IDuteronomi Chapter 27

For English

Read IDuteronomi Chapter 27 Online

Read IDuteronomi Chapter 27 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of IDuteronomi in the Old Testament. Browse every verse with easy chapter navigation, continue to the next chapter, or explore the complete Book of IDuteronomi and the Holy Bible online.

Choose a Chapter

IDuteronomi 27

Isahluko 27

1. UMoses namadoda amakhulu akwaSirayeli abawisela abantu umthetho, esithi, Wugcineni wonke umthetho endiniwiselayo namhla.

2. Wothi, ngemini enithe nayiwela iYordan, nangena kwelo zwe akunikayo uYehova uThixo wakho, uzimisele amatye amakhulu, uwaqabe ngefutha,

3. ubhale kuwo onke amazwi alo myalelo, wakuba uwelile; ukuze ungene kulo ilizwe akunikayo uYehova uThixo, ilizwe elibaleka amasi nobusi, njengoko uYehova uThixo woyihlo wathethayo kuwe.

4. Nothi, nakuyiwela iYordan, nimise la matye ndiniwisela umthetho ngawo namhla, entabeni ye-Ebhali, uwaqabe ngefutha;

5. wakhele apho isibingelelo kuYehova uThixo wakho, isibingelelo samatye; ungasiphakamiseli ntlabo yantsimbi.

6. Wosakha ngamatye awonke isibingelelo sikaYehova uThixo wakho, unyuse phezu kwaso amadini anyukayo kuYehova uThixo wakho;

7. ubingelele imibingelelo yoxolo, udle khona, uvuye phambi koYehova uThixo wakho;

8. uwabhale uwalungise ematyeni lawo onke amazwi alo myalelo kakuhle.

9. UMoses nababingeleli abaLevi bathetha ke kumaSirayeli onke, besithi, Yithi cwaka, uve, Sirayeli! Namhla nithe naba ngabantu kuYehova uThixo wakho;

10. uze uliphulaphule izwi likaYehova uThixo wakho, wenze imithetho yakhe nemimiselo yakhe, endikuwiselayo namhla.

11. UMoses wabawisela abantu umthetho ngaloo mini, esithi,

12. Aba baya kuma basikelele abantu, entabeni yeGerizim, nakuyiwela iYordan: uSimon, noLevi, noYuda, noIsakare, noYosefu, noBhenjamin:

13. aba baya kuma baqalekise, entabeni ye-Ebhali: uRubhen, noGadi, noAshere, noZebhulon, noDan, noNafetali.

14. Bohlabela abaLevi, bathi kuwo onke amadoda akwaSirayeli ngezwi elikhulu:

15. Uqalekisiwe umntu owenza umfanekiso oqingqiweyo notyhidiweyo, into elisikizi kuYehova, into engumsebenzi wezandla zomkroli, ayibeke endaweni esitheleyo; bavume bonke abantu, bathi, Amen.

16. Uqalekisiwe ocukuceza uyise nokuba ngunina; bathi bonke abantu, Amen.

17. Uqalekisiwe oshenxisa umlimandlela wommelwane wakhe; bathi bonke abantu, Amen.

18. Uqalekisiwe olahlekisa imfama endleleni; bathi bonke abantu, Amen.

19. Uqalekisiwe ojika isigwebo somphambukeli nenkedama nomhlolokazi; bathi bonke abantu, Amen.

20. Uqalekisiwe olala nomkayise; ngokuba utyhila isondo lengubo kayise; bathi bonke abantu, Amen.

21. Uqalekisiwe olala nantoni ezitho zine; bathi bonke abantu, Amen.

22. Uqalekisiwe olala nodade wabo, nokuba yintombi kayise, nokuba yintombi kanina; bathi bonke abantu, Amen.

23. Uqalekisiwe olala nomkhwekazi wakhe; bathi bonke abantu, Amen.

24. Uqalekisiwe ombulalayo ummelwane wakhe ngasese; bathi bonke abantu, Amen.

25. Uqalekisiwe osamkelayo isicengo sokubulala umntu, igazi elingenatyala; bathi bonke abantu, Amen.

26. Uqalekisiwe ongawamisiyo amazwi alo myalelo ukuba awenze; bathi bonke abantu, Amen.

About IDuteronomi Chapter 27

Read IDuteronomi Chapter 27 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of IDuteronomi in the Old Testament. Continue reading with the chapter navigation above or explore the complete book.

Book Information

Book: IDuteronomi
Chapter: 27
Testament: Old Testament

How to Read this Chapter

Use the Previous and Next Chapter buttons to continue reading IDuteronomi. You can also adjust the font size for comfortable reading and browse other books of the Bible using the navigation links.

https://www.youtube.com/watch?v=rzsT_Q3KLzE

More Resources

Continue Reading the Bible

Continue reading IDuteronomi Chapter 27 and explore every book, chapter and verse of the Holy Bible. Use the navigation links above and below to move through the Scriptures with ease.

Frequently Asked Questions

What is IDuteronomi Chapter 27?

IDuteronomi Chapter 27 is part of the Book of IDuteronomi in the Holy Bible.

Can I read this chapter online?

Yes. You can read the complete IDuteronomi Chapter 27 online for free with easy chapter navigation.

More Chapters from iduteronomi

  1. IDuteronomi Chapter 1
  2. IDuteronomi Chapter 17
  3. IDuteronomi Chapter 33
  4. IDuteronomi Chapter 2
  5. IDuteronomi Chapter 34
  6. IDuteronomi Chapter 28
  7. IDuteronomi Chapter 19

Explore More from ITestamente Endala

  1. UAmos Chapter 2
  2. 2 YeziKronike Chapter 23
  3. IiNdumiso Chapter 122
  4. INumeri Chapter 32
  5. ILevitikus Chapter 17
  6. UDaniyeli Chapter 4
  7. INumeri Chapter 24

Related Chapters & Readings

  1. 2 KwabaseKorinte Chapter 2
  2. URute Chapter 1
  3. IiNdumiso Chapter 104
  4. IEksodus Chapter 29
  5. ILevitikus Chapter 21
  6. IGenesis Chapter 4
  7. UIsaya Chapter 31
Share Your Love

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *