Read IGenesis Chapter 46 Online
Read IGenesis Chapter 46 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of IGenesis in the Old Testament. Browse every verse with easy chapter navigation, continue to the next chapter, or explore the complete Book of IGenesis and the Holy Bible online.
Choose a Chapter
IGenesis 46
Isahluko 46
1. Wanduluka ke uSirayeli neento zonke abenazo, wafika eBher-shebha, wabingelela imibingelelo kuThixo kayise uIsake.
2. Wathetha uThixo kuSirayeli emibonweni yobusuku, wathi, Yakobi, Yakobi! Wathi yena, Ndilapha.
3. Wathi, NdinguThixo, uThixo wooyihlo, musa ukoyika ukuhla uye eYiputa; kuba ndiya kukwenza uhlanga olukhulu khona.
4. Mna ndiya kuhla ndiye nawe eYiputa, ndinyuke nokunyuka nawe; uYosefu asibeke isandla sakhe phezu kwamehlo akho.
5. Wesuka uYakobi eBher-shebha; oonyana bakaSirayeli bamthwala uYakobi uyise, nabantwana babo, nabafazi babo, ngeenqwelo ebezithunyelwe nguFaro ukuba zimthwale.
6. Bayithabatha imfuyo yabo, nengqwebo yabo ababeyiqwebile ezweni lakwaKanan, bafika eYiputa uYakobi nembewu yakhe yonke, ndawonye naye;
7. oonyana bakhe, noonyana boonyana bakhe ndawonye naye, iintombi zakhe, neentombi zoonyana bakhe, nembewu yakhe yonke, weza nayo eYiputa.
8. Ngawo la amagama oonyana bakaSirayeli abafikayo eYiputa, uYakobi noonyana bakhe: amazibulo kaYakobi nguRubhen.
9. Oonyana bakaRubhen nguHanoki, noFalu, noHetseron, noKarmi.
10. Oonyana bakaSimon, nguYemuweli, noYamin, no-Ohadi, noYakin, noTsohare, noSawule, unyana womKananekazi.
11. Oonyana bakaLevi nguGershon, noKehati, noMerari.
12. Oonyana bakaYuda nguEre, no-Onan, noShela, noPeretse, noZera; ke ooEre no-Onan bafela ezweni lakwaKanan. Oonyana bakaPeretse nguHetseron noHamuli.
13. Oonyana bakaIsakare nguTola, noPuwa, noYobhi, noShimron.
14. Oonyana bakaZebhulon nguZerede, noEloni, noYaleli.
15. Ngabo abo oonyana bakaLeya, awabazalela uYakobi ePadan-aram, noDina intombi yakhe; yonke imiphefumlo yoonyana bakhe neyeentombi zakhe ingamashumi omathathu anamithathu.
16. Oonyana bakaGadi nguTsifiyon, noHagi, noShuni, noEtsebhon, noEri, noArodi, noAreli.
17. Oonyana baka-Ashere nguImna, noIshwa, noIshvi, noBheriya, noSera udade wabo; oonyana bakaBheriya nguEbhere noMalekiyeli.
18. Ngabo abo oonyana bakaZilipa, awathi uLabhan wamnika uLeya intombi yakhe; abo wabazalela uYakobi, imiphefumlo elishumi elinamithandathu.
19. Oonyana bakaRakeli, umkaYakobi, nguYosefu noBhenjamin.
20. Wazala ke uYosefu ezweni laseYiputa, uManase, noEfrayim, awamzalela bona uAzenati, intombi kaPotifera, umbingeleli waseOn.
21. Oonyana bakaBhenjamin nguBhela, noBhekere, noAshbhele, noGera, noNahaman, noEhi, noRoshe, noMupim, noHupim, noArdi.
22. Ngabo abo oonyana bakaRakeli, abazalelwa uYakobi; iyonke yimiphefumlo elishumi elinamine.
23. Oonyana bakaDan nguHushim.
24. Oonyana bakaNafetali nguYatseli, noGuni, noYetsere, noShilem.
25. Ngabo abo oonyana bakaBhiliha, awathi uLabhan wamnika uRakeli intombi yakhe; abo wabazalela uYakobi, iyonke yimiphefumlo esixhenxe.
26. Iyonke imiphefumlo eyaya noYakobi eYiputa, eyaphuma esinqeni sakhe, ngaphandle kwabafazi boonyana bakaYakobi, iyonke yimiphefumlo emashumi mathandathu anamithandathu.
27. Oonyana bakaYosefu awabazalelwa eYiputa yimiphefumlo emibini. Iyonke imiphefumlo yendlu kaYakobi eyaya eYiputa ibimashumi asixhenxe.
28. Wasusa uYuda ukuba amandulele aye kuYosefu, ambonise indlela eya eGoshen; bafika ke ezweni laseGoshen.
29. UYosefu wayibopha inqwelo yakhe, wenyuka waya kumkhawulela uSirayeli uyise eGoshen. Bathe bakubonana, wawa entanyeni yakhe, walila umzuzu omkhulu entanyeni yakhe.
30. Wathi uSirayeli kuYosefu, Ndibubonile nje ubuso bakho, ukuba usahleli, mandife ngoku.
31. Wathi uYosefu kubazalwana bakhe nakwindlu kayise, Ndiya kunyuka ndiye kubika kuFaro, ndithi kuye, Abazalwana bam nendlu kabawo, ababesezweni lakwaKanan, bafikile;
32. kunjalo nje la madoda ngabalusi bempahla emfutshane, kuba ngabafuyi; impahla yawo emfutshane, neenkomo zawo, neento zonke ananzo, aze nazo.
33. Xa athe wanibiza uFaro, wathi, Uyintoni na umsebenzi wenu? nothi,
34. Abakhonzi bakho ngabafuyi bempahla kwasebuncinaneni bethu unangoku, thina aba noobawo bethu; ukuze nime ezweni laseGoshen, kuba bonke abalusi bempahla emfutshane balisikizi kumaYiputa.
About IGenesis Chapter 46
Read IGenesis Chapter 46 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of IGenesis in the Old Testament. Continue reading with the chapter navigation above or explore the complete book.
Book Information
Book: IGenesis
Chapter: 46
Testament: Old Testament
How to Read this Chapter
Use the Previous and Next Chapter buttons to continue reading IGenesis. You can also adjust the font size for comfortable reading and browse other books of the Bible using the navigation links.
More Resources
Continue Reading the Bible
Continue reading IGenesis Chapter 46 and explore every book, chapter and verse of the Holy Bible. Use the navigation links above and below to move through the Scriptures with ease.
Frequently Asked Questions
What is IGenesis Chapter 46?
IGenesis Chapter 46 is part of the Book of IGenesis in the Holy Bible.
Can I read this chapter online?
Yes. You can read the complete IGenesis Chapter 46 online for free with easy chapter navigation.
More Chapters from Igenesis
- IGenesis Chapter 3
- IGenesis Chapter 1
- IGenesis Chapter 10
- IGenesis Chapter 5
- IGenesis Chapter 42
- IGenesis Chapter 31
- IGenesis Chapter 25
Explore More from ITestamente Endala
- IGenesis Chapter 23
- IDuteronomi Chapter 31
- IiNdumiso Chapter 121
- IiNdumiso Chapter 30
- ImiZekeliso Chapter 4
- 2 YeziKronike Chapter 13
- UYeremiya Chapter 31