Read 1 KaSamuweli Chapter 21 Online
Read 1 KaSamuweli Chapter 21 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of 1 KaSamuweli in the Old Testament. Browse every verse with easy chapter navigation, continue to the next chapter, or explore the complete Book of 1 KaSamuweli and the Holy Bible online.
Choose a Chapter
1 KaSamuweli 21
Isahluko 21
1. UDavide waya eNobhi kuAhimeleki, umbingeleli. UAhimeleki wamkhawulela uDavide egubha, wathi kuye, Yini na ukuba uze wedwa, kungekho ndoda ihamba nawe.
2. Wathi uDavide kuAhimeleki, umbingeleli, Ukumkani undiwisele umthetho ngento, wathi kum, Makungabikho mntu wazi ni yani ngale nto ndikuthumayo, ndikuwiseleyo umthetho ngayo; ke abafana ndibayalele ekuthini nasekuthini.
3. Kaloku kukho ntoni na phantsi kwesandla sakho? Ndinike esandleni izonka zibe zihlanu, nokuba yintoni efumanekayo.
4. Umbingeleli wamphendula uDavide, wathi kuye, Akukho sonka sisesabantu bonke phantsi kwesandla sam; sesingcwele sodwa isonka esikhoyo; ukuba abafana bathe kodwa bazigcina kubafazi.
5. UDavide wamphendula umbingeleli, wathi kuye, Inene abafazi bathintelekile ukuza kuthi ezi ntsuku zontathu; ekuphumeni kwam ibingcwele impahla yabafana; nokuba ibiyindlela yabantu bonke, yosuka ingcwaliswe yimpahla le namhla.
6. Umbingeleli wamnika ke esingcwele; ngokuba bekungekho zonka khona ezingezizo zokubonisa, ezibe zisuswe phambi koYehova, ukuba kumiswe izonka ezishushu ngemini yokuthatyathwa kwazo.
7. Ke kaloku kwaye kuvalelwe khona indoda yakubakhonzi bakaSawule ngaloo mini phambi koYehova, egama belinguDowegi umEdom, inganga yabalusi bakaSawule.
8. Wathi uDavide kuAhimeleki, Akukho ntshuntshe nakrele na apha phantsi kwesandla sakho? Kuba ikrele lam kwaneentonga zam andiziphathanga; ngokuba umcimbi kakumkani ungxamisekile.
9. Wathi umbingeleli, Ikrele likaGoliyati umFilisti, owambulala entilini kaEla, nali lisongelwe engutyeni emva kwe-efodi. Ukuba uyalithabatha, lithabathe; ngokuba akukho limbi. Wathi uDavide, Akukho linjengalo, ndinike lona.
10. Wesuka uDavide, wabaleka ngaloo mini ebusweni bukaSawule, waya kuAkishe ukumkani waseGati.
11. Bathi abakhonzi baka-Akishe kuye, Asinguye na lo uDavide, ukumkani welizwe? Asinguye na lo babevuma ngaye ekungqungqeni, besithi, USawule ubulele amawaka akhe, UDavide ubulele amawaka akhe angamashumi?
12. UDavide wawagcina loo mazwi entliziyweni yakhe, woyika kunene ebusweni buka-Akishe, ukumkani waseGati.
13. Waziphambanisa ingqondo phambi kwabo, wazigezisa esandleni sabo, wakrwela ezingcangweni zesango, wavuzisa uluchwe ezindevini zakhe.
14. Wathi uAkishe kubakhonzi bakhe, Khangelani, nantsi le ndoda isisihiba; yini na ukuba niyizise kum?
15. Ndiswele izihiba yini na ukuba nizise lo, abhudele phezu kwam? Wongena yini na lo endlwini yam?
About 1 KaSamuweli Chapter 21
Read 1 KaSamuweli Chapter 21 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of 1 KaSamuweli in the Old Testament. Continue reading with the chapter navigation above or explore the complete book.
Book Information
Book: 1 KaSamuweli
Chapter: 21
Testament: Old Testament
How to Read this Chapter
Use the Previous and Next Chapter buttons to continue reading 1 KaSamuweli. You can also adjust the font size for comfortable reading and browse other books of the Bible using the navigation links.
More Resources
Continue Reading the Bible
Continue reading 1 KaSamuweli Chapter 21 and explore every book, chapter and verse of the Holy Bible. Use the navigation links above and below to move through the Scriptures with ease.
Frequently Asked Questions
What is 1 KaSamuweli Chapter 21?
1 KaSamuweli Chapter 21 is part of the Book of 1 KaSamuweli in the Holy Bible.
Can I read this chapter online?
Yes. You can read the complete 1 KaSamuweli Chapter 21 online for free with easy chapter navigation.
More Chapters from 1 Kasamuweli
- 1 KaSamuweli Chapter 24
- 1 KaSamuweli Chapter 11
- 1 KaSamuweli Chapter 2
- 1 KaSamuweli Chapter 1
- 1 KaSamuweli Chapter 29
- 1 KaSamuweli Chapter 23
- 1 KaSamuweli Chapter 19
Explore More from ITestamente Endala
- IiNdumiso Chapter 150
- 2 YeziKronike Chapter 36
- IEksodus Chapter 4
- UZekariya Chapter 11
- UYoshuwa Chapter 6
- IGenesis Chapter 16
- IGenesis Chapter 3