IGenesis Chapter 7

For English

Read IGenesis Chapter 7 Online

Read IGenesis Chapter 7 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of IGenesis in the Old Testament. Browse every verse with easy chapter navigation, continue to the next chapter, or explore the complete Book of IGenesis and the Holy Bible online.

Choose a Chapter

IGenesis 7

Isahluko 7

1. Wathi uYehova kuNowa, Ngena, wena nendlu yakho yonke, emkhombeni, ngokuba ndibona wena ilungisa phambi kwam kwesi sizukulwana.

2. Kwizinto zonke ezizitho zine ezihlambulukileyo, thabathela kuwe ngasixhenxe, ngasixhenxe, inkunzi nemazi yayo; kwizinto ezizitho zine eziziinqambi thabatha ngambini, inkunzi nemazi yayo;

3. nakwiintaka zezulu ngasixhenxe, ngasixhenxe, inkunzi nemazi, ukuze imbewu igcinakale ehlabathini lonke.

4. Kuba zisesixhenxe iintsuku, ndize ndinise imvula ehlabathini iimini zibe mashumi mane nobusuku obumashumi mane, ndiyicime into yonke emiyo endayenzayo, ingabikho phezu kwehlabathi.

5. Wenza uNowa konke uYehova awamwisela umthetho ngako.

6. UNowa waye eminyaka imakhulu mathandathu ezelwe, wabakho unogumbe wamanzi ehlabathini.

7. Wangena uNowa emkhombeni, enoonyana bakhe, nomkakhe, nabafazi boonyana bakhe, ndawonye naye, ngenxa yamanzi onogumbe.

8. Kuzo izinto ezizitho zine ezihlambulukileyo, nakuzo izinto ezizitho zine eziziinqambi, nakuzo iintaka, nakuzo zonke izinto ezinambuzelayo emhlabeni,

9. kwangena ngambini, ngambini, kuNowa emkhombeni, inkunzi nemazi, njengoko uThixo abemwisele umthetho uNowa.

10. Kwathi emva kweentsuku ezisixhenxe, amanzi onogumbe abakho ehlabathini.

11. Ngomnyaka wamakhulu omathandathu wokudla ubomi kukaNowa, ngenyanga yesibini, ngosuku lweshumi elinesixhenxe enyangeni leyo, kanye ngayo loo mini, yagqabhuka yonke imithombo yamanzi enzonzobila enkulu, iingcango zezulu zavuleka.

12. Wabakho umvumbi wemvula ehlabathini iimini ezimashumi mane nobusuku obumashumi mani.

13. Wangena emkhombeni kwangaloo mini uNowa, noShem noHam noYafete, oonyana bakaNowa, nomkaNowa, nabafazi bobathathu boonyana bakhe, ndawonye naye.

14. Bona, neento zonke eziphilileyo ngohlobo lwazo, nezinto zonke ezizitho zine ngohlobo lwazo, nezinambuzane zonke ezinambuzelayo emhlabeni ngohlobo lwazo, neentaka zonke ngohlobo lwazo, iinto zonke eziphaphazelayo, ezinamaphiko,

15. zangena kuNowa emkhombeni, ngambini, ngambini, kwinyama yonke enomoya wokuphila kuyo.

16. Zangena iinkunzi neemazi kwinyama yonke; zangena njengoko uThixo abemwisele umthetho. UYehova wamvalela ngaphakathi.

17. Yaba ngunogumbe imihla emashumi mane ehlabathini, enyuka amanzi, awufukula umkhombe, wafunquleka emhlabeni.

18. Aba namandla amanzi, enyuka kunene ehlabathini, wahamba umkhombe phezu kwamanzi.

19. Aba namandla amanzi kunene kakhulu ehlabathini, zagutyungelwa zonke iintaba eziphakamileyo kakhulu, eziphantsi kwamazulu onke.

20. Aba namandla amanzi, ada aba ziikubhite ezilishumi elinantlanu, ethabathela phezulu; zagutyungelwa ke iintaba.

21. Yaphuma umphefumlo yonke inyama enambuzelayo emhlabeni, kwiintaka, nakwizinto ezizitho zine, nakwizinto eziphilileyo, nakwinyakanyaka yonke enyakazelayo emhlabeni, nabantu bonke.

22. Iinto zonke ezikuphefumla komoya wokuphila kusemathatheni azo, kwiinto zonke ezisemhlabeni owomileyo, zafa.

23. Zabhujiswa ke izinto zonke ezimiyo, eziphezu komhlaba, kwathabathela emntwini kwesa ezintweni ezizitho zine, nasezinambuzaneni, nasezintakeni zezulu; zabhujiswa azabakho ehlabathini; kwasala uNowa yedwa, nababenaye emkhombeni.

24. Aba namandla amanzi ehlabathini imihla elikhulu elinamanci mahlanu.

About IGenesis Chapter 7

Read IGenesis Chapter 7 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of IGenesis in the Old Testament. Continue reading with the chapter navigation above or explore the complete book.

Book Information

Book: IGenesis
Chapter: 7
Testament: Old Testament

How to Read this Chapter

Use the Previous and Next Chapter buttons to continue reading IGenesis. You can also adjust the font size for comfortable reading and browse other books of the Bible using the navigation links.

https://www.youtube.com/watch?v=rzsT_Q3KLzE

More Resources

Continue Reading the Bible

Continue reading IGenesis Chapter 7 and explore every book, chapter and verse of the Holy Bible. Use the navigation links above and below to move through the Scriptures with ease.

Frequently Asked Questions

What is IGenesis Chapter 7?

IGenesis Chapter 7 is part of the Book of IGenesis in the Holy Bible.

Can I read this chapter online?

Yes. You can read the complete IGenesis Chapter 7 online for free with easy chapter navigation.

More Chapters from Igenesis

  1. IGenesis Chapter 3
  2. IGenesis Chapter 1
  3. IGenesis Chapter 10
  4. IGenesis Chapter 5
  5. IGenesis Chapter 42
  6. IGenesis Chapter 31
  7. IGenesis Chapter 20

Explore More from ITestamente Endala

  1. ImiZekeliso Chapter 28
  2. IEksodus Chapter 31
  3. 1 YooKumkani Chapter 15
  4. UYoshuwa Chapter 21
  5. IiNdumiso Chapter 70
  6. IiNdumiso Chapter 110
  7. 2 YooKumkani Chapter 5

Related Chapters & Readings

  1. UIsaya Chapter 20
  2. 2 YeziKronike Chapter 25
  3. IiNdumiso Chapter 55
  4. UYohane Chapter 10
  5. IiNdumiso Chapter 140
  6. UIsaya Chapter 39
  7. IiNdumiso Chapter 116
Share Your Love

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *