IGenesis Chapter 47

For English

Read IGenesis Chapter 47 Online

Read IGenesis Chapter 47 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of IGenesis in the Old Testament. Browse every verse with easy chapter navigation, continue to the next chapter, or explore the complete Book of IGenesis and the Holy Bible online.

Choose a Chapter

IGenesis 47

Isahluko 47

1. UYosefu waya kumbikela uFaro, wathi, Ufikile ubawo nabazalwana bam, nempahla yabo emfutshane, neenkomo zabo, neento zonke abanazo, bevela ezweni lakwaKanan; nabo besezweni laseGoshen.

2. Wakhetha kubo abazalwana bakhe amadoda amahlanu, wawamisa phambi koFaro.

3. Wathi uFaro kubazalwana bakhe, Uyintoni na umsebenzi wenu? Bathi kuFaro, Abakhonzi bakho ngabafuyi bempahla emfutshane, thina aba kwanoobawo bethu.

4. Babuya bathi kuFaro, Siphambukele kweli lizwe, kuba akukho tyani bampahla imfutshane abanayo abakhonzi bakho, kuba inzima indlala ezweni lakwaKanan; ngoko ke mabakhe bahlale ezweni laseGoshen abakhonzi bakho.

5. Wathetha uFaro kuYosefu, wathi, Uyihlo nabazalwana bakho bafikile kuwe.

6. Ilizwe laseYiputa liphambi kwakho: uyihlo nabazalwana bakho bahlalise kweyona ndawo intle yelizwe; mabahlale ezweni laseGoshen. Ukuba uyazi ukuba kukho kuwo amadoda aziinkunkqele emsebenzini, wamise abe ngabaphathi bemfuyo endinayo.

7. UYosefu wamngenisa uYakobi uyise, wammisa phambi koFaro. UYakobi wamsikelela uFaro.

8. UFaro wathi kuYakobi, Mingaphi na iminyaka yobudala bakho?

9. Wathi uYakobi kuFaro, Imihla yeminyaka yokuba lundwendwe kwam emhlabeni yiminyaka elikhulu elinamanci mathathu; imbalwa, imibi, imihla yeminyaka yobudala bam; ayifikanga emihleni yeminyaka yobudala boobawo, emihleni yokuba lundwendwe kwabo emhlabeni.

10. UYakobi wamsikela ke uFaro; waphuma, wemka ebusweni bukaFaro.

11. UYosefu wambeka uyise nabazalwana bakhe ezweni laseYiputa, wabanika indawo yokuma kweyona ndawo intle yelizwe, ezweni laseRameses, ngokomthetho kaFaro.

12. UYosefu wamondla uyise, nabazalwana bakhe, nendlu yonke kayise, ngesonka, ngangokuswela kosapho lwabo.

13. Bekungekho kudla kulo lonke ilizwe; kuba ibinzima kunene indlala; ilizwe laseYiputa nelizwe lakwaKanan laphelelwa ngamandla ngenxa yendlala.

14. Wayihlanganisa uYosefu yonke imali eyafunyanwayo ezweni laseYiputa nasezweni lakwaKanan, yengqolowa ababeyithenga; wayingenisa uYosefu imali endlwini kaFaro.

15. Yaphela imali ezweni laseYiputa nasezweni lakwaKanan. Onke amaYiputa eza kuYosefu, esithi, Sinike ukudla. Yini na ukuba sife phambi kwakho, kuba imali iphelile.

16. Wathi uYosefu, Rholani imfuyo yenu; ndoninika ngemfuyo yenu, ukuba imali iphelile.

17. Ayizisa imfuyo yawo kuYosefu; uYosefu wawanika ukudla ngamahashe, nangemfuyo eyimpahla emfutshane, nangemfuyo eziinkomo, nangamaesile; wawapha ukudla endaweni yayo yonke imfuyo yawo ngaloo mnyaka.

18. Waphela ke loo mnyaka. Eza kuye ngomnyaka wesibini, athi kuye, Asinakukufihla enkosini yam, ukuba imali nemfuyo eziinkomo iphelele enkosini yam; akusalanga nto kuthi phambi kwenkosi yam, yimizimba yethu nimihlaba yethu yodwa kuphela.

19. Yini na ukuba sife phambi kwakho, thina aba nomhlaba wethu. Sithenge thina nomhlaba wethu ngokudla, ukuze thina nomhlaba wethu sibe ngabakhonzi bakaFaro. Sinike imbewu, ukuze siphile, singafi, kube senkangala.

20. UYosefu wawuthengela uFaro wonke umhlaba waseYiputa; kuba amaYiputa athengisa elowo ngentsimi yakhe, kuba indlala yabe inzima phezu kwawo; umhlaba ke waba ngokaFaro.

21. Abantu wabafudusela emizini, kwathabathela ekupheleni komnye umda waseYiputa kwesa ekupheleni komnye.

22. Ngumhlaba wababingeleli wodwa angawuthenganga; kuba ababingeleli babenesabelo abasimiselweyo esivela kuFaro, besidla isabelo eso simiselweyo, babesinikwe nguFaro; ngenxa yoko bona abathengisanga ngomhlaba wabo.

23. Wathi uYosefu ebantwini, Yabonani, namhla nina nomhlaba wenu ndinithengele uFaro; nantsi ke imbewu yenu, hlwayelani umhlaba.

24. Nothi kwinto eniyizuzileyo, nimnike uFaro esesihlanu isahlulo, ezine izahlulo zibe zezenu, zibe yimbewu yentsimi, nezokudliwa nini nangabasezindlwini zenu, nezokudliwa lusapho lwenu.

25. Bathi, Usisindisile; mayisibabale inkosi yam, soba ngabakhonzi kuFaro.

26. UYosefu wayimisa loo nto yaba ngummiselo unanamhla phezu komhlaba waseYiputa, ukuba esesihlanu isahlulo sibe sesikaFaro; ngumhlaba wababingeleli wodwa ongabanga ngokaFaro.

27. Wahlala uSirayeli ezweni laseYiputa, ezweni laseGoshen; baqiniseka ukuma khona, baqhama, banda kunene.

28. UYakobi wadla ubomi ezweni laseYiputa iminyaka elishumi elinesixhenxe; imihla kaYakobi, iminyaka yobudala bakhe, yaba yiminyaka elikhulu elinamanci amane, aneminyaka esixhenxe.

29. Yasondela imihla kaSirayeli yokuba afe; wabiza unyana wakhe uYosefu, wathi kuye, Ukuba kaloku ndibabalwe nguwe, khawubeke isandla sakho phantsi kwethanga lam, undenzele inceba nenyaniso. Uze ungakhe undingcwabe eYiputa.

30. Ke ndiya kulala koobawo; uze undisuse eYiputa, undingcwabe engcwabeni labo. Wathi ke yena, Ndiya kwenza ngokwelizwi lakho.

31. Wathi, Funga; wafunga ke. Waqubuda uSirayeli phezu kwentloko yesingqengqelo.

About IGenesis Chapter 47

Read IGenesis Chapter 47 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of IGenesis in the Old Testament. Continue reading with the chapter navigation above or explore the complete book.

Book Information

Book: IGenesis
Chapter: 47
Testament: Old Testament

How to Read this Chapter

Use the Previous and Next Chapter buttons to continue reading IGenesis. You can also adjust the font size for comfortable reading and browse other books of the Bible using the navigation links.

https://www.youtube.com/watch?v=rzsT_Q3KLzE

More Resources

Continue Reading the Bible

Continue reading IGenesis Chapter 47 and explore every book, chapter and verse of the Holy Bible. Use the navigation links above and below to move through the Scriptures with ease.

Frequently Asked Questions

What is IGenesis Chapter 47?

IGenesis Chapter 47 is part of the Book of IGenesis in the Holy Bible.

Can I read this chapter online?

Yes. You can read the complete IGenesis Chapter 47 online for free with easy chapter navigation.

More Chapters from Igenesis

  1. IGenesis Chapter 3
  2. IGenesis Chapter 1
  3. IGenesis Chapter 10
  4. IGenesis Chapter 42
  5. IGenesis Chapter 31
  6. IGenesis Chapter 5
  7. IGenesis Chapter 20

Explore More from ITestamente Endala

  1. 2 YooKumkani Chapter 23
  2. IiNdumiso Chapter 12
  3. 1 YeziKronike Chapter 25
  4. IGenesis Chapter 35
  5. 1 KaSamuweli Chapter 24
  6. ImiZekeliso Chapter 4
  7. IiNdumiso Chapter 94

Related Chapters & Readings

  1. UHezekile Chapter 45
  2. IiNdumiso Chapter 114
  3. ImiZekeliso Chapter 9
  4. IZenzo Chapter 26
  5. IiNdumiso Chapter 80
  6. ILevitikus Chapter 20
  7. INumeri Chapter 36
Share Your Love

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *