Read 1 KaSamuweli Chapter 26 Online
Read 1 KaSamuweli Chapter 26 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of 1 KaSamuweli in the Old Testament. Browse every verse with easy chapter navigation, continue to the next chapter, or explore the complete Book of 1 KaSamuweli and the Holy Bible online.
Choose a Chapter
1 KaSamuweli 26
Isahluko 26
1. Beza abaseZifi kuSawule eGibhela, bathi, UDavide akazifihle endulini yeHakila, ekhangelene nenkangala, yini na?
2. Wesuka uSawule, wehla waya entlango yeZifi, enamadoda angamawaka amathathu ahleliweyo akwaSirayeli, eya kufuna uDavide entlango yaseZifi.
3. USawule wamisa endulini yeHakila, ekhangelene nenkangala, ngasendleleni. Ke uDavide wayehleli entlango; wabona ukuba uSawule uyamlandela entlango.
4. UDavide wasusa iintlola, wazi ngazo ukuba uSawule uzile okunene.
5. Wesuka uDavide, waya kuloo ndawo ebemise kuyo uSawule. Wayibona uDavide indawo alele kuyo uSawule, noAbhinere unyana kaNere, umthetheli womkhosi wakhe; uSawule elele ngaphakathi kothango lweenqwelo zokulwa, abantu bemise iintente ngeenxa zonke kuye.
6. Waphendula uDavide, wathi kuAhimeleki umHeti, nakuAbhishayi, unyana kaTseruya, umzalwana kaYowabhi, Ngubani na oya kuhla nam aye kuSawule empini? Wathi uAbhishayi, Mna ndohla nawe.
7. Waya uDavide noAbhishayi ebantwini ebusuku. Nanko uSawule elele ubuthongo ngaphakathi kothango lweenqwelo zokulwa, igxunyekiwe intshuntshe yakhe emhlabeni ngasentlokweni yakhe; ke uAbhinere nabantu bakhe belele ngeenxa zonke kuye.
8. Wathi uAbhishayi kuDavide, UThixo ulunikele namhla utshaba lwakho esandleni sakho; kaloku makhe ndimqhame nomhlaba ngentshuntshe ngasihlandlo sinye, ndingenzi zibe zibini kuye.
9. Wathi uDavide kuAbhishayi, Musa ukumbulala; ngokuba ngubani na ongasa isandla kumthanjiswa kaYehova, aze abe msulwa?
10. Wathi uDavide, Ehleli nje uYehova, ukuba akathanga uYehova ambulale, mhlawumbi kwafika imini yakhe wafa, mhlawumbi wehla waya emfazweni wabulawa:
11. makube lee kum ngenxa kaYehova ukukha ndise isandla sam kumthanjiswa kaYehova. Khawuthabathe kaloku intshuntshe engasentlokweni yakhe, neselwa lamanzi, sihambe.
12. Wayithabatha ke uDavide intshuntshe, neselwa lamanzi, engasentlokweni kaSawule; bemka, kungaboni mntu, kungazi mntu, kungavukanga mntu; ngokuba bonke babelele: kuba babewelwe bubuthongo obukhulu bukaYehova.
13. Wawela uDavide, waya phesheya, wema encotsheni yentaba kude, lilikhulu ithuba phakathi kwabo.
14. Wamemeza uDavide ebantwini nakuAbhinere unyana kaNere, esithi, Akuphenduli na, Abhinere? Waphendula uAbhinere, wathi, Ungubani na wena umemezayo kukumkani?
15. Wathi uDavide kuAbhinere, Akuyiyo ndoda yini na? Ngubani na onjengawe kwaSirayeli? Yini na ke ukuba ungayigcini inkosi yakho ukumkani? Ngokuba kufike ubani wasebantwini, eza konakalisa ukumkani inkosi yakho.
16. Asinto ilungileyo le uyenzileyo. Ehleli nje uYehova, ningoonyana bokufa, ningayigcinanga nje inkosi yenu, umthanjiswa kaYehova. Khangela kaloku, iphi na intshuntshe yokumkani, neselwa lamanzi elibe lingasentlokweni yakhe?
17. Walazi uSawule ilizwi likaDavide, wathi, Lilizwi lakho na elo, nyana wam Davide? Wathi uDavide, Lilizwi lam, nkosi yam kumkani.
18. Wathi, Yini na le nto inkosi yam imsukelayo umkhonzi wayo? Kuba ndeze ntoni na? Bubi buni na obusesandleni sam?
19. Ngoko inkosi yam ukumkani mayikhe iwaphulaphule amazwi omkhonzi wayo. Ukuba nguYehova okuxhokonxileyo ngakum, makasezele umnikelo wokudla; ukuba ngoonyana babantu, mabaqalekiswe phambi koYehova. Ngokuba bandigxothile namhla, ukuba ndingahlangani nelifa likaYehova, bathi, Hamba ukhonze thixo bambi.
20. Ngoko malingaphalali igazi lam emhlabeni, ndikude nobuso bukaYehova; ngokuba kuphume ukumkani wamaSirayeli, weza kufuna intakumba embala, njengosukela isikhwatsha ezintabeni.
21. Wathi uSawule, Ndonile; buya, nyana wam Davide; ngokuba andisayi kuba sakwenza nto imbi, ngendawo yokuba umphefumlo wam ubunqabile emehlweni akho namhla. Uyabona, ndenze ngobudenge, ndalahleka ngokukhulukazi.
22. Waphendula uDavide, wathi, Nantsi intshuntshe yokumkani. Makuwele enye indodana iyithabathe.
23. UYehova uya kuyibuyisela ubulungisa bayo, nokuthembeka kwayo, indoda abekunikele esandleni sayo uYehova namhla; andivumanga ukusa isandla sam kumthanjiswa kaYehova.
24. Yabona, njengoko waba mkhulu umphefumlo wakho emehlweni am namhla, ngokunjalo umphefumlo wam uya kuba mkhulu emehlweni kaYehova, andihlangule ekubandezelweni kwam konke.
25. Wathi uSawule kuDavide, Usikelelwe, nyana wam Davide; uya kwenza weyise; kananjalo uya kufeza kufezeke. Wahamba ke uDavide indlela yakhe; uSawule wabuyela endaweni yakhe.
About 1 KaSamuweli Chapter 26
Read 1 KaSamuweli Chapter 26 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of 1 KaSamuweli in the Old Testament. Continue reading with the chapter navigation above or explore the complete book.
Book Information
Book: 1 KaSamuweli
Chapter: 26
Testament: Old Testament
How to Read this Chapter
Use the Previous and Next Chapter buttons to continue reading 1 KaSamuweli. You can also adjust the font size for comfortable reading and browse other books of the Bible using the navigation links.
More Resources
Continue Reading the Bible
Continue reading 1 KaSamuweli Chapter 26 and explore every book, chapter and verse of the Holy Bible. Use the navigation links above and below to move through the Scriptures with ease.
Frequently Asked Questions
What is 1 KaSamuweli Chapter 26?
1 KaSamuweli Chapter 26 is part of the Book of 1 KaSamuweli in the Holy Bible.
Can I read this chapter online?
Yes. You can read the complete 1 KaSamuweli Chapter 26 online for free with easy chapter navigation.
More Chapters from 1 Kasamuweli
- 1 KaSamuweli Chapter 24
- 1 KaSamuweli Chapter 11
- 1 KaSamuweli Chapter 2
- 1 KaSamuweli Chapter 1
- 1 KaSamuweli Chapter 29
- 1 KaSamuweli Chapter 23
- 1 KaSamuweli Chapter 19
Explore More from ITestamente Endala
- IiNdumiso Chapter 50
- ILevitikus Chapter 19
- ImiZekeliso Chapter 20
- IEksodus Chapter 8
- UMika Chapter 5
- UIsaya Chapter 21
- IEksodus Chapter 11