IGenesis Chapter 6

For English

Read IGenesis Chapter 6 Online

Read IGenesis Chapter 6 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of IGenesis in the Old Testament. Browse every verse with easy chapter navigation, continue to the next chapter, or explore the complete Book of IGenesis and the Holy Bible online.

Choose a Chapter

IGenesis 6

Isahluko 6

1. Kuthe bakuqala ukwanda abantu ehlabathini, bakuzalelwa iintombi,

2. bazibona oonyana bakaThixo iintombi zabantu ukuba zintle, bazeka abafazi kuzo zonke abazinyulayo.

3. Wathi uYehova, UMoya wam akayi kulawula ebantwini ngonaphakade; ekulahlekeni kwabo bayinyama; imihla yabo iya kuba yiminyaka elikhulu elinamanci mabini.

4. Kwakukho iingxilimbela ehlabathini ngaloo mihla; kananjalo emveni koko, xeshikweni oonyana bakaThixo bangenayo kuzo iintombi zabantu, zabazalela abantwana. Aba baba ngamagorha ababekho kwasephakadeni, amadoda adumileyo.

5. Wabona uThixo ukuba ububi babantu bandile ehlabathini, konke ukuyila kweengcinga zentliziyo yabo kubububi bodwa imihla yonke.

6. Wazohlwaya uYehova, ngokuba emenzile umntu ehlabathini, kwaba buhlungu kuye entliziyweni.

7. Wathi uYehova, Ndiya kumcima umntu endimdalileyo, angabikho ehlabathini, kuthabathele emntwini kuse ezinkomeni, kuse ezinambuzaneni, kuse ezintakeni zezulu, ngokuba ndizohlwaya ngokuba ndizenzile ezo zinto.

8. UNowa yena wababalwa nguYehova.

9. Yiyo le ke inzala kaNowa. UNowa waye eyindoda elilungisa, egqibeleleyo, ezizukulwaneni zakhe. UNowa wahamba noThixo.

10. UNowa wazala oonyana abathathu: uShem noHam noYafete.

11. Ihlabathi lalonakele ebusweni bukaThixo; ihlabathi lalizele lugonyamelo.

12. UThixo walikhangela ihlabathi, nalo, lonakele! Ngokuba yonke inyama ibiyonakalisile indlela yayo ehlabathini.

13. Wathi uThixo kuNowa, Isiphelo senyama yonke sifikile phambi kwam; ngokuba ihlabathi lizele lugonyamelo oluphuma kubo; yabona ke, ndiya kubonakalisa, bona ndawonye nehlabathi.

14. Zenzele ke umkhombe ngemithi yegofere, uwenze izindlu umkhombe, uwuqabe ngaphakathi nangaphandle ngebhitumene.

15. Wenjenje ukuwenza: bube ngamakhulu omathathu eekubhite ubude bomkhombe, namashumi omathathu eekubhite ububanzi bawo, namashumi omathathu eekubhite ukuphakama kwawo.

16. Wenze ikroba emkhombeni, ukuligqiba kwakho kube yikubhite enye, ithabathela phezulu; umnyango womkhombe uwumise ecaleni lawo; wenze izindlu zodidi lwaphantsi, nolwesibini, nolwesithathu.

17. Mna ke, uyabona, ndihlisa unogumbe wamanzi ehlabathini, wokonakalisa yonke inyama enomoya wokuphila kuyo, ephantsi kwamazulu; konke okusehlabathini kuya kuphuma umphefumlo;

18. ndiwumise umnqophiso wam nawe, ungene emkhombeni wena, noonyana bakho, nomkakho, nabafazi boonyana bakho, ndawonye nawe.

19. Kwizinto zonke eziphilileyo, kwinyama yonke, uze ungenise emkhombeni ngambini kuzo zonke, ukuze zisindiswe nawe, ibe yinkunzi nemazi;

20. kwiintaka ngohlobo lwazo, kwiinkomo ngohlobo lwazo, kuzo zonke izinambuzane zomhlaba ngohlobo lwazo, zibe ngambini kuzo zonke, eziya kungena kuwe, ukuba zisindiswe.

21. Wena ke, uthabathele kuwe ekudleni konke okudliwayo, uhlanganisele kuwe kube kukudla kuwe nakuzo.

22. Wenza uNowa konke uThixo abemwisele umthetho ngako, wenza njengoko.

About IGenesis Chapter 6

Read IGenesis Chapter 6 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of IGenesis in the Old Testament. Continue reading with the chapter navigation above or explore the complete book.

Book Information

Book: IGenesis
Chapter: 6
Testament: Old Testament

How to Read this Chapter

Use the Previous and Next Chapter buttons to continue reading IGenesis. You can also adjust the font size for comfortable reading and browse other books of the Bible using the navigation links.

https://www.youtube.com/watch?v=rzsT_Q3KLzE

More Resources

Continue Reading the Bible

Continue reading IGenesis Chapter 6 and explore every book, chapter and verse of the Holy Bible. Use the navigation links above and below to move through the Scriptures with ease.

Frequently Asked Questions

What is IGenesis Chapter 6?

IGenesis Chapter 6 is part of the Book of IGenesis in the Holy Bible.

Can I read this chapter online?

Yes. You can read the complete IGenesis Chapter 6 online for free with easy chapter navigation.

More Chapters from Igenesis

  1. IGenesis Chapter 3
  2. IGenesis Chapter 1
  3. IGenesis Chapter 10
  4. IGenesis Chapter 5
  5. IGenesis Chapter 42
  6. IGenesis Chapter 31
  7. IGenesis Chapter 20

Explore More from ITestamente Endala

  1. 1 YeziKronike Chapter 4
  2. IDuteronomi Chapter 8
  3. IGenesis Chapter 32
  4. IEksodus Chapter 4
  5. UYeremiya Chapter 30
  6. UHezekile Chapter 6
  7. INumeri Chapter 21

Related Chapters & Readings

  1. UYoshuwa Chapter 23
  2. UIsaya Chapter 5
  3. IGenesis Chapter 13
  4. IiNdumiso Chapter 144
  5. UDaniyeli Chapter 2
  6. 2 YeziKronike Chapter 10
  7. UIsaya Chapter 7
Share Your Love

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *