UZefaniya Chapter 1

For English

Read UZefaniya Chapter 1 Online

Read UZefaniya Chapter 1 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of UZefaniya in the Old Testament. Browse every verse with easy chapter navigation, continue to the next chapter, or explore the complete Book of UZefaniya and the Holy Bible online.

Choose a Chapter

UZefaniya 1

Isahluko 1

1. Ilizwi likaYehova elafika kuZefaniya unyana kaKushi, unyana kaGedaliya, unyana ka-Amariya, unyana kaHezekiya, ngemihla kaYosiya unyana ka-Amon, ukumkani wakwaYuda.

2. Ndiya kususa ndiyisuse into yonke ehlabathini; utsho uYehova.

3. Ndiya kususa abantu neenkomo; ndiya kususa iintaka zezulu, neentlanzi zolwandle; nezikhubekiso kunye nabangendawo; ndibanqamle abantu emhlabeni; utsho uYehova.

4. Ndiya kusolula isandla sam phezu koYuda, naphezu kwabemi bonke baseYerusalem, ndinqamle kuyo le ndawo amasalela akwaBhahali, negama lababingeleli abangengabo, kunye nababingeleli;

5. nabaqubuda kumkhosi wezulu phezu kwezindlu, nabaqubudi abazinikela kuYehova ngesifungo, bafunge ukumkani wabo;

6. nababuya umva kuYehova, nabangamfunanga uYehova, abangamquqelanga.

7. Yithini tu ebusweni beNkosi uYehova; ngokuba isondele imini kaYehova; kuba uYehova ulungise umbingelelo, ungcwalise abamenywa bakhe.

8. Kuya kuthi ngemini yombingelelo kaYehova, ndibavelele abathetheli, noonyana bokumkani, nabo bonke abambatha izambatho zolunye uhlanga.

9. Ndobavelela ngaloo mini bonke abatsiba embundwini womnyango, abazalisa indlu yenkosi yabo ngogonyamelo nenkohliso.

10. Kothi ngaloo mini, utsho uYehova, kuvele izwi lokukhala esangweni leentlanzi, kuvele nokubhomboloza kwesesibini isahlulo somzi, kuvele ukuqhekeka okukhulu ezindulini.

11. Bhombolozani, bemi basemgongxweni, kuba badakile bonke abantu bakwaKanan, banqunyulwe bonke abathwali besilivere.

12. Kuya kuthi ngelo xesha, ndiyigqutha gquthe iYerusalem ndinezibane, ndiwavelele amadoda agovalele ezintliziyweni zawo; atshoyo ukuthi ezintliziyweni zawo, UYehova akenzi kulungileyo, akenzi nakubi.

13. Ubutyebi bawo buya kudywidwa, nezindlu zawo zibe ngamanxuwa; akhe izindlu, angazihlali; atyale izidiliya, angayiseli iwayini yazo.

14. Isondele imini enkulu kaYehova, isondele, ikhawulezile kakhulu. Yivani, imini kaYehova! Liyakhala ngokukrakra khona igorha.

15. Loo mini yimini yokuphuphuma komsindo, yimini yembandezelo nocutheko, yimini yentshabalala yakwantshabalala, yimini yobumnyama nesithokothoko, yimini yamafu, namafu amnyama;

16. yimini yesigodlo nokuhlaba umkhosi emizini enqatyisiweyo, naseluqoqweni olude.

17. Ndiya kubabandezela abantu, bahambe ngokweemfama, kuba bonile kuYehova; liphalazwe igazi labo njengothuli, nenyama yabo njengobulongo.

18. Nesilivere yabo negolide yabo ayisayi kuba nako ukubahlangula ngemini yokuphuphuma komsindo kaYehova; lotshiswa lonke ihlabathi ngumlilo wekhwele lakhe. Ngokuba uya kubaphelisa, inene, abenze into ekhwankqisayo bonke abemi behlabathi.

About UZefaniya Chapter 1

Read UZefaniya Chapter 1 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of UZefaniya in the Old Testament. Continue reading with the chapter navigation above or explore the complete book.

Book Information

Book: UZefaniya
Chapter: 1
Testament: Old Testament

How to Read this Chapter

Use the Previous and Next Chapter buttons to continue reading UZefaniya. You can also adjust the font size for comfortable reading and browse other books of the Bible using the navigation links.

https://www.youtube.com/watch?v=rzsT_Q3KLzE

More Resources

Continue Reading the Bible

Continue reading UZefaniya Chapter 1 and explore every book, chapter and verse of the Holy Bible. Use the navigation links above and below to move through the Scriptures with ease.

Frequently Asked Questions

What is UZefaniya Chapter 1?

UZefaniya Chapter 1 is part of the Book of UZefaniya in the Holy Bible.

Can I read this chapter online?

Yes. You can read the complete UZefaniya Chapter 1 online for free with easy chapter navigation.

More Chapters from ITestamente Endala

  1. UIsaya Chapter 1
  2. IGenesis Chapter 3
  3. ILevitikus Chapter 1
  4. UYoshuwa Chapter 10
  5. IEksodus Chapter 2
  6. EcclesiastesImiZekeliso Chapter 1
  7. IEksodus Chapter 1

Explore More from Uzefaniya

  1. UZefaniya Chapter 3
  2. UZefaniya Chapter 2

Related Chapters & Readings

  1. INumeri Chapter 15
  2. IiNdumiso Chapter 146
  3. UYoshuwa Chapter 13
  4. IZenzo Chapter 6
  5. 2 YeziKronike Chapter 20
  6. IEksodus Chapter 4
  7. IsiTyhilelo Chapter 22
Share Your Love

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *