1 YooKumkani Chapter 5

For English

Read 1 YooKumkani Chapter 5 Online

Read 1 YooKumkani Chapter 5 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of 1 YooKumkani in the Old Testament. Browse every verse with easy chapter navigation, continue to the next chapter, or explore the complete Book of 1 YooKumkani and the Holy Bible online.

Choose a Chapter

A+ A A-

1 YooKumkani 5

Isahluko 5

1. Wathuma ke uHiram, ukumkani waseTire, abakhonzi bakhe kuSolomon; kuba ubevile ukuba uthanjisiwe ukuba abe ngukumkani, esikhundleni sikayise; ngokuba uHiram ubehleli emthanda uDavide yonke imihla.

2. Wathumela uSolomon kuHiram, esithi,

3. Uyazi wena ukuba uDavide ubawo ubengenako ukulakhela igama likaYehova uThixo wakhe indlu, ngenxa yeentshaba ezibe zimjikelezile, wada uYehova wazibeka ngaphantsi kweentende zeenyawo zakhe.

4. Kaloku ke undiphumzile uYehova, uThixo wam, ngeenxa zonke; akukho lutshaba, akukho sihlo sibi.

5. Uyabona, ndithi ndiza kulakhela indlu igama likaYehova uThixo wam, njengoko wakuthethayo uYehova kuDavide ubawo, esithi, Unyana wakho, endiya kumbeka esikhundleni sakho etroneni yakho, nguye oya kulakhela indlu igama lam.

6. Ngoko ke wisa umthetho, bandigawulele imisedare eLebhanon; abakhonzi bam babe nabakhonzi bakho; ndikunike umvuzo wabakhonzi bakho, njengako konke owokuthetha; ngokuba uyazi wena, ukuba kuthi apha akukho ndoda ikwaziyo ukugawula imithi njengamaTsidon.

7. Kwathi, akuweva uHiram amazwi kaSolomon, wavuya kunene, wathi, Makabongwe uYehova namhla, omnikileyo uDavide unyana olumkileyo, wokubaphatha aba bantu baninzi kangaka.

8. Wathumela uHiram kuSolomon, esithi, Ndikuvile oko undithumele khona; ndokwenza konke ukuthanda kwakho mna ngemisedare nangemisipres.

9. Abakhonzi bam boyihlisa eLebhanon, bayise elwandle; ndiyihlanganise ndiyidadise elwandle, ndiyise kuloo ndawo wondimisela yona, ndiyikhulule khona, uyithabathe khona; ke wena wenze ukuthanda kwam, ngokuyinika ukudla indlu yam.

10. Waye ke uHiram emnika uSolomon imisedare nemisipres ngangokuthanda kwakhe konke.

11. USolomon wamnika uHiram amashumi amabini amawaka eekore zengqolowa, ukuba idle indlu yakhe; namashumi omabini eekore zeoli engqushiweyo; wenjenjalo ke uSolomon ukumnika uHiram iminyaka ngeminyaka.

12. UYehova wamnika ubulumko uSolomon, njengoko wayekuthethile kuye; lwaba luxolo phakathi koHiram noSolomon: benza umnqophiso bobabini.

13. Ukumkani uSolomon wahlahla abafakwa uviko kumaSirayeli onke; abo bafakwa uviko babengamashumi omathathu amawaka amadoda.

14. Wabathuma eLebhanon, ishumi lamawaka ngenyanga, bekhululana; inyanga enye babe seLebhanon, iinyanga ezimbini babe sekhaya; ke uAdoniram ubephethe abo bafakwa uviko.

15. USolomon ebenamashumi asixhenxe amawaka athwala imithwalo, namashumi osibhozo amawaka abeqingqa amatye ezintabeni;

16. bebodwa abathetheli abangabongameli bakaSolomon, ababewuphethe umsebenzi, bengamawaka amathathu anamakhulu mathathu, ababenobukhosi ebantwini ababewusebenza loo msebenzi.

17. Wawisa umthetho ukumkani, bemba amatye amakhulu, amatye anqabileyo, amatye aqingqiweyo okuseka indlu.

18. Baqingqa ke abakhi bakaSolomon, nabakhi bakaHiram, nabaseGebhali, balungisa imithi namatye okuyakha indlu.

About 1 YooKumkani Chapter 5

Read 1 YooKumkani Chapter 5 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of 1 YooKumkani in the Old Testament. Continue reading with the chapter navigation above or explore the complete book.

Book Information

Book: 1 YooKumkani
Chapter: 5
Testament: Old Testament

How to Read this Chapter

Use the Previous and Next Chapter buttons to continue reading 1 YooKumkani. You can also adjust the font size for comfortable reading and browse other books of the Bible using the navigation links.

https://www.youtube.com/watch?v=rzsT_Q3KLzE

More Resources

Continue Reading the Bible

Continue reading 1 YooKumkani Chapter 5 and explore every book, chapter and verse of the Holy Bible. Use the navigation links above and below to move through the Scriptures with ease.

Frequently Asked Questions

What is 1 YooKumkani Chapter 5?

1 YooKumkani Chapter 5 is part of the Book of 1 YooKumkani in the Holy Bible.

Can I read this chapter online?

Yes. You can read the complete 1 YooKumkani Chapter 5 online for free with easy chapter navigation.

More Chapters from 1-yookumkani

  1. 1 YooKumkani Chapter 12
  2. 1 YooKumkani Chapter 17
  3. 1 YooKumkani Chapter 1
  4. 1 YooKumkani Chapter 14
  5. 1 YooKumkani Chapter 3
  6. 1 YooKumkani Chapter 2
  7. 1 YooKumkani Chapter 22

Explore More from ITestamente Endala

  1. 2 YeziKronike Chapter 9
  2. IiNdumiso Chapter 54
  3. UHezekile Chapter 44
  4. INumeri Chapter 2
  5. 2 YeziKronike Chapter 17
  6. 1 KaSamuweli Chapter 22
  7. 1 YooKumkani Chapter 8

Related Chapters & Readings

  1. UYohane Chapter 4
  2. UMarko Chapter 16
  3. 2 YooKumkani Chapter 24
  4. UAmos Chapter 6
  5. UYohane Chapter 9
  6. ULuka Chapter 4
  7. UIsaya Chapter 14
Share Your Love

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *