2 YooKumkani Chapter 14

For English

Read 2 YooKumkani Chapter 14 Online

Read 2 YooKumkani Chapter 14 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of 2 YooKumkani in the Old Testament. Browse every verse with easy chapter navigation, continue to the next chapter, or explore the complete Book of 2 YooKumkani and the Holy Bible online.

Choose a Chapter

2 YooKumkani 14

Isahluko 14

1. Ngomnyaka wesibini kaYehohashe unyana kaYehowahazi, ukumkani wakwaSirayeli, waba ngukumkani uAmatsiya, unyana kaYowashe ukumkani wakwaYuda.

2. Ubeminyaka imashumi mabini anamihlanu ezelwe, ukuba ngukumkani kwakhe; waba neminyaka emashumi mabini anesithoba engukumkani eYerusalem. Igama lonina belinguYehowadan waseYerusalem.

3. Wenza okuthe tye emehlweni kaYehova; kodwa akaba njengoDavide uyise; wenza njengako konke awakwenzayo uYowashe uyise.

4. Kodwa zona iziganga azisuswanga; abantu babesabingelela beqhumisela ezingangeni.

5. Wathi, bakuqiniseka ubukumkani esandleni sakhe, wababulala abakhonzi bakhe ababembulele ukumkani uyise.

6. Ke oonyana bababulali abo akababulalanga, njengoko kubhaliweyo encwadini yomyalelo kaMoses, apho uYehova wayewise umthetho wokuthi, Ooyise mabangabulawa ngenxa yoonyana, oonyana mabangabulawa ngenxa yooyise; elowo makabulawe ngesakhe isono.

7. Wawabulala amaEdom eSihlanjeni seTyuwa, ishumi lamawaka. Wayithimba ingxondorha ngokulwa; wathi igama layo yiYoketele unanamhla.

8. Waza uAmatsiya wathumela abathunywa kuYehohashe, unyana kaYehowahazi, unyana kaYehu, ukumkani wakwaSirayeli, esithi, Yiza siqwalaselane ngamehlo.

9. UYehohashe ukumkani wakwaSirayeli wathumela kuAmatsiya ukumkani wakwaYuda, wathi, Ikhakakhaka eliseLebhanon lathumela kumsedare oseLebhanon, lisithi, Unyana wam mnike intombi yakho, ibe ngumkakhe. Ke irhamncwa laseLebhanon laliwela, lalibhuqa, ikhakakhaka elo.

10. Uwabulele okunene amaEdom, yakuphakamisa intliziyo yakho; zuka ngaloo nto uhlale endlwini yakho. Yini na ukuba ufekethe ngobubi, uwe, wena namaYuda anawe?

11. Akaphulaphula uAmatsiya. Wenyuka ke uYehohashe ukumkani wakwaSirayeli; baqwalaselana ngamehlo, yena noAmatsiya ukumkani wakwaYuda, eBhete-shemeshe eyeyakwaYuda.

12. Aqondiswa ke amaYuda ngamaSirayeli; yangulowo wasabela ententeni yakhe.

13. UYehohashe ukumkani wakwaSirayeli wambamba uAmatsiya ukumkani wakwaYuda, unyana kaYowashe, unyana ka-Ahaziya, eBhete-shemeshe, weza eYerusalem, waluqhekeza udonga lweYerusalem, wathabathela esangweni lakwaEfrayim, wesa esangweni lembombo, ikubhite ezimakhulu mane.

14. Wayithabatha yonke igolide nesilivere, neempahla zonke ezafumanekayo endlwini kaYehova, nasebuncwaneni bendlu yokumkani, nabazizibambiso; wabuyela kwaSamari.

15. Ezinye izinto zikaYehohashe awazenzayo, nobukroti bakhe, nokulwa kwakhe noAmatsiya ukumkani wakwaYuda, azibhalwanga na encwadini yemicimbi yemihla yookumkani bakwaSirayeli?

16. Walala uYehohashe kooyise, wangcwatyelwa kwaSamari, ndawonye nookumkani bakwaSirayeli. UYarobheham, unyana wakhe, waba ngukumkani esikhundleni sakhe.

17. Wadla ubomi uAmatsiya unyana kaYowashe, ukumkani wakwaYuda, iminyaka elishumi linesihlanu emva kokufa kukaYehohashe, unyana kaYehowahazi ukumkani wakwaSirayeli.

18. Ezinye izinto zika-Amatsiya azibhalwanga na encwadini yemicimbi yemihla yookumkani bakwaYuda?

19. Bamceba eYerusalem, wasabela eLakishe, Bamsukela, bamfumana eLakishe, bambulalela khona.

20. Bamthwala ngamahashe, bamngcwabela eYerusalem kooyise emzini kaDavide.

21. Bonke abantu bakwaYuda bamthabatha uAzariya, akubon’ ukuba uminyaka ilishumi linamithandathu ezelwe, bamenza ukumkani esikhundleni sika-Amatsiya uyise.

22. Yakhiwa nguye iElati, wayibuyisela kumaYuda, emveni kokuba ukumkani walalayo kooyise.

23. Ngomnyaka weshumi elinesihlanu ka-Amatsiya unyana kaYowashe, ukumkani wakwaYuda, waba ngukumkani uYarobheham, unyana kaYehohashe ukumkani wakwaSirayeli, kwaSamari, iminyaka yamashumi mane anamnye.

24. Wenza okubi emehlweni kaYehova; akatyeka ezonweni zonke zikaYarobheham unyana kaNebhati, awawonisa ngazo amaSirayeli.

25. Yena wawubuyisa umda wakwaSirayeli: wathabathela ekungeneni kweHamati, wesa kulwandle lweArabha, ngokwelizwi likaYehova uThixo wakwaSirayeli, awalithethayo ngomkhonzi wakhe uYona unyana ka-Amitayi, umprofeti waseGati-hefere.

26. Ngokuba uYehova wakubona ukubandezelwa kwamaSirayeli ukuba kukrakra kakhulu, uphelile ovalelweyo, uphelile ovulelweyo, kungekho namncedi kwaSirayeli.

27. UYehova akatshongo ukuthi, uya kulicima igama lamaSirayeli phantsi kwezulu; wawasindisa ke ngesandla sikaYarobheham unyana kaYehohashe.

28. Ezinye izinto zikaYarobheham nako konke awakwenzayo, nobukroti bakhe awalwa ngabo, awayibuyisela ngabo iDamasko neHamati yakwaYuda kumaSirayeli, azibhalwanga na encwadini yemicimbi yemihla yookumkani bakwaSirayeli?

29. Walala uYarobheham kooyise, kookumkani bakwaSirayeli; uZekariya, unyana wakhe, waba ngukumkani esikhundleni sakhe.

About 2 YooKumkani Chapter 14

Read 2 YooKumkani Chapter 14 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of 2 YooKumkani in the Old Testament. Continue reading with the chapter navigation above or explore the complete book.

Book Information

Book: 2 YooKumkani
Chapter: 14
Testament: Old Testament

How to Read this Chapter

Use the Previous and Next Chapter buttons to continue reading 2 YooKumkani. You can also adjust the font size for comfortable reading and browse other books of the Bible using the navigation links.

https://www.youtube.com/watch?v=rzsT_Q3KLzE

More Resources

Continue Reading the Bible

Continue reading 2 YooKumkani Chapter 14 and explore every book, chapter and verse of the Holy Bible. Use the navigation links above and below to move through the Scriptures with ease.

Frequently Asked Questions

What is 2 YooKumkani Chapter 14?

2 YooKumkani Chapter 14 is part of the Book of 2 YooKumkani in the Holy Bible.

Can I read this chapter online?

Yes. You can read the complete 2 YooKumkani Chapter 14 online for free with easy chapter navigation.

More Chapters from 2-yookumkani

  1. 2 YooKumkani Chapter 1
  2. 2 YooKumkani Chapter 2
  3. 2 YooKumkani Chapter 10
  4. 2 YooKumkani Chapter 5
  5. 2 YooKumkani Chapter 21
  6. 2 YooKumkani Chapter 18
  7. 2 YooKumkani Chapter 15

Explore More from ITestamente Endala

  1. 2 KaSamuweli Chapter 8
  2. IiNdumiso Chapter 89
  3. 2 YooKumkani Chapter 1
  4. UDaniyeli Chapter 10
  5. UHezekile Chapter 32
  6. 1 YooKumkani Chapter 1
  7. IEksodus Chapter 24

Related Chapters & Readings

  1. 2 YooKumkani Chapter 4
  2. UYona Chapter 3
  3. KuTito Chapter 1
  4. UHoseya Chapter 6
  5. UYeremiya Chapter 35
  6. UHoseya Chapter 2
  7. IiNdumiso Chapter 109
Share Your Love

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *