IGenesis Chapter 17

For English

Read IGenesis Chapter 17 Online

Read IGenesis Chapter 17 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of IGenesis in the Old Testament. Browse every verse with easy chapter navigation, continue to the next chapter, or explore the complete Book of IGenesis and the Holy Bible online.

Choose a Chapter

IGenesis 17

Isahluko 17

1. Kwathi, uAbram akuba minyaka imashumi asithoba anesithoba ezelwe, uYehova wabonakala kuAbram, wathi kuye, NdinguThixo uSomandla; hamba phambi kwam ube ngogqibeleleyo.

2. Ndiya kuwubeka umnqophiso wam phakathi kwam nawe, ndikwandise kakhulu kunene.

3. Wawa uAbram ngobuso bakhe.

4. UThixo wathetha naye, esithi, Mna, yabona, umnqophiso wam unawe; uya kuba nguyise wengxokolo yeentlanga.

5. Kananjalo akusayi kuthiwa igama lakho nguAbram; igama lakho liya kuba nguAbraham, ngokuba ndikwenze uyise wengxokolo yeentlanga;

6. ndiya kukuqha misa kakhulu kunene, ndikwenze iintlanga, kuphume ookumkani kuwe;

7. ndiwumise umnqophiso wam phakathi kwam nawe, naphakathi kwembewu yakho emva kwakho kwizizukulwana zayo, ube ngumnqophiso ongunaphakade, wokuba ndibe nguThixo kuwe, nakwimbewu yakho emva kwakho;

8. ndilinike wena nembewu yakho emva kwakho ilizwe lokuphambukela kwakho, lonke ilizwe eli lakwaKanan, ukuba libe yinto yenu ngonaphakade, ndibe nguThixo wabo.

9. Wathi uThixo kuAbraham, Wena ke, umnqophiso wam wowugcina, nembewu yakho emva kwakho kwizizukulwana zabo.

10. Nguwo lo umnqophiso wam eniya kuwugcina phakathi kwam nani, nembewu yakho emva kwakho: wokuba yonke into eyindoda kuni yaluswe; naluswe inyama yokwaluswa;

11. oko kube ngumqondiso womnqophiso ophakathi kwam nani.

12. Unyana omihla isibhozo makaluswe kuni, yonke into eyindoda kwizizukulwana zenu, ezelwe endlwini, nezuzwe ngemali kubani wolunye uhlanga, ongengowembewu yakho yena.

13. Makaluswe ozelwe endlwini yakho, nozuzwe ngemali yakho; umnqophiso wam enyameni yenu uya kuba ngumnqophiso ongunaphakade.

14. Into eyindoda engalukileyo, enyama yokwaluswa ingaluswanga, loo mphefumlo mawunqanyulwe, ungabikho ebantwini bakowawo; uwaphule umnqophiso wam.

15. Wathi uThixo kuAbraham, USarayi umkakho akuyi kumbiza ngegama lokuba nguSarayi; igama lakhe loba nguSara.

16. Ndiya kumsikelela; kananjalo ndikunike unyana ngaye, ndimsikelele, abe ziintlanga, kuphume ookumkani bezizwe kuye.

17. UAbraham wawa ngobuso bakhe, wahleka, wathi entliziyweni yakhe, Azi umntu ominyaka ilikhulu wozalelwa na? Azi uSara, intokazi eminyaka imashumi asithoba, angazala na?

18. Wathi uAbraham kuThixo, Wanga uIshmayeli angadla ubomi phambi kwakho!

19. Wathi uThixo, Ewe, uSara umkakho uya kukuzalela unyana, umbize ngegama lokuba nguIsake; ndiwumise umnqophiso wam naye, ube ngumnqophiso ongunaphakade kwimbewu yakhe emva kwakhe.

20. Ngokusingisele kuIshmayeli ndikuvile; uyabona, ndimsikelele, ndimqhamisile, ndimandisile kakhulu kunene. Uya kuzala izikhulu ezilishumi elinazibini, ndimenze uhlanga olukhulu.

21. Umnqophiso wam wona ndowumisa noIsake, oya kumzalelwa nguSara ngeli xesha nyakenye.

22. Wagqiba ukuthetha naye. Wenyuka uThixo esuka kuAbraham.

23. UAbraham wamthabatha uIshmayeli unyana wakhe, nabo bonke abazalelwe endlwini yakhe, nabo bonke abazuzwe ngemali yakhe, yonke into eyindoda phakathi kwabantu bendlu ka-Abraham, wayalusa inyama yokwaluswa kwangaloo mini, njengoko abethethile uThixo kuye.

24. UAbraham ebeminyaka imashumi asithoba anesithoba ezelwe, ukwaluswa kwenyama yokwaluswa.

25. UIshmayeli, unyana wakhe, ebeminyaka ilishumi elinamithathu ezelwe, ukwaluswa kwenyama yokwaluswa.

26. Kwangaloo mini waluswa uAbraham, noIshmayeli unyana wakhe.

27. Nawo onke amadoda endlu yakhe, azalelwe endlwini yakhe, nazuzwe ngemali kubani wolunye uhlanga, aluswa kunye naye.

About IGenesis Chapter 17

Read IGenesis Chapter 17 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of IGenesis in the Old Testament. Continue reading with the chapter navigation above or explore the complete book.

Book Information

Book: IGenesis
Chapter: 17
Testament: Old Testament

How to Read this Chapter

Use the Previous and Next Chapter buttons to continue reading IGenesis. You can also adjust the font size for comfortable reading and browse other books of the Bible using the navigation links.

https://www.youtube.com/watch?v=rzsT_Q3KLzE

More Resources

Continue Reading the Bible

Continue reading IGenesis Chapter 17 and explore every book, chapter and verse of the Holy Bible. Use the navigation links above and below to move through the Scriptures with ease.

Frequently Asked Questions

What is IGenesis Chapter 17?

IGenesis Chapter 17 is part of the Book of IGenesis in the Holy Bible.

Can I read this chapter online?

Yes. You can read the complete IGenesis Chapter 17 online for free with easy chapter navigation.

More Chapters from Igenesis

  1. IGenesis Chapter 3
  2. IGenesis Chapter 1
  3. IGenesis Chapter 10
  4. IGenesis Chapter 5
  5. IGenesis Chapter 42
  6. IGenesis Chapter 31
  7. IGenesis Chapter 20

Explore More from ITestamente Endala

  1. UHezekile Chapter 39
  2. IiNdumiso Chapter 117
  3. 1 KaSamuweli Chapter 23
  4. INumeri Chapter 7
  5. AbaGwebi Chapter 9
  6. IGenesis Chapter 44
  7. UMika Chapter 6

Related Chapters & Readings

  1. URute Chapter 1
  2. IEksodus Chapter 10
  3. IiNdumiso Chapter 42
  4. UHezekile Chapter 3
  5. UZekariya Chapter 7
  6. 2 KwabaseKorinte Chapter 8
  7. UZekariya Chapter 2
Share Your Love

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *