UIsaya Chapter 23

For English

Read UIsaya Chapter 23 Online

Read UIsaya Chapter 23 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of UIsaya in the Old Testament. Browse every verse with easy chapter navigation, continue to the next chapter, or explore the complete Book of UIsaya and the Holy Bible online.

Choose a Chapter

UIsaya 23

Isahluko 23

1. Isihlabo esisingisele kwiTire. Bhombolozani, nina zinqanawa zaseTarshishe, ngokuba ibhuqiwe, akwabakho ndlu, akwabakho kungena.

2. Bakutyhilelwe ezweni lamaKiti. Yithini cwaka, bemi bonxweme; wena uzaliswe ngabarhwebi baseTsidon, abawela ulwandle.

3. Yayisemanzini amakhulu imbewu yaseSihore, ukuvuna koMnayile kwaba lungeniselo kuyo; yaba yindawo yokurhweba kweentlanga.

4. Dana, Tsidon; kuba luthethile ulwandle, inqaba yolwandle, lwathi, Andizibhijabhijanga, andizalanga, andikhulisanga mlisela, andondlanga mthinjana.

5. Lothi lwakuthi ukuthi ukufika olu daba eYiputa, basuke bazibhijabhije ngodaba olungeTire.

6. Welelani niye eTarshishe; bhombolozani, bemi bonxwene.

7. Kunje na kuwe, wena mvuyeleli, ukuvela kwakho kukho kwasemihleni yamandulo, iinyawo zakho zakusa kude, ukuba uye kuthi vu?

8. Ngubani na lo ucebe le nto ngeTire, ngomzi othwesa ngezithsaba, obarhwebi bawo bangabathetheli, obathengeli bawo bangabazukileyo behlabathi?

9. Icetywe nguYehova wemikhosi, ukuba angcolise ubungangamsha bamakhazikhazi onke, ukuba acukuceze bonke abazukileyo behlabathi.

10. Canda kulo ilizwe lakowenu njengoMnayile, ntombi inguTarshishe; akusekho luqhwemesha lukuxinileyo.

11. Isandla sakhe usolulele phezu kolwandle, ugungqise izikumkani. UYehova uwise umthetho ngelakwaKanan wokutshabalalisa iinqaba zalo.

12. Wathi, Akuyi kuba sabuya udlamke, nkazana idlwengulweyo, ntombi inguTsidon. Suk’ ume, welela kumaKiti; nalapho akuyi kuba nakuphumla.

13. Yabona, ilizwe lamaKaledi, ngabantu ababengekho; ama-Asiriya abamisela ukuba babe ngabomqwebedu; bamisa iimboniselo zabo, bezinqika iingxande zalo ezinde, bezenza umwewe.

14. Bhombolozani, zinqanawa zaseTarshishe, ngokuba ibhuqiwe inqaba yenu.

15. Kuya kuthi ngaloo mini, ilityalwe iTire iminyaka engamashumi asixhenxe, njengemihla yokumkani omnye. Ekupheleni kweminyaka engamashumi asixhenxe kuya kwenzeka kwiTire ngokwengoma yehenyukazi, ethi,

16. Thabatha uhadi uwujikajike umzi, henyukazi lilityelweyo; betha kamnandi; vuma iingoma ezininzi, ukuze ukhunjulwe.

17. Kuya kuthi ekupheleni kweminyaka emashumi asixhenxe, ayivelele iTire uYehova, ibuyele elutsheqweni lwayo, ihenyuzane nezikumkani zonke zehlabathi eziphezu komhlaba;

18. lube ngcwele kuYehova urhwebo lwayo notsheqo lwayo; aluyi kubekwa, aluyi kuqwetywa; kuba urhwebo lwayo luya kuba lolwabahleli phambi koYehova, ukuze badle bahluthe, nokuze bambathe ngokobunene.

About UIsaya Chapter 23

Read UIsaya Chapter 23 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of UIsaya in the Old Testament. Continue reading with the chapter navigation above or explore the complete book.

Book Information

Book: UIsaya
Chapter: 23
Testament: Old Testament

How to Read this Chapter

Use the Previous and Next Chapter buttons to continue reading UIsaya. You can also adjust the font size for comfortable reading and browse other books of the Bible using the navigation links.

https://www.youtube.com/watch?v=rzsT_Q3KLzE

More Resources

Continue Reading the Bible

Continue reading UIsaya Chapter 23 and explore every book, chapter and verse of the Holy Bible. Use the navigation links above and below to move through the Scriptures with ease.

Frequently Asked Questions

What is UIsaya Chapter 23?

UIsaya Chapter 23 is part of the Book of UIsaya in the Holy Bible.

Can I read this chapter online?

Yes. You can read the complete UIsaya Chapter 23 online for free with easy chapter navigation.

More Chapters from ITestamente Endala

  1. UIsaya Chapter 1
  2. IGenesis Chapter 3
  3. UYoshuwa Chapter 10
  4. ILevitikus Chapter 1
  5. IEksodus Chapter 2
  6. IEksodus Chapter 1
  7. EcclesiastesImiZekeliso Chapter 1

Explore More from Uisaya

  1. UIsaya Chapter 3
  2. UIsaya Chapter 22
  3. UIsaya Chapter 37
  4. UIsaya Chapter 4
  5. UIsaya Chapter 31
  6. UIsaya Chapter 47
  7. UIsaya Chapter 32

Related Chapters & Readings

  1. ImiZekeliso Chapter 28
  2. UHezekile Chapter 4
  3. ULuka Chapter 13
  4. IEksodus Chapter 10
  5. IiNdumiso Chapter 149
  6. KwabaseKolose Chapter 2
  7. IiNdumiso Chapter 124
Share Your Love

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *