IGenesis Chapter 28

For English

Read IGenesis Chapter 28 Online

Read IGenesis Chapter 28 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of IGenesis in the Old Testament. Browse every verse with easy chapter navigation, continue to the next chapter, or explore the complete Book of IGenesis and the Holy Bible online.

Choose a Chapter

IGenesis 28

Isahluko 28

1. UIsake wambiza uYakobi, wamsikelela, wamwisela umthetho, wathi kuye, Uze ungazeki mfazi ezintombini zakwaKanan.

2. Suka uye ePadan-aram, endlwini kaBhetuweli unyokokhulu, uzeke khona umfazi ezintombini zikaLabhan, unyokolume.

3. Ngamana uThixo uSomandla wakusikelela, wakuqhamisa, wakwandisa, ukuze ube sisikhungu sezizwe;

4. akunike intsikelelo ka-Abraham, wena nembewu yakho ndawonye nawe, ukuze ulidle ilifa ilizwe lokuphambukela kwakho, elo uThixo walinika uAbraham.

5. UIsake wamndulula ke uYakobi; waya ePadan-aram, kuLabhan unyana kaBhetuweli umAram, umnakwabo boRebheka, unina booYakobi noEsawu.

6. UEsawu wabona ukuba uIsake umsikelele uYakobi, wamndulula ukuba aye ePadan-aram, azeke khona umfazi; ekumsikeleleni kwakhe wamwisela umthetho wokuthi, Uze ungazeki mfazi ezintombini zakwaKanan;

7. noYakobi umphulaphule uyise nonina, waya ePadan-aram.

8. Wabona uEsawu ukuba iintombi zakwaKanan azifunwa nguIsake uyise;

9. wasuka waya uEsawu kuIshmayeli, wazeka uMahalati, intombi kaIshmayeli, unyana ka-Abraham, udade boNebhayoti, phezu kwabafazi bakhe, wangumkakhe.

10. Waphuma ke uYakobi eBher-shebha, waya kwaHaran.

11. Wathi qatha ndaweni ithile, walala khona, kuba belithshonile ilanga. Wathabatha kumatye aloo ndawo, wabeka phantsi kwentloko yakhe, walala kuloo ndawo.

12. Waphupha ebona ileli imisiwe emhlabeni, intloko yayo iye yafika emazulwini; nanzo izithunywa zikaThixo zinyuka, zisihla ngayo;

13. nanko uYehova emi phezu kwayo, wathi, NdinguYehova, uThixo ka-Abraham uyihlo, uThixo kaIsake. Ilizwe elo ulele kulo, ndiya kulinika wena, nembewu yakho;

14. imbewu yakho ibe njengothuli lomhlaba, uphangalale, usinge entshonalanga, nasempumalanga, nasentla, nasezantsi, zisikelelwe ngawe nangembewu yakho zonke izizwe zehlabathi.

15. Yabona, ndinawe; ndiya kukugcina naphi apho uya khona, ndikubuyisele kulo mhlaba; ngokuba andiyi kukushiya, nidide ndikwenze oko ndikuthethileyo kuwe.

16. Wavuka uYakobi ebuthongweni bakhe, wathi, Kunjenje ke, uYehova ukho kule ndawo, kanti mna bendingazi.

17. Woyika, wathi, Asikuko nokuba iyoyikeka le ndawo; yindlu kaThixo le, ayinto yimbi; lisango lamazulu eli.

18. Wavuka uYakobi kwakusasa, walithabatha ilitye abelibeke phantsi kwentloko yakhe, walimisa lasisimiso, wathulula ioli phezu kwalo.

19. Wathi igama laloo ndawo yiBheteli, nangona beliyiLuzi, igama laloo mzi ekuqaleni.

20. Wabhambathisa ngesibhambathiso uYakobi, esithi, Ukuba uThixo uthe waba nam, wandigcina kuyo le ndlela ndiyihambayo, wandinika isonka ndadla, neengubo ndambatha,

21. ndabuyela endlwini kabawo ndinoxolo: uYehova woba nguThixo wam,

22. neli litye ndilimisileyo lasisimiso loba yindlu kaThixo; neento zonke othe wandinika, ndokunika isishumi sazo.

About IGenesis Chapter 28

Read IGenesis Chapter 28 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of IGenesis in the Old Testament. Continue reading with the chapter navigation above or explore the complete book.

Book Information

Book: IGenesis
Chapter: 28
Testament: Old Testament

How to Read this Chapter

Use the Previous and Next Chapter buttons to continue reading IGenesis. You can also adjust the font size for comfortable reading and browse other books of the Bible using the navigation links.

https://www.youtube.com/watch?v=rzsT_Q3KLzE

More Resources

Continue Reading the Bible

Continue reading IGenesis Chapter 28 and explore every book, chapter and verse of the Holy Bible. Use the navigation links above and below to move through the Scriptures with ease.

Frequently Asked Questions

What is IGenesis Chapter 28?

IGenesis Chapter 28 is part of the Book of IGenesis in the Holy Bible.

Can I read this chapter online?

Yes. You can read the complete IGenesis Chapter 28 online for free with easy chapter navigation.

More Chapters from Igenesis

  1. IGenesis Chapter 3
  2. IGenesis Chapter 1
  3. IGenesis Chapter 10
  4. IGenesis Chapter 5
  5. IGenesis Chapter 42
  6. IGenesis Chapter 31
  7. IGenesis Chapter 20

Explore More from ITestamente Endala

  1. IEksodus Chapter 5
  2. 1 KaSamuweli Chapter 11
  3. UYoshuwa Chapter 16
  4. INumeri Chapter 12
  5. UIsaya Chapter 26
  6. UYeremiya Chapter 31
  7. UNehemiya Chapter 3

Related Chapters & Readings

  1. IiNdumiso Chapter 120
  2. IiNdumiso Chapter 146
  3. 1 KaSamuweli Chapter 25
  4. UYeremiya Chapter 24
  5. UDaniyeli Chapter 12
  6. UHezekile Chapter 21
  7. IiNdumiso Chapter 112
Share Your Love

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *