Read UYeremiya Chapter 30 Online
Read UYeremiya Chapter 30 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of UYeremiya in the Old Testament. Browse every verse with easy chapter navigation, continue to the next chapter, or explore the complete Book of UYeremiya and the Holy Bible online.
Choose a Chapter
UYeremiya 30
Isahluko 30
1. Ilizwi elafikayo kuYeremiya, livela kuYehova, lalisithi,
2. Utsho uYehova, uThixo wakwaSirayeli, ukuthi, Wabhale encwadini onke amazwi endiwathethileyo kuwe;
3. ngokuba, uyabona, kuza imihla, utsho uYehova, endiya kukubuyisa ukuthinjwa kwabantu bam amaSirayeli namaYuda, utsho uYehova; ndibabuyisele ezweni endalinika ooyise, ukuba balime.
4. Ngawo la ke amazwi, awawathethayo uYehova ngokusingisele kumaSirayeli, nakumaYuda.
5. Utshilo ke uYehova ukuthi, Sive izwi eligubhisayo; lelinkwantyisayo, asililo eloxolo.
6. Khanibuzise nikhangele, ukuba indoda yakha yamitha na? Yini na ukuba ndibone abafo bonke, izandla zabo zisemanqeni abo njengomfazi ozalayo, ubuso bonke busuke baluthuthu?
7. Athi ke ukuba mkhulu loo mhla! Akukho unjengawo; lixesha lembandezelo kuYakobi; ke uya kusindiswa kuyo.
8. Kothi ke ngaloo mhla, utsho uYehova wemikhosi, ndiyaphule idyokhwe yakhe entanyeni yakho, ndiziqhawule izitropu zakho, bangabi samkhonzisa abasemzini;
9. bakhonze uYehova uThixo wabo, noDavide ukumkani wabo, endiya kubavelisela yena.
10. Ke wena musa ukoyika, mkhonzi wam Yakobi, utsho uYehova, ungaqhiphuki umbilini, Sirayeli; ngokuba, uyabona, ndiya kukusindisa usekude, nembewu yakho ezweni ethinjelwe kulo, abuye uYakobi, azole, onwabe, angagubhi.
11. Ngokuba ndinawe, utsho uYehova, ukuze ndikusindise; ngokuba ndiya kuzigqibela kuphele iintlanga zonke endakuphangalalisela kuzo; kodwa andiyi kukugqibela kuphele; ndokuthethisa ngokusesikweni, ndingathi umsulwa kwakanye.
12. Ngokuba utsho uYehova ukuthi, Ukwaphuka kwakho asikuko nokuba kuyabulala, libuhlungu inxeba lakho.
13. Akukho ugweba ityala lakho, upholisa inxeba; akunaye okubophayo.
14. Zonke izithandane zakho zikulibele, azikukhathalele; ngokuba ndikubethile ngobetho lotshaba, ngentethiso enobujorha, ngenxa yobuninzi bobugwenxa bakho, ngenxa yokuba zininzi izono zakho.
15. Ukhalelani na ngenxa yokwaphuka kwakho? Asikuko nokuba uyabulala umvandedwa wakho! Ndizenzile ezo nto kuwe ngenxa yobuninzi bobugwenxa bakho, nangenxa yokuba zininzi izono zakho.
16. Ngako oko bonke abakudlayo baya kudliwa, nababandezeli bakho bonke bephela baya kuthinjwa, nabadywidi bakho badywidwe nabaphangi bakho bonke ndibanikele ekuphangweni.
17. Ngokuba ndiya kukubopha, ndiyipholise imivumbo yakho, utsho uYehova; ngokokuba bathi unguGxothiwe, uyiZiyon engakhathalelwe bani.
18. Utsho uYehova ukuthi, Yabona ndiya kukubuyisa ukuthinjwa kweentente zikaYakobi, ndibe nemfesane ngenxa yeminquba yakhe; umzi wakhelwe emmangweni wawo, luhlalwe uxande olude ngokwesiko lalo.
19. Wophuma kuzo umbulelo nezwi labaqambayo; ndibandise, bangabi mbalwa; ndibazukise, banganciphi.
20. Oonyana babo boba njengokwamandulo, lizimaseke phambi kwam ibandla labo, ndibavelele bonke abaxini babo.
21. Ingangamsha yabo iya kuvela kubo, umlawuli wabo aphume kwaphakathi kwabo; ndimsondeze, afike kum, ngokuba ngubani na omele intliziyo yakhe, ukuba afike kum? utsho uYehova.
22. Niya kuba ngabantu bam, mna ndibe nguThixo wenu.
23. Nango umoya kaYehova ovuthuzayo; nabo buphuma ubushushu; umoya ovuthuzayo, okhukulisayo, uya kuqhwithela entlokweni yabangendawo.
24. Akuyi kubuya ukuvutha komsindo kaYehova, ade ayenze, ade ayimise iminkqangiyelo yentliziyo yakhe; ekupheleni kwemihla niya kukuqonda oko.
About UYeremiya Chapter 30
Read UYeremiya Chapter 30 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of UYeremiya in the Old Testament. Continue reading with the chapter navigation above or explore the complete book.
Book Information
Book: UYeremiya
Chapter: 30
Testament: Old Testament
How to Read this Chapter
Use the Previous and Next Chapter buttons to continue reading UYeremiya. You can also adjust the font size for comfortable reading and browse other books of the Bible using the navigation links.
More Resources
Continue Reading the Bible
Continue reading UYeremiya Chapter 30 and explore every book, chapter and verse of the Holy Bible. Use the navigation links above and below to move through the Scriptures with ease.
Frequently Asked Questions
What is UYeremiya Chapter 30?
UYeremiya Chapter 30 is part of the Book of UYeremiya in the Holy Bible.
Can I read this chapter online?
Yes. You can read the complete UYeremiya Chapter 30 online for free with easy chapter navigation.
More Chapters from ITestamente Endala
- UIsaya Chapter 1
- IGenesis Chapter 3
- UYoshuwa Chapter 10
- ILevitikus Chapter 1
- IEksodus Chapter 2
- IEksodus Chapter 1
- EcclesiastesImiZekeliso Chapter 1
Explore More from Uyeremiya
- UYeremiya Chapter 34
- UYeremiya Chapter 28
- UYeremiya Chapter 46
- UYeremiya Chapter 52
- UYeremiya Chapter 31
- UYeremiya Chapter 7
- UYeremiya Chapter 40