IDuteronomi Chapter 2

For English

Read IDuteronomi Chapter 2 Online

Read IDuteronomi Chapter 2 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of IDuteronomi in the Old Testament. Browse every verse with easy chapter navigation, continue to the next chapter, or explore the complete Book of IDuteronomi and the Holy Bible online.

Choose a Chapter

A+ A A-

IDuteronomi 2

Isahluko 2

1. Sanduluka, sabheka entlango ngendlela eya eLwandle oluBomvu, njengoko uYehova wathetha kum, sayijikeleza intaba yakwaSehire imihla emininzi.

2. Wathetha uYehova kum, wathi,

3. Kukade niyijikeleza le ntaba; bhekani ngasentla,

4. ubawisele abantu umthetho uthi, Niya kugqitha nje emdeni wabazalwana benu, oonyana bakaEsawu, abemi kwaSehire. Baya kunoyika, ize nizilumkele ke kunene.

5. Ize ningabambani nabo; kuba ezweni labo andiyi kuninika nendawo engangokunyathela kwentende yonyawo; ngokuba ndimnikile uEsawu intaba yakwaSehire ukuba ayime.

6. Ukudla nokuthenga kubo ngemali, nidle; namanzi nowemba kubo ngemali, nisele.

7. Kuba uYehova, uThixo wakho, ukusikelele emsebenzini wonke wesandla sakho. Uyakwazi ukuyihamba kwakho le ntlango inkulu; le minyaka imashumi mane uYehova uThixo wakho unawe, akuswelanga nto.

8. Segqitha ke kubazalwana bethu, oonyana bakaEsawu, abemiyo kwaSehire, saphambuka endleleni yeArabha, e-Elati nase-Etsiyon-gebhere. Sajika ke, sadlula ngendlela yentlango yakwaMowabhi.

9. Wathi uYehova kum, Uze ungawabandezeli amaMowabhi, uze ungabambani nawo ulwe nawo; kuba andiyi kukunika nto yelizwe lawo uyihluthe; kuba iAre ndiyinike oonyana bakaLote, ukuba bayime.

10. AmaEma ayemi kulo kudala, engabantu abakhulu, abaninzi, abade njengama-Anaki.

11. Bekusithiwa ngamaRafa nawo, njengama-Anaki; ke amaMowabhi athi ngamaEma.

12. NakwaSehire bekumi amaHori kudala; koko oonyana bakaEsawu bawagqogqa, bawatshabalalisa ebusweni babo, bahlala esikhundleni sawo, njengoko akwenzayo amaSirayeli ezweni lelifa lawo, abelinikwe nguYehova.

13. Ndathi ke, Ndulukani ngoku, niwele umlanjana weZerede; sawuwela ke umlanjana weZerede.

14. Imihla yokuhamba kwethu, sisuka eKadeshe-bharneha side siwele umlanjana weZerede, yaba yiminyaka emashumi mathathu anesibhozo; sada saphela sonke eso sizukulwana samadoda okulwa phakathi komkhosi, njengoko uYehova wawafungelayo.

15. Saye kananjalo isandla sikaYehova siphezu kwawo, ukuba adutywadutywe phakathi komkhosi ade agqitywe.

16. Kwathi, xenikweni onke amadoda okulwa ayegqityiwe, afa phakathi kwabantu,

17. wathetha uYehova kum, esithi,

18. Namhla uya kugqitha emdeni wakwaMowabhi oyiAre,

19. usondele malungana noonyana baka-Amon. Uze ungababandezeli, uze ungabambani nabo; kuba ezweni loonyana baka-Amon andiyi kukunika ndawo yakuma; ngokuba ndilinike oonyana bakaLote ukuba limiwe ngabo.

20. Bekusithiwa lilizwe lamaRafa nalo. Bekumi amaRafa khona kudala; ama-Amon athi ngamaZamzum;

21. engabantu abakhulu, abaninzi, abade njengama-Anaki. UYehova wabatshabalalisa ebusweni babo; babagqogqa, bema esikhundleni sabo;

22. njengoko wabenzelayo oonyana bakaEsawu abemiyo kwaSehire, wawatshabalalisa amaHori ebusweni babo, bawagqogqa, bema esikhundleni sawo unanamhla.

23. Nama-Avi ayemi emizaneni, ada esa eGaza; amaKafetori, awaphumayo kwelamaKafetori, awatshabalalisa, ema esikhundleni sawo.

24. Sukani ninduluke, niwele umlanjana oyiArnon. Yabona, ndimnikele esandleni sakho uSihon ukumkani waseHeshbhon, umAmori, nelizwe lakhe. Qala ukulihlutha, ubambane naye, ulwe naye.

25. Ngale mini ndiya kuqala ukubeka ukunkwantya ngawe nokoyikeka kwakho phezu kwabantu abaphantsi kwezulu lonke, abaya kuluva udaba lwakho bagungqe, bazibhijabhije ngenxa enawe.

26. Ndasusa abathunywa entlango yeKedemoti, baya kuSihon ukumkani waseHeshbhon, benamazwi oxolo okuthi, Ndiyeke ndicande ezweni lakho.

27. Ndohamba ngendlela le yodwa; andiyi kuthi gu bucala ndiye ekunene nasekhohlo.

28. Ukudla wondithengela ngemali ndidle, namanzi wondinika ngemali ndisele, ndihambe nje kodwa ngeenyawo;

29. njengoko benza ngako kum oonyana bakaEsawu abemiyo kwaSehire, namaMowabhi abemiyo eAre; ndide ndiwele iYordan, ndiye ezweni asinikayo uYehova uThixo wethu.

30. Akavuma uSihon ukumkani weHeshbhon, ukuba sicande kuye, ngokuba uYehova uThixo wakho wamqinisa isibindi, wayenza ingqoshomba intliziyo yakhe, ukuze amnikele esandleni sakho, njengokuba kunjalo namhla.

31. Wathi uYehova kum, Yabona, ndiqalile ukumnikela kuwe uSihon nelizwe lakhe; qala ukulihlutha, ulidle ilifa ilizwe lakhe.

32. Waphuma ke uSihon wasihlangabeza, yena nabantu bakhe bonke, eza kulwa eYatsa.

33. UYehova uThixo wethu wamnikela kuthi; sambulala, yena noonyana bakhe, nabantu bakhe bonke.

34. Sayithimba yonke imizi yakhe ngelo xesha, sawasingela phantsi amadoda emizi yonke, nabafazi, nabantwana; asasalisa namnye usindayo.

35. Ziinkomo zodwa esazithimbelayo, namaxhoba emizi esayithimbayo.

36. Sathabathela eArohere, eseludinini lomlanjana oyiArnon, emzini osesihlanjeni, sada sesa eGiliyadi, akwabakho mzi usinqabelayo; konke wakunikela kuthi uYehova uThixo wethu.

37. Lilizwe loonyana baka-Amon lodwa, eningasondelanga kulo: lonke icala lomlanjana oyiYabhoki, nemizi yasezintabeni, nento yonke awawisa umthetho ngayo uYehova uThixo wethu.

About IDuteronomi Chapter 2

Read IDuteronomi Chapter 2 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of IDuteronomi in the Old Testament. Continue reading with the chapter navigation above or explore the complete book.

Book Information

Book: IDuteronomi
Chapter: 2
Testament: Old Testament

How to Read this Chapter

Use the Previous and Next Chapter buttons to continue reading IDuteronomi. You can also adjust the font size for comfortable reading and browse other books of the Bible using the navigation links.

https://www.youtube.com/watch?v=rzsT_Q3KLzE

More Resources

Continue Reading the Bible

Continue reading IDuteronomi Chapter 2 and explore every book, chapter and verse of the Holy Bible. Use the navigation links above and below to move through the Scriptures with ease.

Frequently Asked Questions

What is IDuteronomi Chapter 2?

IDuteronomi Chapter 2 is part of the Book of IDuteronomi in the Holy Bible.

Can I read this chapter online?

Yes. You can read the complete IDuteronomi Chapter 2 online for free with easy chapter navigation.

More Chapters from iduteronomi

  1. IDuteronomi Chapter 1
  2. IDuteronomi Chapter 17
  3. IDuteronomi Chapter 33
  4. IDuteronomi Chapter 34
  5. IDuteronomi Chapter 28
  6. IDuteronomi Chapter 19
  7. IDuteronomi Chapter 18

Explore More from ITestamente Endala

  1. UZefaniya Chapter 2
  2. 1 YeziKronike Chapter 5
  3. UIsaya Chapter 43
  4. UHoseya Chapter 1
  5. UHezekile Chapter 15
  6. 2 YeziKronike Chapter 19
  7. IiNdumiso Chapter 13

Related Chapters & Readings

  1. 2 YooKumkani Chapter 1
  2. UYoshuwa Chapter 24
  3. IGenesis Chapter 10
  4. 1 KaSamuweli Chapter 30
  5. UYoshuwa Chapter 10
  6. UIsaya Chapter 58
  7. UYobhi Chapter 1
Share Your Love

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *