IGenesis Chapter 38

For English

Read IGenesis Chapter 38 Online

Read IGenesis Chapter 38 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of IGenesis in the Old Testament. Browse every verse with easy chapter navigation, continue to the next chapter, or explore the complete Book of IGenesis and the Holy Bible online.

Choose a Chapter

IGenesis 38

Isahluko 38

1. Kwathi ngelo xesha, wehla uYuda, esuka kubazalwana bakhe, waya wayimisa intente yakhe ngakwindoda yaseAdulam, egama linguHira.

2. UYuda wabona khona intombi yendoda engumKanan, egama linguShuwa; wayizeka, wayingena.

3. Yamitha, yazala unyana; wathi igama lakhe nguEre.

4. Yabuya yamitha, yazala unyana; yathi igama lakhe nguOnan.

5. Yabuya yaphinda yamitha, yazala unyana; yathi igama lakhe nguShela; wayeseKezibhi ukumzala kwakhe.

6. UYuda wamzekela uEre, amazibulo akhe, umfazi ogama linguTamare.

7. Ke uEre, amazibulo kaYuda, ubeneentlondi ezimbi emehlweni kaYehova; waza uYehova wambulala.

8. UYuda wathi kuOnan, Yiya kumfazi womkhuluwa wakho, umngene, umvelisele imbewu umkhuluwa wakho.

9. Wayesazi uOnan ukuba imbewu ayiyi kuba yeyakhe; wathi, xa sukuba esiya kumfazi womkhuluwa wakhe, wayiphalazela emhlabeni ukuze angamniki mbewu umkhuluwa wakhe.

10. Kwaba kubi emehlweni kaYehova oko wakwenzayo; ngoko wambulala naye.

11. Wathi uYuda kuTamare, umolokazana wakhe, Hlala ungumhlolokazi endlwini kayihlo, ade akhule uShela, unyana wam; kuba wathi, Hleze afe naye, njengabakhuluwa bakhe. Wemka uTamare, waya kuhlala endlwini kayise.

12. Zakuba ninzi iintsuku, yafa intombi kaShuwa, umkaYuda Akuthuthuzeleka uYuda, wenyuka waya kubachebi bempahla yakhe emfutshane, yena noHira, isihlobo sakhe saseAdulam, kwaTimna.

13. Waxelelwa uTamare kwathiwa, Nanko uyihlozala, enyuka esiya kucheba impahla yakhe emfutshane kwaTimna.

14. Wazisusa iingubo zobuhlolokazi bakhe, wazigqubuthela ngesigqubuthelo, wazithi wambu, wahlala phantsi esangweni le-Enayim, engasendleleni eya kwaTimna; kuba ubebona ukuba ukhulile uShela, akasiwa noko kuye ukuba abe ngumkakhe.

15. UYuda wambona, waba ulihenyukazi, kuba ebegqubuthele ubuso.

16. Wathi gu bucala, waya kuye endleleni wathi, Khawuze, ndikungene; kuba ubengazi ukuba ngumolokazana wakhe. Wathi, Wondinika ntoni na, ukuze ndikuvumele ukuba undingene?

17. Wathi, Mna ndothumela ndithabathe itakane lebhokwe elisempahleni emfutshane. Wathi, Ewe, ukuba uthe wandinika isibambiso, ude ulithumele kum.

18. Wathi, Ndikunike sibambiso sini na? Wathi yena, Umsesane wakho, nesidanga sakho, nomsimelelo wakho osesandleni sakho. Wamnika ke, wamngena, wamitha yena ngaye.

19. Wesuka wemka, wasisusa isigqubuthelo sakhe, wambatha iingubo zobuhlolokazi bakhe.

20. UYuda walithumela itakane lebhokhwe ngesandla sesihlobo sakhe saseAdulam, ukuze samkele isibambiso esandleni senkazana leyo; asiyifumananga ke.

21. Sabuza kubantu baloo ndawo, sathi, Liphi na ing’awukazi ebe lise-Enayim ngasendleleni? Bathi, Akubangakho ng’awukazi apha.

22. Sabuyela kuYuda sathi, Andilifumananga; nabo abantu baloo ndawo bathe, Akubangakho ng’awukazi apha.

23. Wathi uYuda, Malizithabathe, hleze sidelwe. Yabona, ndithumele eli takane, ke wena akulifumananga.

24. Kwathi, emva kweenyanga ezintathu, waxelelwa uYuda kwathiwa, UTamare, umolokazana wakho, uhenyuzile; kananjalo, yabona, umithi ngokuhenyuza oko. UYuda wathi, Mkhupheni atshiswe.

25. Akukhutshwa, wathumela yena kuyisezala, wathi, Ndimithiswe yindoda ezizezayo ezi zinto; wathi, Khawufanise ukuba ngokabani na lo msesane, nesi sidanga, nalo msimelelo.

26. Wazifanisa uYuda, wathi, Ulilungisa kunam; wenze kuba ndingamnikanga uShela, unyana wam. Akabanga sabuya amazi.

27. Kwathi, ngexesha lokuzala kwakhe, nanku ingamawele esizalweni sakhe.

28. Kwathi, ekuzaleni kwakhe, kwavela isandla; wathabatha umzalisikazi, wabopha esandleni salo usinga olubomvu, esithi, Eli laphuma kuqala.

29. Kuthe ke, lakusibuyisa isandla salo, nanko kuphuma umzalwana walo. Wathi, Yini na ukuba uzityhobozele? Wathiywa ke igama lokuba nguPeretse.

30. Kwathi emva koko, kwaphuma umzalwana walo, obenosinga olubomvu esandleni sakhe; wathiywa igama lokuba nguZera.

About IGenesis Chapter 38

Read IGenesis Chapter 38 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of IGenesis in the Old Testament. Continue reading with the chapter navigation above or explore the complete book.

Book Information

Book: IGenesis
Chapter: 38
Testament: Old Testament

How to Read this Chapter

Use the Previous and Next Chapter buttons to continue reading IGenesis. You can also adjust the font size for comfortable reading and browse other books of the Bible using the navigation links.

https://www.youtube.com/watch?v=rzsT_Q3KLzE

More Resources

Continue Reading the Bible

Continue reading IGenesis Chapter 38 and explore every book, chapter and verse of the Holy Bible. Use the navigation links above and below to move through the Scriptures with ease.

Frequently Asked Questions

What is IGenesis Chapter 38?

IGenesis Chapter 38 is part of the Book of IGenesis in the Holy Bible.

Can I read this chapter online?

Yes. You can read the complete IGenesis Chapter 38 online for free with easy chapter navigation.

More Chapters from Igenesis

  1. IGenesis Chapter 3
  2. IGenesis Chapter 1
  3. IGenesis Chapter 10
  4. IGenesis Chapter 5
  5. IGenesis Chapter 42
  6. IGenesis Chapter 31
  7. IGenesis Chapter 20

Explore More from ITestamente Endala

  1. ImiZekeliso Chapter 5
  2. UHoseya Chapter 3
  3. UYona Chapter 4
  4. IziLilo Chapter 4
  5. UHezekile Chapter 20
  6. UHezekile Chapter 1
  7. 2 KaSamuweli Chapter 13

Related Chapters & Readings

  1. IEksodus Chapter 38
  2. 2 YooKumkani Chapter 7
  3. IGenesis Chapter 31
  4. 1 KwabaseKorinte Chapter 9
  5. 1 KwabaseKorinte Chapter 10
  6. UYeremiya Chapter 49
  7. 1 KaSamuweli Chapter 10
Share Your Love

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *