IGenesis Chapter 34

For English

Read IGenesis Chapter 34 Online

Read IGenesis Chapter 34 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of IGenesis in the Old Testament. Browse every verse with easy chapter navigation, continue to the next chapter, or explore the complete Book of IGenesis and the Holy Bible online.

Choose a Chapter

IGenesis 34

Isahluko 34

1. Ke kaloku uDina, intombi kaLeya, leyo wayizalela uYakobi, waphuma waya kubona iintombi zelo zwe.

2. UShekem, unyana kaHamore umHivi, isikhulu selizwe, sambona, samthabatha, salala naye, samona.

3. Umphefumlo wakhe wanamathela kuDina intombi kaYakobi; wayithanda intombi leyo, wathetha kakuhle nentombi.

4. UShekem wathetha kuHamore uyise wathi, Ndizekele le ntombi ibe ngumfazi.

5. Weva uYakobi ukuba umenze inqambi uDina, intombi yakhe. Ke oonyana bakhe baye besempahleni yakhe endle; wathi tu ke uYakobi, bada bafika.

6. Waphuma uHamore, uyise kaShekem, eza kuthetha noYakobi.

7. Bafika oonyana akaYakobi evela kwalusa. Bakuyiva le nto aba bahlungu amadoda lawo, avutha kunene ngumsindo, ngokuba wenza ubudenge kwaSirayeli ngokulala nentombi kaYakobi, into leyo engeyakwenziwa.

8. Wathetha uHamore nabo, esithi, uShekem, unyana wam, umphefumlo wakhe uthene nca nentombi yakowenu; khanimnike ibe ngumkakhe;

9. nendiselane nathi, nisinike iintombi zenu, nizeke iintombi zethu;

10. nahlale nathi, ilizwe libe phambi kwenu; hlalani nirhwebe kulo, niqiniseke ukuma kulo.

11. Wathi uShekem kuyise wayo, nakubanakwayo, Mandibabalwe emehlweni enu, nento eniyithethayo kum ndoninika.

12. Yandisani kunene ikhazi phezu kwam, nesipho; ndoninika njengoko nithethayo kum; ndinikeni ke intombi leyo ibe ngumfazi.

13. Oonyana bakaYakobi babaphendla ooShekem noHamore uyise ngenkohliso, bathetha nabo, ngokuba ebemenze inqambi uDina, udade wabo.

14. Bathi kubo, Asinakuyenza le nto, yokuba udade wethu simnike indoda engalukanga; kuba loo nto ibe ingaba sisingcikivo kuthi.

15. Sovumelana nani ngale ndawo yodwa, ukuba nithe naba njengathi, ngokuthi yaluke kuni yonke into eyindoda.

16. Soninika ke iintombi zethu, sizeke iintombi zenu, sihlale nani, sibe bantu banye.

17. Ukuba nithe anasiphulaphula ngokuthi naluke, soyithabatha intombi yethu, simke.

18. Alunga amazwi abo emehlweni kaHamore, nasemehlweni kaShekem, unyana kaHamore.

19. Akalibala umfana ukuyenza loo nto, uba ubethabathekile yintombi kaYakobi; ubezukile yena ngaphezu kwayo yonke indlu kayise.

20. Weza uHamore noShekem, unyana wakhe, esangweni lomzi wabo, bathetha kumadoda omzi, bathi,

21. La madoda ayavana nathi; makahlale ezweni apha, arhwebe kulo; ilizwe eli, yabonani, libanzi ngeenxa zombini phambi kwawo; sozizeka iintombi zawo zibe ngabafazi, siwanike iintombi zethu.

22. Ke ovumelana nathi ngale ndawo yodwa amadoda lawo, ukuhlala nathi, sibe bantu banye, yakwaluka kuthi yonke into eyinoda, njengokuba alukile wona.

23. Imfuyo yawo, nengqwebo yawo, nawo onke amaqegu awo, akasayi kuba ngawethu na? Siya kuthi kodwa sivumelane nawo, ukuba ahlale nathi.

24. Bamphulaphula ke uHamore noShekem unyana wakhe, bonke abaphuma ngesango omzi wabo. Yaluswa yonke into eyindoda, bonke abaphuma ngesango lomzi wabo.

25. Kwathi ngomhla wesithathu, bakuba buhlungu, besuka oonyana ababini bakaYakobi, uSimon noLevi, abanakwabo boDina, bathabatha walowo ikrele lakhe, bawufikela loo mzi ungakhumbulele nto, babulala yonke into eyindoda.

26. Babulala noHamore, noShekem unyana wakhe, ngohlangothi lwekrele, bamthabatha uDina endlwini kaShekem, baphuma.

27. Oonyana bakaYakobi babafikela ababuleweyo, bawuphanga umzi, ngokuba bebemenze inqambi udade wabo.

28. Impahla yabo emfutshane, neenkomo zabo, namaesile abo, neento zonke ezibe ziphakathi komzi, nezibe zisendle, bazithabatha;

29. nobutyebi babo bonke, nabantwana babo bonke, nabafazi babo, babathimba, baphanga neento zonke ebe zisendlwini.

30. UYakobi wathi kuSimon nakuLevi, Nindihlisele ishwangusha, ukuze ndinuke phakathi kwabemi belizwe eli, phakathi kwamaKanan, naphakathi kwamaPerizi; ndibantu bambalwa nje mna, baya kundihlanganyela, bandibulale, nditshatyalaliswe mna, nendlu yam.

31. Bathi bona, udade wethu angaphathwa njengehenyukazi yini na?

About IGenesis Chapter 34

Read IGenesis Chapter 34 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of IGenesis in the Old Testament. Continue reading with the chapter navigation above or explore the complete book.

Book Information

Book: IGenesis
Chapter: 34
Testament: Old Testament

How to Read this Chapter

Use the Previous and Next Chapter buttons to continue reading IGenesis. You can also adjust the font size for comfortable reading and browse other books of the Bible using the navigation links.

https://www.youtube.com/watch?v=rzsT_Q3KLzE

More Resources

Continue Reading the Bible

Continue reading IGenesis Chapter 34 and explore every book, chapter and verse of the Holy Bible. Use the navigation links above and below to move through the Scriptures with ease.

Frequently Asked Questions

What is IGenesis Chapter 34?

IGenesis Chapter 34 is part of the Book of IGenesis in the Holy Bible.

Can I read this chapter online?

Yes. You can read the complete IGenesis Chapter 34 online for free with easy chapter navigation.

More Chapters from Igenesis

  1. IGenesis Chapter 3
  2. IGenesis Chapter 1
  3. IGenesis Chapter 10
  4. IGenesis Chapter 5
  5. IGenesis Chapter 42
  6. IGenesis Chapter 31
  7. IGenesis Chapter 20

Explore More from ITestamente Endala

  1. IDuteronomi Chapter 7
  2. 1 YooKumkani Chapter 21
  3. INumeri Chapter 21
  4. AbaGwebi Chapter 6
  5. UYeremiya Chapter 10
  6. 1 KaSamuweli Chapter 18
  7. IiNdumiso Chapter 115

Related Chapters & Readings

  1. KwabaseKolose Chapter 3
  2. 2 YeziKronike Chapter 1
  3. IEksodus Chapter 8
  4. 1 KaSamuweli Chapter 2
  5. UYobhi Chapter 31
  6. 1 KaSamuweli Chapter 28
  7. 1 YeziKronike Chapter 13
Share Your Love

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *