UYeremiya Chapter 10

For English

Read UYeremiya Chapter 10 Online

Read UYeremiya Chapter 10 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of UYeremiya in the Old Testament. Browse every verse with easy chapter navigation, continue to the next chapter, or explore the complete Book of UYeremiya and the Holy Bible online.

Choose a Chapter

UYeremiya 10

Isahluko 10

1. Liveni ilizwi alithethayo kuni uYehova, ndlu kaSirayeli.

2. Utsho uYehova ukuthi, Musani ukuziqhelisa indlela yeentlanga, ningaqhiphuki umbilini yimiqondiso yezulu, ngakuba iintlanga ziqhiphuke umbilini yiyo.

3. Ngokuba imimiselo yezizwe ayinto yanto. Kuba izithixo zingumthi ogawulwe ehlathini, sisenzo sezandla zengcibi ngezembe.

4. Izivathisa ngesilivere nangegolide; baziqinisa ngezikhonkwane nangezando, ukuba zingagexagexi.

5. Zinjengentsika echweliweyo, azithethi; zimele ukuthwalwa, ngokuba zingenakuhamba. Musani ukuzoyika; kuba azinakwenza bubi; kwanokulungisa azinako.

6. Akukho namnye unjengawe, Yehova; umkhulu wena, likhulu igama lakho, linobugorha.

7. Ngubani na ongeze akoyike, Kumkani weentlanga? Ngokuba kukufanele; kuba phakathi kwezilumko zonke zeentlanga, naphakathi kwezikumkani zonke, akukho namnye unjengawe.

8. Zizityhakala, ziinyabi zodwa; uqeqesho lwento engento, ngumthi.

9. Yisilivere ekhandiweyo, iziswa ivela eTarshishe, negolide yaseUfazi, isenzo sengcibi nesezandla zomnyibilikisi wegolide; yimisonto emsi nemfusa izambatho zazo; zonke ziphela zisisenzo sezilumko.

10. Ke yena uYehova nguThixo, inyaniso, nguThixo ophilileyo, ngukumkani ongunaphakade; ihlabathi liyanyikima buburhalarhume bakhe, neentlanga azinakuluthwala ubhavumo lwakhe.

11. Notsho kubo ukuthi, Bona oothixo abangalenzanga izulu nehlabathi, baya kudaka ehlabathini, naphantsi kwezulu.

12. Ke yena ngulowenza ihlabathi ngamandla akhe; ulozinzisa elimiweyo ngobulumko bakhe; waneka izulu ngengqondo yakhe;

13. kwakubon’ ukuba kukho isithonga sokwenza kwakhe, ingxolo yamanzi ezulwini, unyusa amafu esiphelweni sehlabathi; imvula uyenzela imibane, arhole umoya koovimba bakhe.

14. Uba sisityhakala wonke umntu, engenakwazi; udaniswa wonke umnyibilikisi wegolide ngumfanekiso oqingqiweyo, ngokuba umfanekiso wakhe otyhidiweyo bubuxoki, awunamoya.

15. Zingamampunge ezo zinto, zizenzo zokugxekwa; ngexesha lokuvelelwa kwazo ziyadaka.

16. Akanjengazo yena uSahlulelo sikaYakobi, ngokuba ngumbumbi weento zonke yena; uSirayeli sisizwe selifa lakhe; nguYehova wemikhosi, igama lakhe.

17. Hlanganisa impahla yakho, umke nayo kweli lizwe, wena uhleliyo ekungqingweni.

18. Ngokuba uYehova utshilo ukuthi, Yabona, ngesi sihlandlo, ndisawula abemi belizwe, ndibabandezele, ukuze bafunyanwe.

19. Athi ke mna, ngenxa yokwaphuka kwam! Lelokubulala inxeba lam; ke mna ndithi, Inyaniso, sisifo sam esi, ndiya kusinyamezela.

20. Intente yam ibhuqiwe, neentambo zam zonke ziqhawukile; oonyana bam baphumile kum, ababa sabakho; akusekho uyitwabululayo intente yam, amise amalengalenga am.

21. Ngokuba abalusi baba zizityhakala, abamquqela uYehova; ngenxa yoko abenzanga ngangqiqo, wachithwachitwa wonke umhlambi wabo.

22. Phulaphulani! Kuvakala into; nantso isiza! Yingxolo enkulu, iphuma ezweni asentla, ukuze imizi yakwaYuda ibe ngamanxuwa, ibe sisikhundla seempungutye.

23. Ndiyazi, Yehova, ukuba ayikhona emntwini indlela yakhe; akukhona endodeni ehambayo ukuqinisela ukunyathela kwayo.

24. Ndithethise, Yehova, kodwa kube ngokwesiko, kungabi ngomsindo wakho, hleze undinciphise.

25. Phalaza ubushushu bakho phezu kweentlanga ezingakwaziyo, naphezu kwemizalwane engalinquliyo igama lakho; ngokuba zimdlile uYakobi, zimdlile zamgqiba, ikriwa lakhe zalenza laba senkangala.

About UYeremiya Chapter 10

Read UYeremiya Chapter 10 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of UYeremiya in the Old Testament. Continue reading with the chapter navigation above or explore the complete book.

Book Information

Book: UYeremiya
Chapter: 10
Testament: Old Testament

How to Read this Chapter

Use the Previous and Next Chapter buttons to continue reading UYeremiya. You can also adjust the font size for comfortable reading and browse other books of the Bible using the navigation links.

https://www.youtube.com/watch?v=rzsT_Q3KLzE

More Resources

Continue Reading the Bible

Continue reading UYeremiya Chapter 10 and explore every book, chapter and verse of the Holy Bible. Use the navigation links above and below to move through the Scriptures with ease.

Frequently Asked Questions

What is UYeremiya Chapter 10?

UYeremiya Chapter 10 is part of the Book of UYeremiya in the Holy Bible.

Can I read this chapter online?

Yes. You can read the complete UYeremiya Chapter 10 online for free with easy chapter navigation.

More Chapters from ITestamente Endala

  1. UIsaya Chapter 1
  2. IGenesis Chapter 3
  3. UYoshuwa Chapter 10
  4. ILevitikus Chapter 1
  5. IEksodus Chapter 2
  6. IEksodus Chapter 1
  7. EcclesiastesImiZekeliso Chapter 1

Explore More from Uyeremiya

  1. UYeremiya Chapter 51
  2. UYeremiya Chapter 29
  3. UYeremiya Chapter 17
  4. UYeremiya Chapter 4
  5. UYeremiya Chapter 5
  6. UYeremiya Chapter 20
  7. UYeremiya Chapter 6

Related Chapters & Readings

  1. 2 YeziKronike Chapter 18
  2. IGenesis Chapter 5
  3. IGenesis Chapter 31
  4. UHezekile Chapter 42
  5. 1 KaSamuweli Chapter 24
  6. ULuka Chapter 16
  7. UEstere Chapter 7
Share Your Love

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *