IGenesis Chapter 18

For English

Read IGenesis Chapter 18 Online

Read IGenesis Chapter 18 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of IGenesis in the Old Testament. Browse every verse with easy chapter navigation, continue to the next chapter, or explore the complete Book of IGenesis and the Holy Bible online.

Choose a Chapter

IGenesis 18

Isahluko 18

1. UYehova wabonakala kuye eMiokini kaMamre, ehleli emnyango wentente, ekufudumaleni kwemini.

2. Wawaphakamisa amehlo akhe, wabona, nango amadoda amathathu emi ngakuye. Wabona, wagidima, eya kuwa khawulela, esuka emnyango wentente.

3. Waqubuda emhlabeni, wathi, Nkosi yam, ukuba kaloku ndibabalwe nguwe, musa ukudlula umke kumkhonzi wakho.

4. Makhe kuthatyathwe intwana yamanzi, nihlambe iinyawo zenu, ningqengqe phantsi komthi lo;

5. ndithabathe iqhekeza lesonka, nixhase iintliziyo zenu; kamva nodlula; kuba nize kudlula ngenxa yoko kumkhonzi wenu. Athi, Yenza ngoko uthethe ngako.

6. Wakhawuleza uAbraham, waya ententeni kuSara, wathi, Khawuleza, uxovule iiseha ezintathu zomgubo ocoliweyo, wenze amaqebengwana ezonka.

7. Wagidima waya ezinkomeni uAbraham, wathabatha ithole lenkomo, lithambile, lilungile, wanika umfana, wakhawuleza ukulilungisa.

8. Wathabatha amasi, nobisi, nethole lenkomo abelilungisile, wabeka phambi kwawo, wema ngakuwo phantsi komthi lowo, adla.

9. Athi kuye, Uphi na uSara umkakho?

10. Wathi, Nanko ententeni. Yathi, Ndiya kubuyela kuwe, lakubuya eli xesha; yabona, uSara umkakho uya kuba nonyana. Weva uSara esemnyango wentente, wona esemva kwayo.

11. Ke kaloku uAbraham noSara babesebaluphele, sebekhulile; kusekunqamkile kuSara okwendlela yabafazi.

12. USara wahleka ngaphakathi kwakhe, esithi, Emveni kokuba ndihagele, ndisaya kuyolelwa na, nenkosi yam yaluphele nje?

13. Wathi uYehova kuAbraham, Yini na ukuba uSara ahleke, esithi, Kuhleliwe nje ndiya kuzala na ndaluphele nje mna?

14. Kukho nto ingamnqabelayo na uYehova? Ngexesha elimisiweyo ndiya kubuyela kuwe, lakubuya eli xesha, uSara abe nonyana.

15. Wakhanyela uSara, esithi, Andihlekanga; kuba ebesoyika. Wathi yena, Hayi, uhlekile.

16. Asuka ke amadoda lawo ondela eSodom; uAbraham ehamba nawo, ewaphelekelela.

17. Wathi uYehova, Ndomfihlela na uAbraham into endiza kuyenza?

18. Kanti uAbraham uya kuthi abe luhlanga olukhulu, olunamandla, zisikeleleke ngaye iintlanga zonke zehlabathi.

19. Kuba ndaze yena, ukuze abawisele umthetho abantwana bakhe, nendlu yakhe emva kwakhe, bagcine indlela kaYehova, benze ubulungisa nokusesikweni, ukuze uYehova amenzele uAbraham into ayithethileyo kuye.

20. Wathi uYehova, Isikhalo saseSodom neGomora sisikhulu nje, nesono sayo sinzima kunene nje,

21. ndiya kukha ndihle, ndikhangele ukuba baphelelisile na ngokwesikhalo sayo esifikileyo kum; ukuba akunjalo, ndazi.

22. Ajika apho amadoda lawo, asinga eSodom; ke yena uAbraham wayesemi phambi koYehova.

23. Wasondela uAbraham, wathi, Ungade ubhebhethe olilungisa kunye nongendawo yini na?

24. Hi, kwakho amashumi amahlanu amalungisa phakathi komzi; ungade uyibhebhethe, ungayixoleli, loo ndawo yini na, ngenxa yamalungisa amashumi mahlanu akuyo?

25. Makube lee kuwe ukwenza ngokwendawo enjalo ukubulala olilungisa kunye nongendawo, ilungisa libe njengongendawo; makube lee kuwe. Umgwebi wehlabathi lonke akayi kwenza okusesikweni yini na?

26. Wathi uYehova, Ukuba ndithe ndafumana eSodom amalungisa amashumi mahlanu phakathi komzi, ndoyixolela yonke loo ndawo ngenxa yawo.

27. Waphendula uAbraham, wathi, Khawubone, sendide ndathetha eNkosini, ndiluthuli nothuthu.

28. Hi ke, kwasweleka isihlanu kumalungisa amashumi mahlanu, wowonakalisa ngenxa yesihlanu yini na wonke umzi? Yathi, Andiyi kuwonakalisa, ukuba ndithe ndafumana khona amashumi omane anesihlanu.

29. Waphinda kanjalo wathetha kuye, wathi, Hi ke, kwafunyanwa khona amashumi omane? Yathi, Andiyi kukwenza ngenxa yamashumi omane.

30. Wathi, Mayingabi namsindo iNkosi, khe ndithethe. Hi ke, kwafunyanwa khona amashumi omathathu? Yathi, Andiyi kukwenza, ukuba ndithe ndafumana khona amashumi omathathu.

31. Wathi, Khawubone, sendide ndathetha eNkosini. Hi ke, kwafunyanwa khona amashumi omabini? Yathi, Andiyi kuwonakalisa ngenxa yamashumi omabini.

32. Wathi, Mayingabi namsindo iNkosi, khendithethe esi sihlandlo sodwa. Hi ke, kwafunyanwa khona ishumi elinye? Yathi, Andiyi kuwonakalisa ngenxa yeshumi elinye.

33. Wemka uYehova, akugqiba ukuthetha kuAbraham; uAbraham wabuyela endaweni yakhe.

About IGenesis Chapter 18

Read IGenesis Chapter 18 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of IGenesis in the Old Testament. Continue reading with the chapter navigation above or explore the complete book.

Book Information

Book: IGenesis
Chapter: 18
Testament: Old Testament

How to Read this Chapter

Use the Previous and Next Chapter buttons to continue reading IGenesis. You can also adjust the font size for comfortable reading and browse other books of the Bible using the navigation links.

https://www.youtube.com/watch?v=rzsT_Q3KLzE

More Resources

Continue Reading the Bible

Continue reading IGenesis Chapter 18 and explore every book, chapter and verse of the Holy Bible. Use the navigation links above and below to move through the Scriptures with ease.

Frequently Asked Questions

What is IGenesis Chapter 18?

IGenesis Chapter 18 is part of the Book of IGenesis in the Holy Bible.

Can I read this chapter online?

Yes. You can read the complete IGenesis Chapter 18 online for free with easy chapter navigation.

More Chapters from Igenesis

  1. IGenesis Chapter 3
  2. IGenesis Chapter 1
  3. IGenesis Chapter 10
  4. IGenesis Chapter 5
  5. IGenesis Chapter 42
  6. IGenesis Chapter 31
  7. IGenesis Chapter 20

Explore More from ITestamente Endala

  1. IEksodus Chapter 9
  2. IiNdumiso Chapter 85
  3. IiNdumiso Chapter 67
  4. EcclesiastesImiZekeliso Chapter 9
  5. IiNdumiso Chapter 89
  6. 2 KaSamuweli Chapter 10
  7. IiNdumiso Chapter 23

Related Chapters & Readings

  1. 1 YeziKronike Chapter 15
  2. IiNdumiso Chapter 64
  3. UHezekile Chapter 33
  4. UYobhi Chapter 2
  5. UIsaya Chapter 43
  6. UHoseya Chapter 3
  7. IiNdumiso Chapter 73
Share Your Love

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *