UMarko Chapter 5

For English

Read UMarko Chapter 5 Online

Read UMarko Chapter 5 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of UMarko in the New Testament. Browse every verse with easy chapter navigation, continue to the next chapter, or explore the complete Book of UMarko and the Holy Bible online.

Choose a Chapter

UMarko 5

Isahluko 5

1. Bafika phesheya kolwandle kummandla wabaseGadara.

2. Akuba ephumile emkhombeni, wahlangatyezwa kwaoko ngumntu onomoya ongcolileyo, ephuma emangcwabeni,

3. obehlala emangcwabeni apho. Kwaye kungekho bani unako ukumbopha nangemixokelelwane;

4. ngenxa yokuba wayebotshwe futhi ngamakhamandela nangemixokelelwane, asuke ayijace yena imixokelelwane, awakroboze namakhamandela; kwaye kungekho bani unamandla okumdambisa.

5. Ube ehlala ubusuku nemini esezintabeni nasemangcwabeni, ekhala, ezijeca ngamatye.

6. Uthe ke akumbona UYesu ekude, wagidima, waya waqubuda kuye,

7. wakhala ngezwi elikhulu, wathi, Yini na enam nawe, Yesu, Nyana kaThixo Osenyangweni? Ndiya kufungisa uThixo ukuba ungandithuthumbisi.

8. Kuba ebethe kuye, Phuma emntwini apho, moyandini ungcolileyo.

9. Wayembuza esithi, Ungubani na wena igama? Waphendula esithi, NguMkhosi igama lam; kuba sibaninzi.

10. Waye ke embongoza kakhulu ukuba angabandululi bemke kwelo zwe.

11. Bekukho ke apho ngasezintabeni ugxuba olukhulu lweehagu lusidla.

12. Zambongoza zonke iidemon, zisithi, Sithumele ezihagwini, ukuze singene kuzo.

13. Wazivumela kwaoko uYesu. Baphuma ke oomoya abangcolileyo, baya kungena ezihagwini; lwaza ugxuba lwaphaphatheka, lwehla eweni, lwela elwandle; zaye ke iihagu ezo ngathi zimawaka mabini; zarhaxwa elwandle apho.

14. Bathe ke abo babezalusa iihagu basaba, babika ekhaya nasemaphandleni. Baphuma ke baya kuyibona loo nto ihlileyo, ukuba iyintoni na.

15. Bafike kuYesu, bambone obephethwe ziidemon, lowo ke wayenomkhosi, ehleli, ambathisiwe, enengqondo ephilileyo; baza boyika.

16. Abo babeyibonile le nto babacokisela, ukuba kuthekeni na kobephethwe ziidemon; kwanokweehagu.

17. Baqala ukumbongoza ukuba emke emideni yabo.

18. Akubon’ ukuba ungene emkhombeni, wathi lowo ubephethwe ziidemon wambongoza ukuba abe naye.

19. Kodwa uYesu akamvumelanga. Usuke wathi kuye, Hamba, uye endlwini yakho kwabakowenu, ubabikele oko zingako ukuba zinkulu izinto ekwenzele zona iNkosi, yaba nenceba engaka kuwe.

20. Wemka, waqala ukuzivakalisa eDekapoli oko zingako ukuba zinkulu izinto uYesu abemenzele zona; bamangaliswa bonke.

21. Ke kaloku, akubon’ ukuba uYesu uwelile ngomkhombe, wabuya weza kwelinye icala, kwahlanganisana kuye isihlwele esikhulu; waye engaselwandle apho.

22. Kubonakele kusiza omnye wakubaphathi bendlu yesikhungu, ogama linguYayiro; athi akumbona, awe ezinyaweni zakhe,

23. ambongoze kunene, esithi, Intombazana yam isindekile; khawuze uzibeke izandla phezu kwayo, ukuze isindiswe; yophila.

24. Wesuka wahamba naye; yaye indimbane enkulu imlandela, imxinile.

25. Intokazi ethile, eyayinethombo legazi iminyaka elishumi elinamibini,

26. eyayive ubunzima obuninzi kumagqirha amaninzi, eyayidleke konke ebinako, ingasizakali lutho, imana ukuba mandundu:

27. yathi yakuva ngaye uYesu, yeza phakathi kwesihlwele ngasemva, yayichukumisa ingubo yakhe;

28. kuba ibisithi, Ukuba ndithe ndachukumisa neengubo zakhe ezi, ndosindiswa.

29. Watsha kwaoko umthombo wegazi layo; yeva emzimbeni wayo ukuba iphilisiwe kweso sibetho.

30. UYesu, ethe kwaoko wawazi ngaphakathi kwakhe amandla aphume kuye, wajika esendimbaneni, wathi, Ngubani na ochukumise iingubo zam?

31. Bathi kuye abafundi bakhe, Ubona nje ukuba isihlwele sikuxinile, utsho na ukuthi, Ngubani na ondichukumisileyo?

32. Wasingasinga, ukuba ambone lowo uyenzileyo le nto.

33. Ithe ke intokazi leyo, isoyika, igubha, ikwazi oko kwenzekileyo kuyo, yeza yawa phantsi kuye, yamxelela inyaniso yonke.

34. Wathi ke kuyo, Ntombi yam, ukholo lwakho lukusindisile; hamba unoxolo, phila kweso sibetho sakho.

35. Kuthi esathetha yena, kufike abakulomphathi wendlu yesikhungu, besithi, Intombi yakho ifile; usamkhathazelani na uMfundisi?

36. Aze kwaoko uYesu, elivile elo zwi lithethwa, athi kumphathi wendlu yesikhungu, Musa ukoyika, kholwa kodwa wena.

37. Akavumela mntu ukuba alandelane naye, kwakuphela nguPetros noYakobi noYohane, umzalwana kaYakobi.

38. Afike endlwini yomphathi wendlu yesikhungu, abone isiphithiphithi, abalilayo nabenza isijwili esikhulu.

39. Akungena uthi kubo, Yini na ukuba niphithizele nilile? Akafile umntwana, ulele.

40. Basuka bamwa ngentsini. Athi akubakhupha bona bonke, amthabathe uyise womntwana nonina, nabo babenaye, angene apho wayelele khona umntwana.

41. Ambambe ngesandla umntwana, athi kuye, Talita, kumi; oko kukuthi, ngentetho evakalayo, Ntombazana, ndithi kuwe, Vuka!

42. Yavuka kwaoko intombazana leyo, yahambahamba; kuba ibiminyaka ilishumi elinamibini izelwe. Bathi nqa ngokuthi nqa okukhulu.

43. Wabayala kakhulu ukuba kungaziwa mntu oku; watsho nokuthi, mayiphiwe idle.

About UMarko Chapter 5

Read UMarko Chapter 5 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of UMarko in the New Testament. Continue reading with the chapter navigation above or explore the complete book.

Book Information

Book: UMarko
Chapter: 5
Testament: New Testament

How to Read this Chapter

Use the Previous and Next Chapter buttons to continue reading UMarko. You can also adjust the font size for comfortable reading and browse other books of the Bible using the navigation links.

https://www.youtube.com/watch?v=rzsT_Q3KLzE

More Resources

Continue Reading the Bible

Continue reading UMarko Chapter 5 and explore every book, chapter and verse of the Holy Bible. Use the navigation links above and below to move through the Scriptures with ease.

Frequently Asked Questions

What is UMarko Chapter 5?

UMarko Chapter 5 is part of the Book of UMarko in the Holy Bible.

Can I read this chapter online?

Yes. You can read the complete UMarko Chapter 5 online for free with easy chapter navigation.

More Chapters from ITestamente Entsha

  1. IsiTyhilelo Chapter 21
  2. IsiTyhilelo Chapter 10
  3. IsiTyhilelo Chapter 1
  4. IsiTyhilelo Chapter 14
  5. IsiTyhilelo Chapter 8
  6. UYohane Chapter 1
  7. IsiTyhilelo Chapter 13

Explore More from umarko

  1. UMarko Chapter 1
  2. UMarko Chapter 8
  3. UMarko Chapter 9
  4. UMarko Chapter 12
  5. UMarko Chapter 7
  6. UMarko Chapter 10
  7. UMarko Chapter 2

Related Chapters & Readings

  1. 2 YeziKronike Chapter 31
  2. UIsaya Chapter 46
  3. IiNdumiso Chapter 81
  4. IEksodus Chapter 39
  5. 2 YeziKronike Chapter 28
  6. KumaHebhere Chapter 9
  7. UYoweli Chapter 2
Share Your Love

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *