UIsaya Chapter 65

For English

Read UIsaya Chapter 65 Online

Read UIsaya Chapter 65 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of UIsaya in the Old Testament. Browse every verse with easy chapter navigation, continue to the next chapter, or explore the complete Book of UIsaya and the Holy Bible online.

Choose a Chapter

UIsaya 65

Isahluko 65

1. Ndangxokeka kwababengandibuzi, ndafumaneka kwababengandifuni. Ndathi, Ndikho, ndikho, kuhlanga obelungabizwa ngegama lam.

2. Ndolula isandla zam imini yonke kubantu abaziinjubaqa, abahamba ngendlela engalungileyo, emva kweengcinga ezizezabo:

3. abantu aba bandiqumbisayo ngamaxesha onke besebusweni bam, bebingelela emiyezweni, beqhumisela eziteneni,

4. behleli emangcwabeni, belalisa ezindaweni ezinqabileyo, besidla inyama yehagu, ezityeni zabo ingumhluzi oyimbozisa;

5. besithi, Yima, ungasondeli kum; ngokuba ndingcwele kunawe. Abo bangumsi ezimpumlweni zam, umlilo otsha iimini zonke.

6. Yabona, kubhaliwe phambi kwam, kwathiwa, Andiyi kuthi tu, ndingaphindezelanga; ndiya kuphindezelela esondweni lengubo yabo izenzo zenu ezigwenxa,

7. nezenzo ezigwenxa zooyihlo kunye, utsho uYehova; abaqhumiselayo ezintabeni, bandingcikiva ezindulini; ngako oko ndiya kuwulinganisela umvuzo womsebenzi wabo kuqala esondweni labo.

8. Utsho uYehova ukuthi, Njengokuba incindi ifunyanwa esihlokweni, athi umntu, Musa ukusonakalisa, ngokuba kukho intsikelelo kuso; ndiya kwenjenjalo ngenxa yabakhonzi bam, ukuze ndingonakalisi into yonke.

9. Ndiya kuvelisa imbewu kaYakobi, indlalifa yentaba yam kwaYuda, balidle ilifa abanyulwa bam, bahlale khona abakhonzi bam;

10. iSharon yoba likriwa lempahla emfutshane, nentili yeAkore ibe yindawo yokubutha iinkomo ebantwini bam abandiquqeleyo.

11. Ke nina nimshiyileyo uYehova, niyilibeleyo intaba yam engcwele, nimlungiselayo uThamsanqa isithebe, nimzaliselayo uSihlo iwayini ephithikeziweyo,

12. ndinimisele ikrele, niguqele ukusikwa nonke mpela, ngenxa enokuba ndanibizayo, anasabela; ndathetha, aneva; nesuka nenza okubi emehlweni am; nanyula endingakunanzileyo.

13. Ngako oko itsho iNkosi uYehova ukuthi, Yabonani, abakhonzi bam baya kudla, ke nina niya kulamba; yabonani, abakhonzi bam baya kusela, ke nina niya kunxanwa; yabonani, abakhonzi bam baya kuvuya, ke nina niya kudana.

14. Yabonani, abakhonzi bam baya kumemelela ngokuchwayitha kwentliziyo, ke nina niya kukhala ngumvandedwa wentliziyo, nibhomboloze kukwaphuka komoya wenu.

15. Niya kulishiya igama lenu libe sisishwabulo kubanyulwa bam, ikubulale iNkosi uYehova, ke ibabize ngalimbi igama abakhonzi bayo;

16. ngokokude athi ozisikeleleyo elizweni, azisikelele ngoThixo wenyaniso; athi ofungayo elizweni, afunge uThixo wenyaniso; ngokuba zilityelwe iimbandezelo zangaphambili, nangokuba zisithele emehlweni am.

17. Ngokuba, niyabona, ndidala amazulu amatsha nehlabathi elitsha; angakhunjulwa awokuqala, angenyuki athi qatha entliziyweni.

18. Hayi, yibani nemihlali, nigcobe nanini yiloo nto ndiyidalayo; ngokuba, yabonani, ndiyayidala iYerusalem ukuba igcobe, nabantu bayo ukuba babe nemihlali.

19. Ndiya kugcoba ngeYerusalem, ndibe nemihlali ngabantu bam, lingabi savakala khona ilizwi lokulila nelizwi lokukhala.

20. Akuyi kuba savela khona usana oluneentsuku, nexhego elingayizalisanga imihla yalo; kuba umfana uya kufa engominyaka ilikhulu ezelwe, atshabhiswe umoni engominyaka ilikhulu ezelwe.

21. Baya kwakha izindlu, bazihlale; batyale izidiliya, badle iziqhamo zazo.

22. Abayi kwakha, kuhlale bambi; abayi kutyala, kudle bambi; kuba iya kuba njengemihla yomthi imihla yabantu bam, badle into esetyenzwe zizandla zabo abanyulwa bam.

23. Abayi kuzixhamla ngokulambathayo, bazalele ukhwankqiso; ngokuba bayimbewu ayisikeleleyo uYehova, nabaphume ezibilinini zabo banabo.

24. Kuya kuthi bengekabizi, ndisabele; besathetha, ndibe sendivile.

25. Kuya kudla ndawonye ingcuka nemvana, ingonyama idle umququ njengenkomo; inyoka, sibe luthuli isonka sayo. Aziyi kwenza bubi, zonakalise, kuyo yonke intaba yam engcwele; utsho uYehova.

About UIsaya Chapter 65

Read UIsaya Chapter 65 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of UIsaya in the Old Testament. Continue reading with the chapter navigation above or explore the complete book.

Book Information

Book: UIsaya
Chapter: 65
Testament: Old Testament

How to Read this Chapter

Use the Previous and Next Chapter buttons to continue reading UIsaya. You can also adjust the font size for comfortable reading and browse other books of the Bible using the navigation links.

https://www.youtube.com/watch?v=rzsT_Q3KLzE

More Resources

Continue Reading the Bible

Continue reading UIsaya Chapter 65 and explore every book, chapter and verse of the Holy Bible. Use the navigation links above and below to move through the Scriptures with ease.

Frequently Asked Questions

What is UIsaya Chapter 65?

UIsaya Chapter 65 is part of the Book of UIsaya in the Holy Bible.

Can I read this chapter online?

Yes. You can read the complete UIsaya Chapter 65 online for free with easy chapter navigation.

More Chapters from ITestamente Endala

  1. UIsaya Chapter 1
  2. IGenesis Chapter 3
  3. UYoshuwa Chapter 10
  4. ILevitikus Chapter 1
  5. IEksodus Chapter 2
  6. IEksodus Chapter 1
  7. EcclesiastesImiZekeliso Chapter 2

Explore More from Uisaya

  1. UIsaya Chapter 7
  2. UIsaya Chapter 1
  3. UIsaya Chapter 59
  4. UIsaya Chapter 58
  5. UIsaya Chapter 60
  6. UIsaya Chapter 50
  7. UIsaya Chapter 57

Related Chapters & Readings

  1. UHezekile Chapter 13
  2. ULuka Chapter 11
  3. IDuteronomi Chapter 30
  4. INgoma yazo iiNgoma Chapter 8
  5. IDuteronomi Chapter 34
  6. UZefaniya Chapter 3
  7. UZekariya Chapter 8
Share Your Love

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *