EcclesiastesImiZekeliso Chapter 7

For English

Read EcclesiastesImiZekeliso Chapter 7 Online

Read EcclesiastesImiZekeliso Chapter 7 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of EcclesiastesImiZekeliso in the Old Testament. Browse every verse with easy chapter navigation, continue to the next chapter, or explore the complete Book of EcclesiastesImiZekeliso and the Holy Bible online.

Choose a Chapter

EcclesiastesImiZekeliso 7

Isahluko 7

1. Igama elilungileyo lingaphezulu nakwioli elungileyo; ulungile umhla wokufa ngaphezu komhla wokuzalwa komntu.

2. Kulungile ukuya endlwini yesijwili kunokuya endlwini yemigidi; kuba oko kukuphela kwabantu bonke, aze ophilileyo akunyamekele ngentliziyo oko.

3. Kulungile ukuba nosizi ngaphezu kokuhleka; ngokuba intliziyo iyalunga bububi bobuso.

4. Intliziyo yezilumko isendlwini yesijwili; ke intliziyo yezidenge isendlwini yovuyo.

5. Kulungile ukuva ukukhalimela kwesilumko, kunokuba umntu eve ingoma yezidenge.

6. Ngokuba njengokuqhuqhumba kwevaba ngaphantsi kwembiza, kunjalo ukuhleka kwesidenge; naloo nto ingamampunge.

7. Ngokuba ukucudisa kugezisa isilumko, siyitshabalalise intliziyo isicengo.

8. Kulungile ukugqitywa kwendawo, ngaphezu kokuqalwa kwayo; ulungile umoya ozeka kade umsindo, kunomoya ozidlayo.

9. Musa ukukungxamela ukuqumba ngomoya wakho, ngokuba ingqumbo ilala esifubeni sezidenge.

10. Musa ukuthi, Ibiyini na, le nto imihla yamandulo ibilungile ngaphezu kwale? ngokuba akuthabatheli ebulumkweni ukuyibuza loo nto.

11. Bulungile ubulumko, bunelifa, bulilungelo kwabalibonayo ilanga.

12. Ngokuba ubulumko bungumthunzi, imali ingumthunzi; ke ukugqithisela kokwazi, kukuba ubulumko buyabasindisa abo banabo.

13. Wukhangele umsebenzi kaThixo; ngokuba ngubani na onokolula into ayenze yagoso?

14. Ngomhla wentsikelelo chwayitha, nangomhla wobubi qonda kakuhle, ukuba nalo, kwanjengalowa, wenziwe nguThixo, ngenxa enokuba umntu engafumani nto emva kwakhe.

15. Le nto yonke ndiyibonile ngemihla yam engamampunge: kubakho ilungisa elitshabalalayo noko linobulungisa, kubekho ongendawo ophila ixesha elide, noko angendawo.

16. Musa ukuba lilungisa ngokukhulu, ungabi sisilumko ngokugqithiseleyo; yini na ukuba uziphanzise?

17. Musa ukuba ngongendawo ngokukhulu, ungazenzi isidenge; yini na ukuba ufe lingekabi lixesha lakho?

18. Kulungile ukuba ubambelele kule nto nakuleya, ungasiphumzi isandla sakho; ngokuba owoyika uThixo uphumelela kuzo zonke ziphela.

19. Ubulumko buyasiqinisa isilumko, ngaphezu kweshumi labanegunya abakulo mzi.

20. Ngokuba akukho mntu ulilungisa ehlabathini, wenza okulungileyo, angoni.

21. Kananjalo musa ukuyinikela intliziyo yakho kumazwi onke athethwayo, ukuze ungevi umkhonzi wakho, eselekutshabhisa;

22. ngokuba intliziyo yakho nayo iyazi izihlandlo ezininzi, ukuba uyabatshabhisa abanye nawe.

23. Ezo zinto zonke ndizilingile ngobulumko; ndathi ndiya kulumka; ke bona baba kude kum.

24. Hayi, ukuba kude kwezinto ezikhoyo, zinzulu kakhulu; ngubani na oya kuzifumana?

25. Ndajika ke mna, ndanentliziyo enga ingazi, ingasingasinga, ifume ubulumko nesigqibo seengcinga; enga ingakwazi okungendawo ukuba kukunyaba, nokumatha ukuba kukugeza.

26. Ndayifumana ikrakra ngaphezu kokufa, inkazana eyiyimigibe iphela, ezizibatha intliziyo yayo, ezandla zingamakhamandela olungileyo phambi koThixo uya kusinda kuyo, ke yena umoni uya kubanjiswa yiyo.

27. Yabona into endiyifumeneyo, itsho iNtshumayeli, ndihloma enye kwenye, ukuba ndifumane isigqibo seengcinga;

28. obumana ukuyifuna umphefumlo wam, ndingayifumani, nantsi: indoda enye ewakeni ndiyifumene, ke yona inkazana kulo lonke andiyifumananga.

29. Yabona, le nto yodwa ndiyifumene, yokuba uThixo wamenza umntu wathi tye; ke bona bafune ubuqili obuninzi.

About EcclesiastesImiZekeliso Chapter 7

Read EcclesiastesImiZekeliso Chapter 7 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of EcclesiastesImiZekeliso in the Old Testament. Continue reading with the chapter navigation above or explore the complete book.

Book Information

Book: EcclesiastesImiZekeliso
Chapter: 7
Testament: Old Testament

How to Read this Chapter

Use the Previous and Next Chapter buttons to continue reading EcclesiastesImiZekeliso. You can also adjust the font size for comfortable reading and browse other books of the Bible using the navigation links.

https://www.youtube.com/watch?v=rzsT_Q3KLzE

More Resources

Continue Reading the Bible

Continue reading EcclesiastesImiZekeliso Chapter 7 and explore every book, chapter and verse of the Holy Bible. Use the navigation links above and below to move through the Scriptures with ease.

Frequently Asked Questions

What is EcclesiastesImiZekeliso Chapter 7?

EcclesiastesImiZekeliso Chapter 7 is part of the Book of EcclesiastesImiZekeliso in the Holy Bible.

Can I read this chapter online?

Yes. You can read the complete EcclesiastesImiZekeliso Chapter 7 online for free with easy chapter navigation.

More Chapters from ecclesiastesimizekeliso

  1. EcclesiastesImiZekeliso Chapter 1
  2. EcclesiastesImiZekeliso Chapter 2
  3. EcclesiastesImiZekeliso Chapter 6
  4. EcclesiastesImiZekeliso Chapter 3
  5. EcclesiastesImiZekeliso Chapter 11
  6. EcclesiastesImiZekeliso Chapter 9
  7. EcclesiastesImiZekeliso Chapter 12

Explore More from ITestamente Endala

  1. IGenesis Chapter 40
  2. 2 YooKumkani Chapter 8
  3. UMalaki Chapter 1
  4. IEksodus Chapter 29
  5. IGenesis Chapter 4
  6. IiNdumiso Chapter 97
  7. IGenesis Chapter 29

Related Chapters & Readings

  1. 1 KaSamuweli Chapter 9
  2. IZenzo Chapter 28
  3. UYobhi Chapter 38
  4. IiNdumiso Chapter 7
  5. UYona Chapter 4
  6. IDuteronomi Chapter 7
  7. ULuka Chapter 1
Share Your Love

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *