UEzra Chapter 3

For English

Read UEzra Chapter 3 Online

Read UEzra Chapter 3 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of UEzra in the Old Testament. Browse every verse with easy chapter navigation, continue to the next chapter, or explore the complete Book of UEzra and the Holy Bible online.

Choose a Chapter

UEzra 3

Isahluko 3

1. Ithe yakufika inyanga yesixhenxe, oonyana bakaSirayeli besemizini yabo, bahlangana abantu njengamntu mnye, beza eYerusalem.

2. Wesuka uYeshuwa unyana kaYotsadaki, nabazalwana bakhe ababingeleli, noZerubhabheli unyana kaShelatiyeli, nabazalwana bakhe, basakha isibingelelo sikaThixo kaSirayeli, ukuba kunyuswe phezu kwaso amadini anyukayo, ngoko kubhaliweyo emyalelweni kaMoses umfo wakwaThixo.

3. Basizinzisa isibingelelo endaweni yaso; ngokuba beboyikiswe zizizwe zala mazwe. Banyusa phezu kwaso amadini anyukayo kuYehova, amadini anyukayo akusasa nawangokuhlwa.

4. Benza umthendeleko weminquba njengoko kubahliweyo, namadini anyukayo iimini ngeemini, ngenani, ngokwesiko, into yemini ngangemini yayo.

5. Emveni kwawo benza idini elinyukayo lamaxesha onke, nawokuthwasa kwenyanga, nawamaxesha onke kaYehova angcwalisiweyo, amisiweyo, nawabo bonke abanikela ngokuqhutywa yintliziyo kuYehova, iminikelo yokuqhutywa yintliziyo.

6. Baqala ugowokuqala umhlawenyanga yesixhenxe, baqala banyusa amadini anyukayo kuYehova; itempile kaYehova ibe ingekasekwa.

7. Imali bayinika abaqingqi nabakroli; banika amaTsidon namaTire ukudla, nento eselwayo, neoli, ukuba athabathe imisedare eLebhanon, ayizise ngolwandle eYafo, ngokuvunyelwa kwabo nguKoreshi ukumkani wasePersi.

8. Ngomnyaka wesibini wokufika kwabo endlwini kaThixo eYerusalem, ngenyanga yesibini, baqala ooZerubhabheli unyana kaShelatiyeli, noYeshuwa unyana kaTsadoki, nabanye abazalwana babo, ababingeleli, nabaLevi, nabo bonke ababephume ekuthinjweni ukuza eYerusalem, bamisa abaLevi, bathabathela kominyaka imashumi mabini ezelwe, kwenyusa, ukuba bawongamele umsebenzi wendlu kaYehova.

9. Kwema ooYeshuwa noonyana bakhe nabazalwana bakhe, uKademiyeli noonyana bakhe, oonyana bakaHodaviya, njengamntu mnye, ukubongamela abawenzayo umsebenzi endlwini kaThixo: oonyana bakaHenadade, oonyana babo nabazalwana babo, abaLevi.

10. Abakhi bayiseka itempile kaYehova; bema ababingeleli, bevethe, benamaxilongo; nabaLevi, oonyana baka-Asafu, benamacangci, ukumdumisa uYehova ngokolwalathiso lukaDavide ukumkani wakwaSirayeli.

11. Basusela ngokudumisa, nangokubulela kuYehova, besithi, Ulungile, inceba yakhe ingunaphakade kuSirayeli; ke bonke abantu baduma ngodumo olukhulu, bedumisa uYehova ngenxa yokusekwa kwendlu kaYehova.

12. Ke isininzi kubabingeleli, nabaLevi, neentloko zezindlu zooyise, namadoda amakhulu, awayeyibonile indlu yokuqala, sathi ekusekweni kwale ndlu emehlweni aso, salila ngezwi elikhulu; ke abaninzi baduma, bavuya ngokuphakamisa ilizwi.

13. Abantu ababa nakulahlula ilizwi lokuduma ngokuvuya kwilizwi lokulila kwabantu; ngokuba abantu babeduma ngodumo olukhulu; ilizwi lavakala nakude.

About UEzra Chapter 3

Read UEzra Chapter 3 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of UEzra in the Old Testament. Continue reading with the chapter navigation above or explore the complete book.

Book Information

Book: UEzra
Chapter: 3
Testament: Old Testament

How to Read this Chapter

Use the Previous and Next Chapter buttons to continue reading UEzra. You can also adjust the font size for comfortable reading and browse other books of the Bible using the navigation links.

https://www.youtube.com/watch?v=rzsT_Q3KLzE

More Resources

Continue Reading the Bible

Continue reading UEzra Chapter 3 and explore every book, chapter and verse of the Holy Bible. Use the navigation links above and below to move through the Scriptures with ease.

Frequently Asked Questions

What is UEzra Chapter 3?

UEzra Chapter 3 is part of the Book of UEzra in the Holy Bible.

Can I read this chapter online?

Yes. You can read the complete UEzra Chapter 3 online for free with easy chapter navigation.

More Chapters from ITestamente Endala

  1. UIsaya Chapter 1
  2. IGenesis Chapter 3
  3. ILevitikus Chapter 1
  4. UYoshuwa Chapter 10
  5. IEksodus Chapter 2
  6. IEksodus Chapter 1
  7. EcclesiastesImiZekeliso Chapter 2

Explore More from uezra

  1. UEzra Chapter 1
  2. UEzra Chapter 10
  3. UEzra Chapter 2
  4. UEzra Chapter 9
  5. UEzra Chapter 4
  6. UEzra Chapter 8
  7. UEzra Chapter 7

Related Chapters & Readings

  1. IiNdumiso Chapter 79
  2. IiNdumiso Chapter 107
  3. UYeremiya Chapter 50
  4. IiNdumiso Chapter 98
  5. 2 KaPetros Chapter 1
  6. 2 YooKumkani Chapter 4
  7. IiNdumiso Chapter 146
Share Your Love

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *