam; nentliziyo yam ibone kakhulu ubulumko nokwazi.
17. Intliziyo yam ndayinikela ekwazini ubulumko, nasekwazini ubugeza nobuyatha; kwanaloo nto ndayiqonda ukuba kukusukelana nomoya.
18. Ngokuba ebuninzini bobulumko kukho ukuhlelwa sisiyengelezane esininzi; owongeza ukwazi, wongeza umvandedwa.
About EcclesiastesImiZekeliso Chapter 1
Read EcclesiastesImiZekeliso Chapter 1 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of EcclesiastesImiZekeliso in the Old Testament. Continue reading with the chapter navigation above or explore the complete book.
Book Information
Book: EcclesiastesImiZekeliso
Chapter: 1
Testament: Old Testament
How to Read this Chapter
Use the Previous and Next Chapter buttons to continue reading EcclesiastesImiZekeliso. You can also adjust the font size for comfortable reading and browse other books of the Bible using the navigation links.
More Resources
Continue Reading the Bible
Continue reading EcclesiastesImiZekeliso Chapter 1 and explore every book, chapter and verse of the Holy Bible. Use the navigation links above and below to move through the Scriptures with ease.
Frequently Asked Questions
What is EcclesiastesImiZekeliso Chapter 1?
EcclesiastesImiZekeliso Chapter 1 is part of the Book of EcclesiastesImiZekeliso in the Holy Bible.
Can I read this chapter online?
Yes. You can read the complete EcclesiastesImiZekeliso Chapter 1 online for free with easy chapter navigation.
More Chapters from ecclesiastesimizekeliso
- EcclesiastesImiZekeliso Chapter 2
- EcclesiastesImiZekeliso Chapter 7
- EcclesiastesImiZekeliso Chapter 3
- EcclesiastesImiZekeliso Chapter 6
- EcclesiastesImiZekeliso Chapter 11
- EcclesiastesImiZekeliso Chapter 9
- EcclesiastesImiZekeliso Chapter 12
Explore More from ITestamente Endala
- UAmos Chapter 4
- 2 YooKumkani Chapter 20
- IGenesis Chapter 50
- 1 KaSamuweli Chapter 23
- 2 KaSamuweli Chapter 7
- 1 YooKumkani Chapter 10
- IiNdumiso Chapter 21