UYohane Chapter 10

For English

Read UYohane Chapter 10 Online

Read UYohane Chapter 10 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of UYohane in the New Testament. Browse every verse with easy chapter navigation, continue to the next chapter, or explore the complete Book of UYohane and the Holy Bible online.

Choose a Chapter

UYohane 10

Isahluko 10

1. Inene, inene, ndithi kuni, Ongangeniyo ngalo isango ebuhlantini bezimvu, osuka akhwele ngandawo yimbi, lowo ulisela nesihange.

2. Ke yena ongena ngalo isango ngumalusi wezimvu.

3. Umgcini-sango uyamvulela lowo; zithi nezimvu zilive izwi lakhe azibize ezakhe izimvu ngamagama, azikhokelele phandle zona.

4. Xa athe wazikhupha ezakhe izimvu, uhamba phambi kwazo, zithi nezimvu zimlandele; ngokuba zilazi izwi lakhe.

5. Ke owasemzini azingemlandeli; zosuka zimbaleke, ngokuba zingalazi izwi labasemzini.

6. Lo mzekeliso wawuthetha kubo uYesu; ke bona abaziqondanga ukuba zizinto zini na ezo abezithetha kubo.

7. Wabuya wathi ngoko kubo uYesu, Inene, inene, ndithi kuni, Ndim isango lezimvu.

8. Bonke abezayo ngaphambi kwam bangamasela nezihange; ke zona izimvu azibevanga.

9. Ndim isango; ukuba umntu uthe wangena ngam, wosindiswa; uya kungena ephuma, afumane utyani.

10. Isela alizi lingazele ukuze libe, lixhele, litshabalalise. Mna ndizele ukuze babe nobomi, babe nabo ke ngokugqithiseleyo.

11. Ndim umalusi olungileyo; umalusi olungileyo, ubomi bakhe ubuncamela izimvu.

12. Ke yena ongumqeshwa, engengumalusi, ezingezizo ezakhe izimvu, uyibona ingcuka isiza, azishiye izimvu, abaleke, ize ingcuka izibambe, izichithachithe izimvu.

13. Umqeshwa lo ke ubaleka ngokuba engumqeshwa, engazikhathalele izimvu.

14. Ndim umalusi olungileyo; ndiyazazi ezam, ndiyaziwa zezam.

15. Njengokuba endazi uBawo, nam ndiyamazi uBawo, nobomi bam ndibuncamela izimvu.

16. Ndinazo nezinye izimvu, ezingezizo ezobu buhlanti; nazo ezo ndimelwe kukuza nazo; zaye ziya kuliva izwi lam, zibe mhlambi mnye, nomalusi abe mnye.

17. Ngenxa yoku uBawo uyandithanda; ngokuba mna ndibuncama ubomi bam, ukuze ndibuye ndibuthabathe.

18. Akukho namnye ubuhluthayo kum, ndiyabuncama mna ngokwam; ndinegunya lokubuncama, ndinegunya lokubuya ndibuthabathe; lo mthetho ndawamkela kuBawo.

19. Abuya ngoko amaYuda athi qheke kubini ngenxa yala mazwi.

20. Yayisithi ke into eninzi kuwo, Unedemon, uyageza; yini na ukuba nimphulaphule?

21. Abanye babesithi, La mazwi asingawo awophethwe yidemon: idemon ingaba inako yini na ukuvula amehlo emfama?

22. Ke kaloku, kwabakho umthendeleko wokuhlaziywa kwetempile eYerusalem; kwaye kusebusika.

23. Waye ehambahamba uYesu etempileni, evarandeni kaSolomon.

24. Amngqonga ngoko amaYuda, athi kuye, Koda kube nini na usiphongomisile? Ukuba unguye uKristu, sixelele ngokuphandle.

25. Wawaphendula uYesu wathi, Ndinixelele, noko anikholwa; imisebenzi endiyenzayo mna egameni likaBawo, yona iyangqina ngam.

26. Nina anikholwa; kuba aningabo abezimvu zam; njengoko ndanixelelayo.

27. Ezam izimvu ziyaliva ilizwi lam, ndibe nam ndizazi, zindilandela;

28. mna ndizinika ubomi obungunaphakade; azisayi kutshabalala naphakade; akukho namnye uya kuzihlutha esandleni sam.

29. UBawo, ondinike zona, ungaphezu kwabo bonke; akukho bani unako ukuzihlutha esandleni sikaBawo.

30. Mna noBawo sibanye.

31. Abuya ngoko amaYuda achola amatye ukuba amxulube.

32. Wawaphendula uYesu wathi, Mininzi imisebenzi emihle endanibonisayo, ivela kuBawo; nindixuluba ngenxa yawuphi na umsebenzi kuyo?

33. Amphendula amaYuda esithi, Asikuxulu beli msebenzi mhle, sikuxuluba ngokuba unyelisa; nangokuba wena usithi, ungumntu nje, usuke uzenze uThixo.

34. Uwaphendule uYesu wathi, Akubhaliwe na emthethweni wenu, kwathiwa, Mna ndithe ningoothixo?

35. Ukuba uthe bona bangoothixo, eleza kubo ilizwi likaThixo (sibe isibhalo singenakwaphulwa),

36. nitsho na nina ngaye lowo uYise wamngcwalisayo, wamthuma ehlabathini, ukuthi, Uyanyelisa; ngokuba ndithe, NdinguNyana kaThixo?

37. Ukuba andiyenzi imisebenzi kaBawo, musani ukukholwa ndim.

38. Ke ukuba ndiyayenza, nokuba anikholwa ndim, kholwani yiyo yona imisebenzi; ukuze nazi, nikholwe, ukuba uBawo ukum, nam ndikuye.

39. Abuya ngoko afuna ukumbamba; waphuluka ezandleni zawo.

40. Wabuya wemka, waya phesheya kweYordan, kwindawo abebhaptizela kuyo uYohane kuqala; wahlala khona.

41. Kweza babaninzi kuye, bathi, UYohane okunene akenzanga namnye umqondiso; kodwa ke zonke izinto, awazithethayo uYohane ngaye lo, zaziyinene.

42. Bathi abaninzi bakholwa kuye khona apho.

About UYohane Chapter 10

Read UYohane Chapter 10 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of UYohane in the New Testament. Continue reading with the chapter navigation above or explore the complete book.

Book Information

Book: UYohane
Chapter: 10
Testament: New Testament

How to Read this Chapter

Use the Previous and Next Chapter buttons to continue reading UYohane. You can also adjust the font size for comfortable reading and browse other books of the Bible using the navigation links.

https://www.youtube.com/watch?v=rzsT_Q3KLzE

More Resources

Continue Reading the Bible

Continue reading UYohane Chapter 10 and explore every book, chapter and verse of the Holy Bible. Use the navigation links above and below to move through the Scriptures with ease.

Frequently Asked Questions

What is UYohane Chapter 10?

UYohane Chapter 10 is part of the Book of UYohane in the Holy Bible.

Can I read this chapter online?

Yes. You can read the complete UYohane Chapter 10 online for free with easy chapter navigation.

More Chapters from ITestamente Entsha

  1. IsiTyhilelo Chapter 21
  2. IsiTyhilelo Chapter 10
  3. IsiTyhilelo Chapter 1
  4. IsiTyhilelo Chapter 14
  5. IsiTyhilelo Chapter 8
  6. UYohane Chapter 1
  7. IsiTyhilelo Chapter 13

Explore More from uyohane

  1. UYohane Chapter 16
  2. UYohane Chapter 2
  3. UYohane Chapter 18
  4. UYohane Chapter 13
  5. UYohane Chapter 14
  6. UYohane Chapter 20
  7. UYohane Chapter 1

Related Chapters & Readings

  1. UYohane Chapter 6
  2. 2 KaSamuweli Chapter 6
  3. UIsaya Chapter 26
  4. ULuka Chapter 14
  5. IZenzo Chapter 6
  6. 1 YooKumkani Chapter 8
  7. 2 KwabaseTesalonika Chapter 2
Share Your Love

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *