2 KaSamuweli Chapter 10

For English

Read 2 KaSamuweli Chapter 10 Online

Read 2 KaSamuweli Chapter 10 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of 2 KaSamuweli in the Old Testament. Browse every verse with easy chapter navigation, continue to the next chapter, or explore the complete Book of 2 KaSamuweli and the Holy Bible online.

Choose a Chapter

2 KaSamuweli 10

Isahluko 10

1. Kwathi emveni kokuba njalo, wafa ukumkani woonyana baka-Amon; wangukumkani uHanun, unyana wakhe, esikhundleni sakhe.

2. Wathi ke uDavide, Mandimenzele inceba uHanun, unyana kaNahashe, njengokuba noyise wandenzelayo inceba. Wathumela uDavide ngesandla sabakhonzi bakhe ukumkhuza ngaye uyise. Beza ke abakhonzi bakaDavide ezweni loonyana baka-Amon.

3. Bathi abathetheli boonyana baka-Amon kuHanun inkosi yabo, Ucinga ukuba uDavide uzukisa uyihlo na emehlweni akho, ngokuba ethume abakhuzi kuwe? UDavide akabathumele na abakhonzi bakhe kuwe ukuze awugocagoce umzi, awuhlole, awubhukuqe?

4. Wabathabatha ke uHanun abakhonzi bakaDavide, wabaguya elinye icala leendevu zabo, wazicanda phakathi iingubo zabo ezinde, wada waya kuma ngemisekela, wabandulula ke.

5. Waxelelwa uDavide; wathuma izigidimi zokubakhawulela; ngokuba amadoda lawo abehlaziswe kunene. Wathi ukumkani, Hlalani eYeriko, zide zihlume iindevu zenu, nandule ukubuya.

6. Babona oonyana baka-Amon ukuba bazinukisile kuDavide, bathumela ke oonyana baka-Amon, baqesha kuma-Aram aseBhete-rehobhi, nakuma-Aram aseTsobha, amashumi amabini amawaka angumqikela; nakukumkani waseMahaka iwaka lamadoda; nakumadoda aseTobhi ishumi elinamabini lamawaka amadoda.

7. Weva uDavide; wathuma uYowabhi enomkhosi wonke wamagorha.

8. Baphuma oonyana baka-Amon, bakha izintlu zokulwa ekungeneni kwesango; ama-Aram aseTsobha, nawaseRehobhi, namadoda aseTobhi, nawaseMahaka aba wodwa endle.

9. Wabona uYowabhi ukuba imfazwe ibheke kuye, ngaphambili nangasemva, wanyula emadodeni onke ahleliweyo kwaSirayeli, wakha uluhlu malunga nama-Aram.

10. Abanye abantu wabanikela esandleni sika-Abhishayi, umninawa wakhe, wabakha baluluhlu malunga noonyana baka-Amon.

11. Wathi, Ukuba ama-Aram athe andeyisa, wondisiza; ukuba bathe oonyana baka-Amon bakoyisa, ndoza kukusiza.

12. Yomelela, somelele ngenxa yabantu bakowethu, nangenxa yemizi yoThixo wethu; uYehova enze oko kulungileyo emehlweni akhe.

13. Weza uYowabhi nabantu ababenaye, walwa nama-Aram; asaba ebusweni bakhe.

14. Babona oonyana baka-Amon ukuba asabile ama-Aram, basaba nabo ebusweni buka-Abhishayi, bangena ekhaya. Wabuya ke uYowabhi koonyana baka-Amon, weza eYerusalem.

15. Abona ama-Aram ukuba agxothiwe phambi kwamaSirayeli, ahlanganisana ndawonye.

16. Wathumela uHadadezere, wawarhola ama-Aram abephesheya koMlambo, eza eHelam; uShobhaki, umthetheli womkhosi kaHadadezere, ephambi kwawo.

17. Kwaxelwa kuDavide; wahlanganisa amaSirayeli onke, wayiwela iYordan, waya eHelam. Akha izintlu ama-Aram malunga noDavide, alwa naye.

18. Asaba ama-Aram ebusweni bamaSirayeli. UDavide wabulala kuma-Aram amakhulu asixhenxe abeenqwelo zokulwa, namashumi amane amawaka abamahashe. Waxabela noShobhaki, umthetheli womkhosi wawo, wafela khona.

19. Bonke ookumkani abakhonza uHadadezere babona ukuba bagxothiwe phambi kwamaSirayeli, baxolelana namaSirayeli, bawakhonza. Oyika ke ama-Aram ukuba sabasiza oonyana baka-Amon.

About 2 KaSamuweli Chapter 10

Read 2 KaSamuweli Chapter 10 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of 2 KaSamuweli in the Old Testament. Continue reading with the chapter navigation above or explore the complete book.

Book Information

Book: 2 KaSamuweli
Chapter: 10
Testament: Old Testament

How to Read this Chapter

Use the Previous and Next Chapter buttons to continue reading 2 KaSamuweli. You can also adjust the font size for comfortable reading and browse other books of the Bible using the navigation links.

https://www.youtube.com/watch?v=rzsT_Q3KLzE

More Resources

Continue Reading the Bible

Continue reading 2 KaSamuweli Chapter 10 and explore every book, chapter and verse of the Holy Bible. Use the navigation links above and below to move through the Scriptures with ease.

Frequently Asked Questions

What is 2 KaSamuweli Chapter 10?

2 KaSamuweli Chapter 10 is part of the Book of 2 KaSamuweli in the Holy Bible.

Can I read this chapter online?

Yes. You can read the complete 2 KaSamuweli Chapter 10 online for free with easy chapter navigation.

More Chapters from 2-kasamuweli

  1. 2 KaSamuweli Chapter 23
  2. 2 KaSamuweli Chapter 16
  3. 2 KaSamuweli Chapter 21
  4. 2 KaSamuweli Chapter 12
  5. 2 KaSamuweli Chapter 7
  6. 2 KaSamuweli Chapter 5
  7. 2 KaSamuweli Chapter 17

Explore More from ITestamente Endala

  1. UYobhi Chapter 3
  2. AbaGwebi Chapter 21
  3. UYeremiya Chapter 45
  4. UEstere Chapter 2
  5. INumeri Chapter 21
  6. UYobhi Chapter 38
  7. IziLilo Chapter 1

Related Chapters & Readings

  1. UZekariya Chapter 2
  2. IZenzo Chapter 6
  3. AbaGwebi Chapter 16
  4. IGenesis Chapter 33
  5. UYohane Chapter 4
  6. 1 KwabaseKorinte Chapter 16
  7. UMateyu Chapter 24
Share Your Love

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *