IGenesis Chapter 19

For English

Read IGenesis Chapter 19 Online

Read IGenesis Chapter 19 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of IGenesis in the Old Testament. Browse every verse with easy chapter navigation, continue to the next chapter, or explore the complete Book of IGenesis and the Holy Bible online.

Choose a Chapter

IGenesis 19

Isahluko 19

1. Zafika izithunywa ezo zozibini eSodom ngokuhlwa, uLote ehleli esangweni leSodom. ULote wazibona, wesuka waya kuzikhawulela, waqubuda ngobuso emhlabeni.

2. Wathi, Khanibone, zinkosi zam! Khaniphambukele endlwini yomkhonzi wenu, nilale, nihlambe iinyawo zenu, nivuke kusasa, nihambe indlela yenu. Zathi, Hayi, solala esitratweni.

3. Wazijoka kunene, zaphambukela kuye, zangena endlwini yakhe; wazenzela isidlo, woja nezonka ezingenagwele, zadla.

4. Ke kaloku, zingekalali, amadoda aloo mzi, amadoda aseSodom, ayirhawula indlu, ethabathela kumfana esa kwixhego, bonke abantu bevela nasekupheleni kwawo.

5. Bambiza uLote, bathi kuye, Aphi na amadoda angene kuwe ngobu busuku? Wakhuphele kuthi, siwazi.

6. Waphuma uLote waya kubo emnyango, waluvala ucango emva kwakhe,

7. wathi, Musani ukwenza into embi, bazalwana.

8. Khanibone, ndineentombi ezimbini ezingazani nandoda; mandikhuphele zona kuni, nenze kuzo ngoko kulungileyo emehlweni enu. Ke kula madoda musani ukwenza nto, kuba angene ngenxa yoko emthunzini wophahla lwam.

9. Bathi, Khwelela; batsho bathi, Lo wezayo ngokuphambukela uhlala egweba; ngoku sokuphatha kakubi wena kunawo. Besuka indulumbane phezu kwendoda uLote, basondela, beza kuluqhekeza ucango.

10. Amadoda lawo asolula isandla sawo, amngenisa uLote kuwo endlwini, aluvala ucango.

11. Awabetha ngobumfama amadoda abesemnyango wendlu, ethabathela kwencinane esa kwenkulu, azidinisa ke ukufuna umnyango.

12. Athi amadoda lawo kuLote, Usenabani na apha? Umyeni, noonyana bakho, neentombi zakho, nabo bonke onabo kulo mzi, bakhuphe kule ndawo;

13. ngokuba siya kuyonakalisa le ndawo, ngokuba sikhulu isikhalo sabo ebusweni bukaYehova. UYehova usithume ukuba siyonakalise.

14. Waphuma, uLote, wathetha kubayeni beentombi zakhe, abaya kuzeka iintombi zakhe, wathi, Sukani, niphume kule ndawo; ngokuba uYehova uya kuwonakalisa lo mzi. Usuke waba njengohlekisayo emehlweni abayeni beentombi zakhe.

15. Izithunywa zamngxamisa uLote ngesifingo, zathi, Vuka, thabatha umkakho, neentombi zakho zombini, aba banokufumaneka, hleze ubhebhethwe ngobugwenxa balo mzi.

16. Wazilazila; amadoda abamba isandla sakhe, nesandla somkakhe, nesandla seentombi zakhe zombini; uYehova emvela, amkhupha, amyeka ngaphandle komzi.

17. Akuba emkhuphele phandle, athi, Zisindise ngenxa yomphefumlo wakho. Musa ukubheka emva kwakho, musa ukuma kuwo wonke lo mmandla; zisindise ngokuya entabeni, hleze ubhebhethwe.

18. Wathi kuwo uLote, Hayi, Nkosi yam.

19. Khawubone, umkhonzi wakho umbabale. Uyikhulisile inceba yakho ondenzeleyo, ukuba uwusindise umphefumlo wam; mna ke andinako ukuzisindisa ngokuya entabeni, hleze ndinanyathelwe bububi, ndife.

20. Khawubone, lo mzi ukufuphi, ukuba kubalekelwe kuwo, mncinane; ndanga ndingazisindisa ngokuya kuwo (awumncinane na?), usinde umphefumlo wam.

21. Wathi kuye, Yabona, ndikunonelele nangale nto, ukuba ndingawubhukuqi lo mzi uthethe ngawo.

22. Khawuleza, zisindise ngokuya khona, kuba andinakwenza nto ude ufike khona. Ngenxa yoko igama laloo mzi kwathiwa yiTsohare.

23. Ilanga lalise liphumile phezu kwehlabathi, ukufika kukaLote eTsohare.

24. Wanisa ke uYehova phezu kweSodom neGomora isulfure nomlilo ophuma kuYehova emazulwini;

25. wayibhukuqa loo mizi, nawo wonke loo mmandla, nabo, bonke abemi baloo mizi, nesihlumo somhlaba.

26. Kodwa umkakhe, esemva kwakhe, wakhangela ngasemva, waba yintsika yetyuwa.

27. UAbraham wavuka kusasa, waya kuloo ndawo wayemi kuyo ebusweni bukaYehova.

28. Wondela eSodom neGomora, nakulo lonke ilizwe laloo mmandla. Wakhangela; nango unyuka umsi welo zwe, njengomsi weziko lemfutho.

29. Kwathi, xenikweni uThixo wayonakalisayo imizi yaloo mmandla, uThixo wamkhumbula uAbraham, wamkhupha uLote phakathi kobhukuqo olo, ekuyibhukuqeni imizi leyo abehleli kuyo uLote.

30. Wenyuka uLote ephuma eTsohare, wahlala entabeni, eneentombi zakhe zombini, kuba ebesoyika ukuhlala eTsohare; wahlala emqolombeni, yena neentombi zakhe zombini.

31. Yathi eyamazibulo kwencinane, Ubawo waluphele; akukho ndoda ezweni apha yokusingena ngokwendlela yehlabathi lonke;

32. yiza, simseze ubawo iwayini, silale naye, sigcine imbewu ngobawo.

33. Zamseza ke uyise iwayini ngobo busuku; yangena eyamazibulo, yalala noyise; akayazanga yena ukulala kwayo nokuvuka kwayo.

34. Kwathi ngengomso, yathi eyamazibulo kwencinane, Yabona, ndilele nobawo phezolo; masimseze iwayini nangobu busuku, ungene, ulale naye, ukuba sigcine imbewu ngobawo.

35. Zamseza ke uyise iwayini nangobo busuku, yasuka, encinane yalala naye; akayazanga yena ukulala kwayo nokuvuka kwayo.

36. Zamitha zombini iintombi zikaLote ngoyise.

37. Eyamazibulo yazala unyana, yambiza ngegama elinguMowabhi; yena nguyise wamaMowabhi unanamhla.

38. Nencinane yazala unyana, yambiza ngegama elinguBhenami; yena nguyise wonyana baka-Amon unanamhla.

About IGenesis Chapter 19

Read IGenesis Chapter 19 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of IGenesis in the Old Testament. Continue reading with the chapter navigation above or explore the complete book.

Book Information

Book: IGenesis
Chapter: 19
Testament: Old Testament

How to Read this Chapter

Use the Previous and Next Chapter buttons to continue reading IGenesis. You can also adjust the font size for comfortable reading and browse other books of the Bible using the navigation links.

https://www.youtube.com/watch?v=rzsT_Q3KLzE

More Resources

Continue Reading the Bible

Continue reading IGenesis Chapter 19 and explore every book, chapter and verse of the Holy Bible. Use the navigation links above and below to move through the Scriptures with ease.

Frequently Asked Questions

What is IGenesis Chapter 19?

IGenesis Chapter 19 is part of the Book of IGenesis in the Holy Bible.

Can I read this chapter online?

Yes. You can read the complete IGenesis Chapter 19 online for free with easy chapter navigation.

More Chapters from Igenesis

  1. IGenesis Chapter 3
  2. IGenesis Chapter 1
  3. IGenesis Chapter 10
  4. IGenesis Chapter 5
  5. IGenesis Chapter 42
  6. IGenesis Chapter 31
  7. IGenesis Chapter 20

Explore More from ITestamente Endala

  1. UHezekile Chapter 1
  2. 1 YeziKronike Chapter 11
  3. INgoma yazo iiNgoma Chapter 6
  4. 1 YooKumkani Chapter 22
  5. 2 YeziKronike Chapter 8
  6. ILevitikus Chapter 15
  7. UYona Chapter 4

Related Chapters & Readings

  1. IiNdumiso Chapter 86
  2. KwabaseRoma Chapter 13
  3. UMarko Chapter 14
  4. UMika Chapter 4
  5. IZenzo Chapter 4
  6. INumeri Chapter 32
  7. UIsaya Chapter 50
Share Your Love

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *