Read 2 YeziKronike Chapter 2 Online
Read 2 YeziKronike Chapter 2 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of 2 YeziKronike in the Old Testament. Browse every verse with easy chapter navigation, continue to the next chapter, or explore the complete Book of 2 YeziKronike and the Holy Bible online.
Choose a Chapter
2 YeziKronike 2
Isahluko 2
1. USolomon wacinga ukulakhela indlu igama likaYehova, nokubakhela indlu ubukumkani bakhe.
2. USolomon wamisa amashumi osixhenxe amawaka amadoda angabathwali, namashumi asibhozo amawaka amadoda angabaqingqi bamatye, nangabasebenzi bemithi, ezintabeni; nabongameli bawo abangamawaka amathathu anamakhulu mathandathu.
3. Wathumela uSolomon kuHiram ukumkani waseTire, wathi, Njengoko wakwenzayo kuDavide ubawo, wathumela kuye imisedare yokuzakhela indlu yokuba ahlale kuyo, yenjenjalo nakum.
4. Yabona, ndilakhela indlu igama likaYehova uThixo wam, ukuba ingcwaliselwe yena, kuqhunyiselwe phambi kwakhe isiqhumiso esiqholiweyo, kucwangciswe ngamaxesha onke ukucwangciswa kwezonka, kunyuswe amadini anyukayo kusasa nangokuhlwa, ngeesabatha, nasekuthwaseni kwenyanga, nangamaxesha amisiweyo nguYehova uThixo wethu; yeyaphakade loo nto kumaSirayeli.
5. Indlu endiyakhayo inkulu; ngokuba mkhulu uThixo wethu koothixo bonke.
6. Ngubani na onamandla okumakhela indlu; ngokuba izulu, nezulu lawo amazulu, alimlingene? Ndingubani na ke mna, ukuba ndimakhele indlu, ingaba yeyokuqhumisela phambi kwakhe kodwa?
7. Ndithumele ke ngoko indoda enobugcisa ukusebenza ngegolide, nangesilivere, nangobhedu, nangesinyithi, nangemisonto emfusa nebomvu nemsi, ekwaziyo ukukrola ndawonye nabalumkileyo abakum kwaYuda naseYerusalem, abalungiswayo nguDavide ubawo.
8. Ndithumele nemisedare, nemisipres, nemialgumi, evela eLebhanon; ngokuba ndiyazi mna ukuba abakhonzi bakho bayakwazi ukugawula imithi eLebhanon. Yabona abakhonzi bam bohamba nabakhonzi bakho,
9. bandilungisele imithi emininzi; ngokuba indlu endiyakhayo inkulu ngokubalulekileyo.
10. Yabona abaqingqi abo nabasebenzi bemithi, abakhonzi bakho abo, ndobanika ingqolowa ukuba ibe kukudla, iikore ezingamawaka angamashumi mabini, nerhasi iikore ezingamawaka angamashumi mabini, neebhate zewayini ezingamawaka angamashumi mabini, neebhate zeoli ezingamawaka angamashumi mabini.
11. UHiram ukumkani waseTire wathumela kuSolomon ngokubhala, wathi, UYehova, ngokubathanda kwakhe abantu bakhe, ukumisile ukuba ube ngukumkani kubo.
12. Wathi uHiram, Makabongwe uYehova, uThixo kaSirayeli, owenza izulu nehlabathi, omnikileyo uDavide ukumkani unyana olumkileyo, owaziyo, oqiqayo, oqondayo, oya kumakhela indlu uYehova, nendlu yobukumkani bakhe.
13. Ngoko ndithumela indoda eligcisa, eyaziyo, eqondayo, inkunkqele uHuram,
14. unyana wentokazi yasezintombini zakwaDan. Uyise ngumfo waseTire, okwaziyo ukusebenza ngegolide, nangesilivere, nangobhedu, nangesinyithi, nangamatye, nangemithi, nangemisonto emfusa nemsi, nangelinen ecikizekileyo, nangemisonto ebomvu, nokukrola konke, nokuyila zonke iintlobo zomsebenzi awuphathisiweyo, ndawonye nezilumko zakho, nezilumko zenkosi yam, uDavide uyihlo.
15. Ingqolowa ke, nerhasi, neoli, newayini, ethethe ngazo inkosi yam, mayizithumele kubakhonzi bayo.
16. Ke thina sogawula imithi eLebhanon njengokufuna kwakho konke, siyizise kuwe eYafo ngokuyidadisa elwandle, uyinyuse wena, uyise eYerusalem.
17. USolomon wawabala onke amadoda angawasemzini, abe esezweni lamaSirayeli, emva kokubala awawabala ngako uDavide uyise; afumaneka elikhulu elinamanci amahlanu amawaka, elinesithathu samawaka, anamakhulu amathandathu.
18. Wamisa amashumi asixhenxe amawaka kuwo aba ngabathwali; namashumi asibhozo amawaka aba ngabasebenzi bemithi, nabaqingqi bamatye ezintabeni; namawaka amathathu anamakhulu amathandathu aba ngabongameli bokusebenzisa abantu.
About 2 YeziKronike Chapter 2
Read 2 YeziKronike Chapter 2 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of 2 YeziKronike in the Old Testament. Continue reading with the chapter navigation above or explore the complete book.
Book Information
Book: 2 YeziKronike
Chapter: 2
Testament: Old Testament
How to Read this Chapter
Use the Previous and Next Chapter buttons to continue reading 2 YeziKronike. You can also adjust the font size for comfortable reading and browse other books of the Bible using the navigation links.
More Resources
Continue Reading the Bible
Continue reading 2 YeziKronike Chapter 2 and explore every book, chapter and verse of the Holy Bible. Use the navigation links above and below to move through the Scriptures with ease.
Frequently Asked Questions
What is 2 YeziKronike Chapter 2?
2 YeziKronike Chapter 2 is part of the Book of 2 YeziKronike in the Holy Bible.
Can I read this chapter online?
Yes. You can read the complete 2 YeziKronike Chapter 2 online for free with easy chapter navigation.
More Chapters from 2 Yezikronike
- 2 YeziKronike Chapter 21
- 2 YeziKronike Chapter 14
- 2 YeziKronike Chapter 16
- 2 YeziKronike Chapter 13
- 2 YeziKronike Chapter 15
- 2 YeziKronike Chapter 7
- 2 YeziKronike Chapter 1
Explore More from ITestamente Endala
- UDaniyeli Chapter 2
- UYeremiya Chapter 27
- UDaniyeli Chapter 10
- UObhadiya Chapter 1
- 1 YeziKronike Chapter 9
- UAmos Chapter 5
- 2 YeziKronike Chapter 4