EcclesiastesImiZekeliso Chapter 9

For English

Read EcclesiastesImiZekeliso Chapter 9 Online

Read EcclesiastesImiZekeliso Chapter 9 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of EcclesiastesImiZekeliso in the Old Testament. Browse every verse with easy chapter navigation, continue to the next chapter, or explore the complete Book of EcclesiastesImiZekeliso and the Holy Bible online.

Choose a Chapter

EcclesiastesImiZekeliso 9

Isahluko 9

1. Ngokuba yonke le nto ndayinyamekela ngentliziyo yam, ndayihlela yonke le nto, yokuba amalungisa, nezilumko, nemisebenzi yabo, isesandleni sikaThixo; nokuthanda nokuthiya, akukhona ekwazini kwabantu; le nto yonke basebeyimiselwe.

2. Izinto zonke zibahlela ngokufanayo bonke: sinye isihlo kwilungisa nakongendawo; kolungileyo, kohlambulukileyo, nakoyinqambi; kobingelelayo nakongabingeleliyo; njengoko anjalo olungileyo, unjalo nomoni; ofungayo unjengalowo ukoyikayo ukufunga.

3. Le yinto embi phakathi kwezinto zonke ezenzekayo phantsi kwelanga, ukuthi sibe sinye isihlo kubo bonke; ibe nentliziyo yoonyana babantu izele bububi; ibubugeza entliziyweni yabo besadla ubomi; emveni kwabo kuyiwa kwabafileyo.

4. Ngokuba kosukuba ehlonyelwa kwabasadla ubomi, kusekho ithemba; ngokuba inja esaphilileyo ilunge ngaphezu kwengonyama efileyo.

5. Ngokuba abadla ubomi bayazi ukuba baya kufa; ke bona abafileyo abazi lutho, abasabi namvuzo; ngokuba balityelwe, abasakhunjulwa nganto.

6. Seluphelile kade uthando lwabo, nentiyo yabo, nekhwele labo; abasenasabelo naphakade ezintweni zonke ezenzekayo phantsi kwelanga.

7. Yiya udle isonka sakho unovuyo, usele iwayini yakho unentliziyo echwayithileyo; ngokuba sekukade ekholisiwe uThixo zizenzo zakho.

8. Iingubo zakho mazibe mhlophe ngamaxesha onke, neoli mayingasweleki entlokweni yakho.

9. Hlala kakuhle nomfazi omthandileyo ngemihla yonke yobomi bakho obungamampunge, akunikileyo phantsi kwelanga, ngemihla yakho yonke engamampunge; ngokuba sisabelo sakho eso ebomini, nasemigudwini yakho owaphuka yiyo phantsi kwelanga.

10. Yonke into esiyifumanayo isandla sakho ukuba siyenze, yenze ngamandla akho; ngokuba akukho kwenza, nakucinga, nakwazi, nakulumka kwelabafileyo, apho uya khona wena.

11. Ndabuya ndabona phantsi kwelanga, ukuba ukugidima asikokwabanamendu, imfazwe asiyeyamagorha; kananjalo isonka asisesezilumko; kananjalo ubutyebi asibobabanenqiqo; kananjalo ubabalo asilolwabanokwazi; ngokuba bonke bephela bafikelwa lixesha nasisihlo.

12. Ngokuba umntu akalazi nexesha lakhe; njengeentlanzi ezibanjiswe ngomnatha ombi, nanjengeentaka ezibanjiswe ngomgibe, banjalo ukurhintyelwa kwabo oonyana babantu ngexesha elibi, xa libawele ngesiquphe.

13. Nale nto ndiyibone ibubulumko phantsi kwelanga, babukhulu kum:

14. umzi omncinane unamadoda ambalwa; kweza kuwo ukumkani omkhulu, wawungqinga, wawakhela iimboniselo ezinkulu.

15. Wafumana kuwo indoda elihlwempu inobulumko; yona yawusiza umzi ngobulumko bayo; ke akubangakho mntu ubuya ayikhumbule le ndoda ilihlwempu.

16. Ndathi ke mna, Bulunge ubulumko ngaphezu kobugorha; kodwa ubulumko beli hlwempu budelekile, namazwi alo akaviwa.

17. Amazwi ezilumko, eviwe ngokuthozama, angaphezu kokunkqangaza kolawula phakathi kwezidenge.

18. Bulunge ubulumko ngaphezu kweempahla zokulwa; ke yena umoni emnye utshabalalisa okulungileyo okuninzi.

About EcclesiastesImiZekeliso Chapter 9

Read EcclesiastesImiZekeliso Chapter 9 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of EcclesiastesImiZekeliso in the Old Testament. Continue reading with the chapter navigation above or explore the complete book.

Book Information

Book: EcclesiastesImiZekeliso
Chapter: 9
Testament: Old Testament

How to Read this Chapter

Use the Previous and Next Chapter buttons to continue reading EcclesiastesImiZekeliso. You can also adjust the font size for comfortable reading and browse other books of the Bible using the navigation links.

https://www.youtube.com/watch?v=rzsT_Q3KLzE

More Resources

Continue Reading the Bible

Continue reading EcclesiastesImiZekeliso Chapter 9 and explore every book, chapter and verse of the Holy Bible. Use the navigation links above and below to move through the Scriptures with ease.

Frequently Asked Questions

What is EcclesiastesImiZekeliso Chapter 9?

EcclesiastesImiZekeliso Chapter 9 is part of the Book of EcclesiastesImiZekeliso in the Holy Bible.

Can I read this chapter online?

Yes. You can read the complete EcclesiastesImiZekeliso Chapter 9 online for free with easy chapter navigation.

More Chapters from ecclesiastesimizekeliso

  1. EcclesiastesImiZekeliso Chapter 1
  2. EcclesiastesImiZekeliso Chapter 2
  3. EcclesiastesImiZekeliso Chapter 7
  4. EcclesiastesImiZekeliso Chapter 3
  5. EcclesiastesImiZekeliso Chapter 6
  6. EcclesiastesImiZekeliso Chapter 11
  7. EcclesiastesImiZekeliso Chapter 12

Explore More from ITestamente Endala

  1. IiNdumiso Chapter 123
  2. IGenesis Chapter 13
  3. 2 YeziKronike Chapter 36
  4. ILevitikus Chapter 10
  5. IiNdumiso Chapter 91
  6. 1 KaSamuweli Chapter 25
  7. AbaGwebi Chapter 2

Related Chapters & Readings

  1. INumeri Chapter 9
  2. UIsaya Chapter 31
  3. IsiTyhilelo Chapter 5
  4. 2 KaSamuweli Chapter 22
  5. UYeremiya Chapter 6
  6. UEzra Chapter 8
  7. IiNdumiso Chapter 41
Share Your Love

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *