1 YooKumkani Chapter 3

For English

Read 1 YooKumkani Chapter 3 Online

Read 1 YooKumkani Chapter 3 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of 1 YooKumkani in the Old Testament. Browse every verse with easy chapter navigation, continue to the next chapter, or explore the complete Book of 1 YooKumkani and the Holy Bible online.

Choose a Chapter

1 YooKumkani 3

Isahluko 3

1. USolomon ke wakha ubuhlobo noFaro ukumkani wamaYiputa; wazeka intombi kaFaro, wayizisa emzini kaDavide, wada wayigqiba ukuyakha indlu yakhe, nendlu kaYehova, nodonga lwaseYerusalem ngeenxa zonke.

2. Kodwa ke abantu babebingelela ezigangeni; ngokuba belingekakhelwa ndlu igama likaYehova, kwada kwayiloo mihla.

3. USolomon ubemthanda uYehova, ehamba emimiselweni kaDavide uyise; kodwa ke ubebingelela eqhumisela ezigangeni yena.

4. Ukumkani ubesiya eGibheyon, ukuba abingelele khona; ngokuba ibisiso isiganga esikhulu; uSolomon wenyusa iwaka lamadini anyukayo kweso sibingelelo.

5. UYehova wabonakala kuSolomon eGibheyon apho ngephupha ebusuku, wathi uThixo, Cela into, ndikuphe.

6. Wathi uSolomon, Wena wenza inceba enkulu kumkhonzi wakho uDavide ubawo, njengoko abehamba phambi kwakho enyanisweni, nasebulungiseni, nangokuthi tye kwentliziyo kuwe, wamgcinela le nceba inkulu, wamnika unyana ohleli etroneni yakhe, njengokuba kunjalo namhla.

7. Kaloku, Yehova Thixo wam, wena umenze umkhonzi wakho lo wangukumkani esikhundleni sikaDavide ubawo; ndingumntwana omncinane; andikwazi ukuphuma nokungena.

8. Umkhonzi wakho lo uphakathi kwabantu bakho obanyulileyo, abantu abaninzi, abangenakubalwa, abangenakuxelwa ukuba baninzi.

9. Mnike umkhonzi wakho intliziyo evayo, yokubalawula abantu bakho, ahlule phakathi kokulungileyo nokungendawo; ngokuba ngubani na onako ukubalawula abantu bakho aba bangaka?

10. Lalunga elo lizwi emehlweni eNkosi ukuba uSolomon acele loo nto.

11. Wathi ke uThixo kuye, Ngenxa enokuba ucele le nto, akwazicelela imihla emininzi, akwazicelela ubutyebi, akwazicelela ubomi beentshaba zakho, wazicelela ukuqonda ukuba uwathethe amatyala: uya bona, ndenze ngokwelizwi lakho.

12. Uyabona, ndikunikile intliziyo enobulumko enokuqonda, ekungabangakho unjengawe phambi kwakho, ekungayi kuvela unjengawe emva kwakho.

13. Kananjalo oko ungakucelanga ndikunikile nako, kwaubutyebi nozuko, ukuba kungabikho mntu unjengawe phakathi kookumkani yonke imihla yakho.

14. Ke ukuba uthe wahamba ngeendlela zam, ngokuyigcina imimiselo yam nemithetho yam, njengoko wahamba ngako uDavide uyihlo, ndoyolula imihla yakho.

15. Wavuka uSolomon, O! liphupha. Waya ke eYerusalem, wema phambi kwetyeya yomnqophiso kaYehova, wenyusa amadini anyukayo, wenza imibingelelo yokubulela, wabenzela isidlo abakhonzi bakhe bonke.

16. Ngelo xesha kweza kukumkani amankazana amabini angamahenyukazi, ema phambi kwakhe.

17. Yathi enye inkazana, Camagu, nkosi yam! Thina nale nkazana sihlala ndlwini-nye; ndazala, ndinayo kuloo ndlu.

18. Kwathi ngosuku lwesithathu ndizele, yazala nayo le nkazana, sindawonye ke; kwaye kungekho mntu wasemzini unathi kuloo ndlu, sisodwa thina sobabini kuloo ndlu.

19. Wafa unyana wale nkazana ebusuku, ngokusuka ilale phezu kwakhe.

20. Yavuka phakathi kobusuku, yamthabatha unyana wam ecaleni lam, elele umkhonzazana wakho lo, yamlalisa esifubeni sayo, yathi unyana wayo ofileyo yamlalisa esifubeni sam.

21. Ndavuka kusasa, ukuba ndimanyise unyana wam, O! ufile; ndaza ndamgqala kusasa, yini le, asingunyana wam endamzalayo.

22. Yathi enye inkazana, Hayi, ngunyana wam lo uhleliyo, unyana wakho ngulowa ufileyo. Yathi le, Hayi; unyana wakho ngulowa ufileyo, unyana wam ngulo uhleliyo. Benjenjalo ukuthetha phambi kokumkani.

23. Wathi ukumkani, Le ithi, Ngunyana wam lo uhleliyo, unyana wakho ngulowa ufileyo; leya ithi, Hayi, unyana wakho ngulowa ufileyo, ngunyana wam lo uhleliyo.

24. Wathi ukumkani, Ndithabatheleni ikrele. Balizisa ke ikrele phambi kokumkani.

25. Wathi ukumkani, Mcandeni kubini lo mntwana uhleliyo, niyinike isahlulo enye, niyinike isahlulo enye.

26. Yathetha le nkazana, ungowayo unyana ohleliyo, kukumkani (ngokuba ibisikwayimfesane ngonyana wayo), yathi, Camagu, nkosi yam, seniyinika lo mntwana uhleliyo; musani ukumbulala afe. Ke enye le yathi, Makangabi ngowam, makangabi ngowakhe; mcandeni.

27. Waphendula ukumkani, wathi, Mnikeni leya umntwana ohleliyo, ningambulali; nguye unina.

28. Asiva onke amaSirayeli isigwebo agwebe ngaso ukumkani; amoyika ukumkani; ngokuba ayebona ukuba ubulumko bukaThixo buphakathi kwakhe, ukuba enze isigwebo.

About 1 YooKumkani Chapter 3

Read 1 YooKumkani Chapter 3 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of 1 YooKumkani in the Old Testament. Continue reading with the chapter navigation above or explore the complete book.

Book Information

Book: 1 YooKumkani
Chapter: 3
Testament: Old Testament

How to Read this Chapter

Use the Previous and Next Chapter buttons to continue reading 1 YooKumkani. You can also adjust the font size for comfortable reading and browse other books of the Bible using the navigation links.

https://www.youtube.com/watch?v=rzsT_Q3KLzE

More Resources

Continue Reading the Bible

Continue reading 1 YooKumkani Chapter 3 and explore every book, chapter and verse of the Holy Bible. Use the navigation links above and below to move through the Scriptures with ease.

Frequently Asked Questions

What is 1 YooKumkani Chapter 3?

1 YooKumkani Chapter 3 is part of the Book of 1 YooKumkani in the Holy Bible.

Can I read this chapter online?

Yes. You can read the complete 1 YooKumkani Chapter 3 online for free with easy chapter navigation.

More Chapters from 1-yookumkani

  1. 1 YooKumkani Chapter 12
  2. 1 YooKumkani Chapter 5
  3. 1 YooKumkani Chapter 1
  4. 1 YooKumkani Chapter 17
  5. 1 YooKumkani Chapter 14
  6. 1 YooKumkani Chapter 2
  7. 1 YooKumkani Chapter 22

Explore More from ITestamente Endala

  1. UYobhi Chapter 36
  2. UHezekile Chapter 34
  3. UDaniyeli Chapter 11
  4. UHezekile Chapter 45
  5. UDaniyeli Chapter 4
  6. 2 YooKumkani Chapter 22
  7. IEksodus Chapter 33

Related Chapters & Readings

  1. IiNdumiso Chapter 9
  2. 1 KaSamuweli Chapter 13
  3. IiNdumiso Chapter 19
  4. IiNdumiso Chapter 91
  5. UEzra Chapter 6
  6. UHezekile Chapter 31
  7. 1 KaSamuweli Chapter 1
Share Your Love

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *