1 YooKumkani Chapter 15

For English

Read 1 YooKumkani Chapter 15 Online

Read 1 YooKumkani Chapter 15 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of 1 YooKumkani in the Old Testament. Browse every verse with easy chapter navigation, continue to the next chapter, or explore the complete Book of 1 YooKumkani and the Holy Bible online.

Choose a Chapter

1 YooKumkani 15

Isahluko 15

1. Ngomnyaka weshumi elinesibhozo wokumkani uYarobheham unyana kaNebhati, waba ngukumkani uAbhiyam kwaYuda.

2. Waba neminyaka emithathu engukumkani eYerusalem. Igama lonina belinguMahaka, intombi ka-Abhisalom.

3. Wahamba ezonweni zonke zikayise, awa zenzayo ngaphambi kwakhe; yayingaphelele intliziyo yakhe kuYehova uThixo wakhe, njengentliziyo kaDavide uyise.

4. Noko wathi uYehova uThixo wakhe, ngenxa kaDavide, wamnika isibane eYerusalem, sokumisa unyana wakhe emva kwakhe, sokumisa iYerusalem;

5. ekubeni uDavide wakwenzayo okuthe tye emehlweni kaYehova, akatyeka kuko konke awawisayo ngako umthetho, yonke imihla yobomi bakhe, kwaba semcimbini kaUriya umHeti wodwa.

6. Yaye iyimfazwe phakathi koRehabheham noYarobheham yonke imihla yobomi bakhe.

7. Ezinye izinto zika-Abhiyam, nako konke awakwenzayo, azibhalwanga na encwadini yemicimbi yemihla yookumkani bakwaYuda? Yaye iyimfazwe ke phakathi koAbhiyam noYarobheham.

8. UAbhiyam walala kooyise, bamngcwabela emzini kaDavide. UAsa, unyana wakhe, waba ngukumkani esikhundleni sakhe.

9. Ngomnyaka wamashumi amabini kaYarobheham ukumkani wakwaSirayeli, uAsa waba ngukumkani kwaYuda.

10. Waba neminyaka emashumi mane anamnye engukumkani eYerusalem. Igama lonina belinguMahaka, intombi ka-Abhisalom.

11. UAsa wenza okuthe tye emehlweni kaYehova, njengoDavide uyise.

12. Wawakhwelelisa amang’awu, akabakho ezweni, wazisusa zoruke izigodo ezizizithixo, ababezenzile ooyise.

13. KwanoMahaka unina wamguzula, akaba yinkosikazi; ngokuba wamenzela uAshera isithixo esilisikizi. Waza uAsa wasigawula isithixo sakhe esilisikizi, wasitshisa emlanjaneni oyiKidron.

14. Ke iziganga azisuswanga; kodwa yona intliziyo ka-Asa yabe iphelele kuYehova yonke imihla yakhe.

15. Wazingenisa izinto ezingcwele zikayise, nezakhe izinto ezingcwele, endlwini kaYehova, isilivere negolide nempahla.

16. Yaye iyimfazwe phakathi koAsa noBhahesha, ukumkani wakwaSirayeli, yonke imihla yabo.

17. Wenyuka uBhahesha ukumkani wakwaSirayeli, esiza kulwa namaYuda; wakha iRama, ukuba angavumi ukuba kuphume bani aye kuAsa ukumkani wakwaYuda.

18. Wayithabatha uAsa yonke isilivere negolide ebisele ebuncwaneni bendlu kaYehova, nasebuncwaneni bendlu yokumkani, wayinikela ezandleni zabakhonzi bakhe. UAsa ukumkani wayithumela kuBhen-hadade, unyana kaTabrimon, unyana kaHeziyon, ukumkani wakwa-Aram, ohleli eDamasko, esithi,

19. Kukho umnqophiso phakathi kwam nawe, phakathi kobawo noyihlo; nanko, ndikuthumele isipho sokukucenga sesilivere negolide; yiza, uwaphule umnqophiso wakho noBhahesha ukumkani wamaSirayeli, ukuba emke kum.

20. UBhen-hadade wamphulaphula ukumkani uAsa, wathumela abathetheli bempi abenabo emizini yakwaSirayeli, waxabela i-Iyon, nowakwaDan, neAbhele-bhete-mahaka, neKineroti yonke, kunye nelizwe lonke lakwaNafetali.

21. Wathi, akuva uBhahesha, wayiyeka ukuyakha iRama, wahlala eTirtsa.

22. Ukumkani uAsa wawahlabela umkhosi amaYuda onke, akwabakho namnye ukhululekileyo. Bawasusa amatye eRama, kwanemithi yayo abesakha ngayo uBhahesha ukumkani; uAsa wakha ke ngayo iGebha yakwaBhenjamin, neMizpa.

23. Zonke ezinye izinto zika-Asa, nobugorha bakhe bonke, nako konke awakwenzayo, nemizi awayakhayo, ayibhalwanga na encwadini yemicimbi yemihla yookumkani bakwaYuda? Uthe ke akuba yindoda enkulu, wabulawa ziinyawo.

24. UAsa walala kooyise, wangcwatyelwa kooyise, emzini kaDavide uyise. UYehoshafati, unyana wakhe, waba ngukumkani esikhundleni sakhe.

25. UNadabhi, unyana kaYarobheham, waba ngukumkani kwaSirayeli ngomnyaka wesibini ka-Asa, ukumkani wakwaYuda; waba neminyaka emibini engukumkani kwaSirayeli.

26. Wenza okubi emehlweni kaYehova, wahamba ngendlela kayise, nangesono sakhe awawonisa ngaso amaSirayeli.

27. Waza uBhahesha, unyana ka-Ahiya, wendlu kaIsakare, wamceba. UBhahesha wamxabela eGibheton yakumaFilisti, beyingqinga iGibheton uNadabhi namaSirayeli onke.

28. UBhahesha wambulala ke ngomnyaka wesithathu ka-Asa ukumkani wakwaYuda, waba ngukumkani esikhundleni sakhe.

29. Kwathi, xa angukumkani, wayibulala yonke indlu kaYarobheham; akasalisa namnye uphefumlayo kwaYarobheham, wada wamtshabalalisa, ngokwelizwi likaYehova, abelithethile ngomkhonzi wakhe uAhiya waseShilo:

30. ngenxa yezono zikaYarobheham awona ngazo, awawonisa ngazo amaSirayeli; ngokumqumbisa kwakhe awamqumbisa ngako uYehova uThixo kaSirayeli.

31. Ezinye izinto zikaNadabhi, nako konke awakwenzayo, azibhalwanga na encwadini yemicimbi yemihla yookumkani bakwaSirayeli?

32. Yaye iyimfazwe phakathi koAsa noBhahesha, ukumkani wakwaSirayeli, yonke imihla yabo.

33. Ngomnyaka wesithathu ka-Asa ukumkani wakwaYuda, uBhahesha, unyana ka-Ahiya, waba ngukumkani kumaSirayeli onke eTirtsa; iminyaka yaba ngamashumi amabini anamine.

34. Wenza okubi emehlweni kaYehova, wahamba ngendlela kaYarobheham, nangesono sakhe awawonisa ngaso amaSirayeli.

About 1 YooKumkani Chapter 15

Read 1 YooKumkani Chapter 15 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of 1 YooKumkani in the Old Testament. Continue reading with the chapter navigation above or explore the complete book.

Book Information

Book: 1 YooKumkani
Chapter: 15
Testament: Old Testament

How to Read this Chapter

Use the Previous and Next Chapter buttons to continue reading 1 YooKumkani. You can also adjust the font size for comfortable reading and browse other books of the Bible using the navigation links.

https://www.youtube.com/watch?v=rzsT_Q3KLzE

More Resources

Continue Reading the Bible

Continue reading 1 YooKumkani Chapter 15 and explore every book, chapter and verse of the Holy Bible. Use the navigation links above and below to move through the Scriptures with ease.

Frequently Asked Questions

What is 1 YooKumkani Chapter 15?

1 YooKumkani Chapter 15 is part of the Book of 1 YooKumkani in the Holy Bible.

Can I read this chapter online?

Yes. You can read the complete 1 YooKumkani Chapter 15 online for free with easy chapter navigation.

More Chapters from 1-yookumkani

  1. 1 YooKumkani Chapter 12
  2. 1 YooKumkani Chapter 5
  3. 1 YooKumkani Chapter 17
  4. 1 YooKumkani Chapter 14
  5. 1 YooKumkani Chapter 1
  6. 1 YooKumkani Chapter 11
  7. 1 YooKumkani Chapter 3

Explore More from ITestamente Endala

  1. IiNdumiso Chapter 79
  2. 2 YeziKronike Chapter 36
  3. UYoshuwa Chapter 13
  4. UYeremiya Chapter 49
  5. UDaniyeli Chapter 1
  6. 1 YooKumkani Chapter 20
  7. 1 KaSamuweli Chapter 10

Related Chapters & Readings

  1. UIsaya Chapter 32
  2. 1 YooKumkani Chapter 8
  3. 2 KaSamuweli Chapter 18
  4. UAmos Chapter 4
  5. 1 KaSamuweli Chapter 23
  6. ImiZekeliso Chapter 16
  7. UEzra Chapter 1
Share Your Love

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *