Read IGenesis Chapter 22 Online
Read IGenesis Chapter 22 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of IGenesis in the Old Testament. Browse every verse with easy chapter navigation, continue to the next chapter, or explore the complete Book of IGenesis and the Holy Bible online.
Choose a Chapter
IGenesis 22
Isahluko 22
1. Kwathi emveni kwezo nto, uThixo wamvavanya uAbraham, wathi kuye, Abraham; wathi yena, Ndilapha.
2. Wathi, Khawuthabathe unyana wakho, emnye kuwe, omthandayo, uIsake, uhambe uye ezweni laseMoriya, umnyuse khona abe lidini elinyukayo phezu kwentaba endokuxelela yona.
3. Wavuka uAbraham kusasa, walibopha iesile lakhe, wathabatha amabini kumadodana akhe, noIsake unyana wakhe, wacanda iinkuni zedini elinyukayo, wesuka waya endaweni abemxelele yona uThixo.
4. Ngomhla wesithathu uAbraham wawaphakamisa amehlo akhe, wayibona loo ndawo ikude.
5. Wathi uAbraham kumadodana akhe, Hlalani nina apha ne-esile; mna nomfana lo soya phaya, sinqule, sibuye size kuni.
6. Wazithabatha uAbraham iinkuni zedini elinyukayo, wazibeka phezu koIsake unyana wakhe, waphatha umlilo ngesandla, nesitshetshe, bahamba bobabini ndawonye.
7. Watsho uIsake kuAbraham uyise ukuthi, Bawo. Wathi yena, Ndilapha, nyana wam. Wathi, Nangu umlilo neenkuni; iphi na ke imvu yedini elinyukayo?
8. Wathi uAbraham, UThixo wozibonela imvu yedini elinyukayo, nyana wam. Bahamba bobabini ndawonye.
9. Bafika endaweni abemxelele yona uThixo, wakha khona uAbraham isibingelelo, wazicwangcisa iinkuni, wambopha uIsake unyana wakhe, wambeka esibingelelweni phezu kweenkuni.
10. Wasolula uAbraham isandla sakhe, wathabatha isitshetshe, ukuba amsike unyana wakhe.
11. Samemeza kuye isithunywa sikaYehova sisemazulwini, sathi, Abraham, Abraham.
12. Wathi, Ndilapha. Sathi, Musa ukusisa isandla sakho kumfana, musa ukumenza nto, kuba ndiyazi ngoku ukuba uyamoyika uThixo; akunqabanga nonyana akho kum, emnye kuwe.
13. UAbraham waphakamisa amehlo akhe, wakhangela, nantso inkunzi yegusha ngasemva, ibambeke ngeempondo etyholweni; waya uAbraham, wayithabatha inkunzi yegusha, wayinyusa ukuba ibe lidini elinyukayo esikhundleni sonyana wakhe.
14. UAbraham wathi igama laloo ndawo linguYehova ozibonelayo ekuthiwa nanamhla, Entabeni abonakala kuyo uYehova.
15. Samemeza isithunywa sikaYehova kuAbraham okwesibini sisemazulwini sathi,
16. Ndizifungile, utsho uYehova, ngenxa enokuba uyenzile le nto, akwanqaba nonyana wakho, emnye kuwe:
17. ukuba ndiya kukusikelela ndikusikelele; ndiya kuyandisa ndiyandise imbewu yakho njengeenkwenkwezi zezulu, nanjengentlabathi eselunxwemeni lolwandle; imbewu yakho ilidle ilifa isango leentshaba zayo;
18. zisikelelwe ngembewu yakho zonke untlanga zehlabathi, ngenxa enokuba uliphulaphule ilizwi lam.
19. Wabuyela uAbraham kumadodana akhe, besuka baya bendawonye eBher-shebha, wahlala uAbraham eBher-shebha.
20. Kwathi emva kwezi zinto, kwaxelwa kuAbraham kwathiwa, Yabona, uMilka ukwazele naye kuNahore, umninawa wakho, abantwana:
21. u-Utse owamazibulo akhe, noBhuzi umninawa wakhe, noKemuweli uyise ka-Aram,
22. noKesede, noHazo, noPildashe, noYidelafu, noBhetuweli
23. (uBhetuweli ke wazala uRebheka); abo bosibhozo uMilka wamzalela uNahore, umninawa ka-Abraham.
24. Ishweshwe lakhe, eligama linguRehuma, lazala nalo uTebha, noGaham, noTahashe, noMahaka.
About IGenesis Chapter 22
Read IGenesis Chapter 22 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of IGenesis in the Old Testament. Continue reading with the chapter navigation above or explore the complete book.
Book Information
Book: IGenesis
Chapter: 22
Testament: Old Testament
How to Read this Chapter
Use the Previous and Next Chapter buttons to continue reading IGenesis. You can also adjust the font size for comfortable reading and browse other books of the Bible using the navigation links.
More Resources
Continue Reading the Bible
Continue reading IGenesis Chapter 22 and explore every book, chapter and verse of the Holy Bible. Use the navigation links above and below to move through the Scriptures with ease.
Frequently Asked Questions
What is IGenesis Chapter 22?
IGenesis Chapter 22 is part of the Book of IGenesis in the Holy Bible.
Can I read this chapter online?
Yes. You can read the complete IGenesis Chapter 22 online for free with easy chapter navigation.
More Chapters from Igenesis
- IGenesis Chapter 3
- IGenesis Chapter 1
- IGenesis Chapter 10
- IGenesis Chapter 5
- IGenesis Chapter 42
- IGenesis Chapter 31
- IGenesis Chapter 20
Explore More from ITestamente Endala
- 2 KaSamuweli Chapter 24
- UNehemiya Chapter 12
- UEstere Chapter 10
- ILevitikus Chapter 22
- ImiZekeliso Chapter 1
- UYoshuwa Chapter 13
- IiNdumiso Chapter 30