INumeri Chapter 21

For English

Read INumeri Chapter 21 Online

Read INumeri Chapter 21 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of INumeri in the Old Testament. Browse every verse with easy chapter navigation, continue to the next chapter, or explore the complete Book of INumeri and the Holy Bible online.

Choose a Chapter

INumeri 21

Isahluko 21

1. Weva umKanan, ukumkani waseAradi, obehleli kwelasezantsi, ukuba ayeza amaSirayeli ngendlela yeentlola, walwa namaSirayeli, wathimba abantu kuwo.

2. Abhambathisa amaSirayeli isibhambathiso kuYehova, athi, Ukuba uthe wabanikela inene aba bantu esandleni sam, ndoyisingela phantsi imizi yabo.

3. Waliva uYehova ilizwi lamaSirayeli, wamnikela umKanan lowo kuwo, wasingelwa phantsi nemizi yakhe. Kwathiwa igama laloo ndawo yiHorma.

4. Banduluka entabeni yeHore ngendlela yoLwandle oluBomvu, ukuba bajikele ilizwe lakwaEdom; bakhathazeka abantu endleleni.

5. Bathetha abantu ngoThixo nangoMoses, bathi, Yini na ukuba nisinyuse eYiputa, size kufela entlango? Ngokuba tu isonka, tu namanzi; umphefumlo wethu ukruqukile sesi sonka sinkatshunkatshu.

6. UYehova wathuma iinyoka ezinobuhlungu ebantwini, zabaluma abantu; kwafa abantu abaninzi bakwaSirayeli.

7. Beza abantu kuMoses, bathi, Sonile, ngokuba sithethe ngoYehova nangawe; thandaza kuYehova, azisuse kuthi iinyoka ezo. Wabathandazela ke uMoses abantu.

8. Wathi uYehova kuMoses, Zenzele inyoka enobuhlungu, uyixhome esibondeni eside; kothi, bonke abobalunyiweyo, bakukhangela kuyo, baphile.

9. Wenza ke uMoses inyoka yobhedu, wayixhoma esibondeni eside; kwathi, yakuba ithe inyoka yamluma umntu, waza wabheka enyokeni yobhedu, waphila.

10. Banduluka oonyana bakaSirayeli, baya bamisa iintente eObhoti.

11. Banduluka eObhoti, baya bamisa eIye-abharim, entlango ephambi kwelakwaMowabhi, ngasekuphumeni kwelanga.

12. Banduluka khona, baya bamisa esihlanjeni saseZerede.

13. Banduluka khona, baya bamisa phesheya kweArnon, esentlango, ephuma emdeni wama-Amori; kuba iArnon ngumda wakwaMowabhi, ophakathi kwamaMowabhi nama-Amori.

14. Ngenxa yoko, kuthiwa encwadini yeemfazwe zikaYehova: IVahebhi wayithabatha esiza ngesaqhwithi, Nezibhaxa zaseArnon,

15. Namathambeka ezibhaxa, Olukela ekhayeni laseAri, Ayame umda wakwaMowabhi.

16. Banduluka khona, baye eBhere; elo lelo qula wathi ngalo uYehova kuMoses, Hlanganisa abantu, ndibanike amanzi.

17. Oko ahlaba amaSirayeli le ngoma: Nyuka, qula; vumani kulo,

18. Kwiqula elambiwa ngabathetheli, Lagonjwa ngamanene abantu, Ngentonga yommisi-mthetho, ngemisimelelo yawo. Banduluka entlango, baya eMatana.

19. Banduluka eMatana, baya eNahaliyeli. Banduluka eNahaliyeli, baya eBhamoti.

20. Banduluka eBhamoti, baya esihlanjeni esisemhlabeni wakwaMowabhi, baya encotsheni yePisga, ekhangele enkangala.

21. AmaSirayeli athuma izigidimi kuSihon, ukumkani wama-Amori, esithi, Mandicande ezweni lakho;

22. asiyi kuthi gu bucala, siye emasimini nasezidiliyeni; asiyi kusela manzi equla; siya kubamba ngomendo wenkosi, side sicande emdeni wakho.

23. Akawavumela uSihon amaSirayeli ukuba acande emdeni wakhe. USihon wahlanganisa bonke abantu bakhe, waphuma waya kuwahlangabeza amaSirayeli entlango, wafika eYatsa, walwa namaSirayeli.

24. AmaSirayeli amxabela ngohlangothi lwekrele, alihlutha ilizwe lakhe, athabathela eArnon, esa eYabhoki, esa koonyana baka-Amon; ngokuba umda woonyana baka-Amon ubuliqele.

25. AmaSirayeli ayithabatha yonke le mizi, ahlala amaSirayeli emizini yonke yama-Amori, eHeshbhon nasemagxamesini ayo.

26. Kuba iHeshbhon ngumzi wakwaSihon, ukumkani wama-Amori, owalwa nokumkani wakwaMowabhi wangaphambili, walihlutha lonke ilizwe lakhe kuye, kwesa eArnon.

27. Ngenxa yoko babesithi abenzi bemizekeliso: Yizani eHeshbhon, mawakhiwe uzinziswe umzi wakwaSihon;

28. Ngokuba kuphume umlilo eHeshbhon, Ilangatye emzini wakwaSihon; Wayidla iAri yakwaMowabhi, Abaninimimango baseArnon.

29. Yeha wena, Mowabhi! Nidakile, bantu bakwaKemoshe, Ubanikele oonyana bakhe baba ngabasabi, lintombi zakhe uzinikele ekuthinjweni, KuSihon, ukumkani wama-Amori.

30. Sibatolile; idakile iHeshbhon, kwesa eDibhon; Sababhangazisa, kwesa eNofa, Yangumlilo, kwesa eMedebha.

31. Ahlala amaSirayeli ezweni lama-Amori.

32. Wathuma uMoses ukuba iye kuhlolwa iYazere; bawathimba amagxamesi ayo, bawagqogqa ama-Amori abekhona.

33. Bajika, benyuka ngendlela yaseBhashan. Waphuma uOgi, ukumkani waseBhashan, waya kubahlangabeza, yena nabantu bakhe bonke, ukuba kuliwee-Edreyi.

34. Wathi uYehova kuMoses, Musa ukumoyika; ngokuba ndimnikele esandleni sakho, nabantu bakhe bonke, nelizwe lakhe, ukuba wenze kuye njengoko wenzayo kuSihon, unkumkani wama-Amori, owayehleli eHeshbhon.

35. Bambulala yena noonyana bakhe, nabantu bakhe bonke, kwada akwasala usindileyo; balihlutha ilizwe lakhe.

About INumeri Chapter 21

Read INumeri Chapter 21 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of INumeri in the Old Testament. Continue reading with the chapter navigation above or explore the complete book.

Book Information

Book: INumeri
Chapter: 21
Testament: Old Testament

How to Read this Chapter

Use the Previous and Next Chapter buttons to continue reading INumeri. You can also adjust the font size for comfortable reading and browse other books of the Bible using the navigation links.

https://www.youtube.com/watch?v=rzsT_Q3KLzE

More Resources

Continue Reading the Bible

Continue reading INumeri Chapter 21 and explore every book, chapter and verse of the Holy Bible. Use the navigation links above and below to move through the Scriptures with ease.

Frequently Asked Questions

What is INumeri Chapter 21?

INumeri Chapter 21 is part of the Book of INumeri in the Holy Bible.

Can I read this chapter online?

Yes. You can read the complete INumeri Chapter 21 online for free with easy chapter navigation.

More Chapters from inumeri

  1. INumeri Chapter 36
  2. INumeri Chapter 35
  3. INumeri Chapter 4
  4. INumeri Chapter 34
  5. INumeri Chapter 33
  6. INumeri Chapter 1
  7. INumeri Chapter 11

Explore More from ITestamente Endala

  1. 2 YeziKronike Chapter 11
  2. UYobhi Chapter 25
  3. 1 YeziKronike Chapter 26
  4. 1 YeziKronike Chapter 23
  5. IDuteronomi Chapter 28
  6. IiNdumiso Chapter 75
  7. UYoshuwa Chapter 15

Related Chapters & Readings

  1. EcclesiastesImiZekeliso Chapter 1
  2. AbaGwebi Chapter 1
  3. IsiTyhilelo Chapter 9
  4. UMateyu Chapter 17
  5. UYeremiya Chapter 51
  6. IsiTyhilelo Chapter 4
  7. UYobhi Chapter 33
Share Your Love

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *