Read UAmos Chapter 1 Online
Read UAmos Chapter 1 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of UAmos in the Old Testament. Browse every verse with easy chapter navigation, continue to the next chapter, or explore the complete Book of UAmos and the Holy Bible online.
Choose a Chapter
UAmos 1
Isahluko 1
1. Amazwi ka-Amosi, obengowakubo abalusi baseTekowa, awawabonayo ngokusingisele kwaSirayeli, ngemihla kaUziya ukumkani wakwaYuda, ngemihla kaYarobheham unyana kaYowashe, ukumkani wakwaSirayeli, iminyaka emibini phambi konyikimo.
2. Wathi: UYehova uyabharhula eZiyon, akhuphe ilizwi lakhe eYerusalem, amakriwa abalusi enze isijwili, incopho yeKarmele yome.
3. Utsho uYehova ukuthi, Ngenxa yezikreqo ezithathu zeDamasko, ngenxa yezine—andiyi kuyibuyisa umva le nto—ngenxa yokuba bambhulayo uGiliyadi ngezibhulo zesinyithi:
4. ndiya kuphosa umlilo endlwini kaHazayeli, utshise iingxande ezinde zikaBhen-hadade.
5. Ndowaphula umvalo weDamasko, ndinqumle ummi wasesihlanjeni seAven, nophethe intonga yobukumkani eBhete-eden; bathinjwe abantu bakwa-Aram, baye eKire; utsho uYehova.
6. Utsho uYehova ukuthi, Ngenxa yezikreqo ezithathu zeGaza, ngenxa yezine—andiyi kuyibuyisa umva le nto—ngenxa yokuthimba kwabo abathinjwa ngokuzeleyo, ukuze babanikele kuEdom:
7. ndiya kuthumela umlilo eludongeni lweGaza, utshise iingxande zayo ezinde.
8. Ndomnqumla omiyo eAshdode, nophethe intonga yobukumkani eAshkelon; ndisibuyisele isandla sam phezu kwe-Ekron, atshabalale amasalela amaFilisti; itsho iNkosi uYehova.
9. Utsho uYehova ukuthi, Ngenxa yezikreqo ezithathu zeTire, ngenxa yezine—andiyi kuyibuyisa umva le nto—ngenxa yokubanikela kwabo abathinjwa bephelele kuEdom, abawukhumbula umnqophiso wobuzalwana:
10. ndiya kuthumela umlilo eludongeni lweTire, utshise iingxande zayo ezinde.
11. Utsho uYehova ukuthi, Ngenxa yezikreqo ezithathu zakwaEdom, ngenxa yezine—andiyi kuyibuyisa umva le nto—ngenxa yokumsukelisa kwakhe umzalwana wakhe ngekrele, eyilahlile imfesane yakhe, umsindo wakhe uhlala uqwenga, emana egcine ukuphuphuma komsindo wakhe:
12. ndiya kuthumela umlilo kwaTeman, utshise iingxande ezinde zaseBhotsera.
13. Utsho uYehova ukuthi, Ngenxa yezikreqo ezithathu zoonyana baka-Amon, ngenxa yezine—andiyi kuyibuyisa umva le nto— ngenxa yokuqangqulula kwabo abamithiyo baseGiliyadi, ukuze bandise umda wabo:
14. ndiya kubasa umlilo eludongeni lweRabha, utshise iingxande zayo ezinde, kuhlatywa umkhosi ngemini yokulwa, kukho umoya ovuthuzayo ngemini yesaqhwithi.
15. Uya kuthinjwa emke ukumkani wabo, yena nabathetheli bakhe kunye naye; utsho uYehova.
About UAmos Chapter 1
Read UAmos Chapter 1 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of UAmos in the Old Testament. Continue reading with the chapter navigation above or explore the complete book.
Book Information
Book: UAmos
Chapter: 1
Testament: Old Testament
How to Read this Chapter
Use the Previous and Next Chapter buttons to continue reading UAmos. You can also adjust the font size for comfortable reading and browse other books of the Bible using the navigation links.
More Resources
Continue Reading the Bible
Continue reading UAmos Chapter 1 and explore every book, chapter and verse of the Holy Bible. Use the navigation links above and below to move through the Scriptures with ease.
Frequently Asked Questions
What is UAmos Chapter 1?
UAmos Chapter 1 is part of the Book of UAmos in the Holy Bible.
Can I read this chapter online?
Yes. You can read the complete UAmos Chapter 1 online for free with easy chapter navigation.
More Chapters from ITestamente Endala
- UIsaya Chapter 1
- IGenesis Chapter 3
- ILevitikus Chapter 1
- UYoshuwa Chapter 10
- IEksodus Chapter 2
- IEksodus Chapter 1
- EcclesiastesImiZekeliso Chapter 2
Explore More from uamos
- UAmos Chapter 8
- UAmos Chapter 2
- UAmos Chapter 7
- UAmos Chapter 5
- UAmos Chapter 9
- UAmos Chapter 4
- UAmos Chapter 3