UYona Chapter 4

For English

Read UYona Chapter 4 Online

Read UYona Chapter 4 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of UYona in the Old Testament. Browse every verse with easy chapter navigation, continue to the next chapter, or explore the complete Book of UYona and the Holy Bible online.

Choose a Chapter

UYona 4

Isahluko 4

1. Kwaba kubi kuYona kakhulu, wavutha ngumsindo.

2. Wathandaza kuYehova, wathi, Camagu, Yehova! Labe lingelilo na ilizwi lam eli, ndisesemhlabeni wakowethu? Ngenxa yoko ndaphanga ngokubalekela eTarshishe; ngokuba ndandisazi ukuba unguThixo obabalayo, onemfesane, ozeka kade umsindo, onenceba enkulu, ozohlwayayo ngenxa yobubi.

3. Ke ngoku, Yehova, seluwuthabatha umphefumlo wam kum, kuba ukufa kum kulungile kunokuba ndidle ubomi.

4. Wathi uYehova, Uyalungisa na ukuthi oku, uvuthe ngumsindo?

5. Waphuma ke uYona kuwo umzi, wahlala ngasempumalanga kuwo umzi, wazenzela khona umnquba; wahlala ngaphantsi kwawo emthunzini, ukuze ade abone ukuba kuya kuthekani na kuwo umzi.

6. UYehova uThixo wammisela umhlavuthwa; waphuma, wenyuka waba phezu koYona, ukuba ube ngumthunzi entlokweni yakhe, umhlangule ebubini bakhe. Wawuvuyela uYona umhlavuthwa lowo, wawuvuyela kakhulu.

7. UThixo wamisela intlava, ukuthi qhiphu kokusa ngengomso, yabetha umhlavuthwa lowo, woma.

8. Kwathi ekuphumeni kwelanga, uThixo wamisela ulophu lwasempumalanga; ilanga labetha kuYona entloko, wawa isiduli; wawucelela ukufa umphefumlo wakhe, wathi, Kulungile ukufa kum, kunokuba ndidle ubomi.

9. Wathi uThixo kuYona, Uyalungisa na ukuthi oku, uvuthe ngumsindo ngenxa yomhlavuthwa? Wathi, Ndiyalungisa ukuthi ndivuthe ngumsindo kude kuse ekufeni.

10. Wathi uThixo, Wena unenceba ngomhlavuthwa, ongabulalekanga nguwo, ongawuhlumisanga, okhule ngobusuku, wadaka ngobusuku:

11. ndingabi nanceba na ke mna ngenxa yeNineve, loo mzi mkhulu, unabantu abangaphezu kwekhulu elinamanci mabini amawaka, abangakwaziyo ukunene kwabo kwikhohlo labo; kwanempahla enkulu eninzi?

About UYona Chapter 4

Read UYona Chapter 4 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of UYona in the Old Testament. Continue reading with the chapter navigation above or explore the complete book.

Book Information

Book: UYona
Chapter: 4
Testament: Old Testament

How to Read this Chapter

Use the Previous and Next Chapter buttons to continue reading UYona. You can also adjust the font size for comfortable reading and browse other books of the Bible using the navigation links.

https://www.youtube.com/watch?v=rzsT_Q3KLzE

More Resources

Continue Reading the Bible

Continue reading UYona Chapter 4 and explore every book, chapter and verse of the Holy Bible. Use the navigation links above and below to move through the Scriptures with ease.

Frequently Asked Questions

What is UYona Chapter 4?

UYona Chapter 4 is part of the Book of UYona in the Holy Bible.

Can I read this chapter online?

Yes. You can read the complete UYona Chapter 4 online for free with easy chapter navigation.

More Chapters from ITestamente Endala

  1. IiNdumiso Chapter 1
  2. IiNdumiso Chapter 3
  3. IiNdumiso Chapter 2
  4. IiNdumiso Chapter 14
  5. IiNdumiso Chapter 13
  6. IiNdumiso Chapter 7
  7. IiNdumiso Chapter 11

Explore More from uyona

  1. UYona Chapter 1
  2. UYona Chapter 3
  3. UYona Chapter 2

Related Chapters & Readings

  1. UMateyu Chapter 15
  2. IEksodus Chapter 12
  3. INumeri Chapter 12
  4. UYoshuwa Chapter 8
  5. IDuteronomi Chapter 32
  6. UMalaki Chapter 1
  7. 1 KaSamuweli Chapter 22
Share Your Love

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *