UHezekile Chapter 5

For English

Read UHezekile Chapter 5 Online

Read UHezekile Chapter 5 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of UHezekile in the Old Testament. Browse every verse with easy chapter navigation, continue to the next chapter, or explore the complete Book of UHezekile and the Holy Bible online.

Choose a Chapter

UHezekile 5

Isahluko 5

1. Wena ke, nyana womntu, thabatha ikrele elibukhali, libe sisitshetshe sokuguya, ulihambise entlokweni yakho nasesilevini sakho, uthabathe isikali sokulinganisela, uzahlule iinwele.

2. Esinye isahlulo sesithathu uze usitshise ngomlilo esazulwini somzi, zakuzaliseka iintsuku zongqingo; uthabathe nesinye isahlulo sesithathu, uxabele ngekrele ngeenxa zonke kuso; nesinye isahlulo sesithathu usichithachithe emoyeni, ndirhole ikrele emva kwazo.

3. Uze uthabathe kuzo zibe mbalwa, uzibophe esondweni lengubo yakho;

4. ubuye uthabathe kuzo, uziphose emlilweni, uzitshise ngomlilo. Khona apho kuyo kuphuma umlilo, uye kuyo yonke indlu kaSirayeli.

5. Itsho iNkosi uYehova ukuthi, Le Yerusalem ndiyimise esazulwini seentlanga, amazwe angeenxa zonke kuyo.

6. Ke iwaphikisile ngokungendawo amasiko am ngaphezu kweentlanga, nemimiselo yam ngaphezu kwamazwe angeenxa zonke kuyo; ngokuba bawacekisile amasiko am, abahamba ngemimiselo yam.

7. Ngako oko, itsho iNkosi uYehova ukuthi, Ngenxa enokuba nangxola ngaphezu kweentlanga ebezingeenxa zonke kuni, anahamba ngemimiselo yam, anawenza amasiko am, anenza nangolwamasiko eentlanga ebezingeenxa zonke kuni:

8. ngako oko, itsho iNkosi uYehova ukuthi, Yabona, mna, ewe mna, ndikuchasile; ndiya kwenza izigwebo esazulwini sakho emehlweni eentlanga;

9. ndenze kuwe endingazanga ndikwenze, endingayi kubuya ndikwenze okunjalo, ngenxa yamasikizi akho onke.

10. Ngako oko ooyise baya kudla oonyana esazulwini sakho, oonyana badle ooyise; ndenze izigwebo, ndiwachithachithe onke amasalela akho emimoyeni yonke.

11. Ngako oko, itsho iNkosi uYehova ukuthi, Ndihleli nje, inyaniso, ngenxa enokuba ingcwele yam uyenze inqambi ngeento zakho zonke ezinezothe, nangamasikizi akho onke, nam ndiya kulisusa iliso lam, lingabi nanceba, ndingacongi nam.

12. Isahlulo sesithathu kuwe siya kufa yindyikitya yokufa, siphele nayindlala esazulwini sakho; esinye isahlulo sesithathu siwe likrele ngeenxa zonke kuwe; esinye isahlulo sesithathu ndisichithachithe emimoyeni yonke, ndirhole ikrele emva kwabo.

13. Wophelela ke kubo umsindo wam, ndibupholisele kubo ubushushu bam, ndithuthuzeleke; bazi ukuba mna Yehova ndithethe ndinekhwele, ekubuphleleliseleni ubushushu bam kubo.

14. Phezu koko ndokwenza ube linxuwa nesingcikivo ezintlangeni ezingeenxa zonke kuwe, emehlweni abo bonke abadlulayo.

15. Uya kuba sisingcikivo nesinyeliso, ube sisithethiso nommangaliso kwiintlanga ezingeenxa zonke kuwe, ekwenzeni kwam izigwebo kuwe ngomsindo nangobushushu, nangezohlwayo zobushushu; mna Yehova ndithethile:

16. nasekuzithumeni kwam kuwe iintolo ezimbi zendlala, ezizezolonakaliso, endiya kuzithuma ukuze zinonakalise. Ndiya kuyandisa indlala phezu kwenu, ndiwaphule umsimelelo asisonka kuni;

17. ndithume phezu kwenu indlala namarhamncwa, akuhluthe abantwana, ifikelele kuwe indyikitya yokufa negazi, ndikuzisele ikrele; mna Yehova ndithethile.

About UHezekile Chapter 5

Read UHezekile Chapter 5 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of UHezekile in the Old Testament. Continue reading with the chapter navigation above or explore the complete book.

Book Information

Book: UHezekile
Chapter: 5
Testament: Old Testament

How to Read this Chapter

Use the Previous and Next Chapter buttons to continue reading UHezekile. You can also adjust the font size for comfortable reading and browse other books of the Bible using the navigation links.

https://www.youtube.com/watch?v=rzsT_Q3KLzE

More Resources

Continue Reading the Bible

Continue reading UHezekile Chapter 5 and explore every book, chapter and verse of the Holy Bible. Use the navigation links above and below to move through the Scriptures with ease.

Frequently Asked Questions

What is UHezekile Chapter 5?

UHezekile Chapter 5 is part of the Book of UHezekile in the Holy Bible.

Can I read this chapter online?

Yes. You can read the complete UHezekile Chapter 5 online for free with easy chapter navigation.

More Chapters from ITestamente Endala

  1. UIsaya Chapter 1
  2. IGenesis Chapter 3
  3. UYoshuwa Chapter 10
  4. ILevitikus Chapter 1
  5. IEksodus Chapter 2
  6. IEksodus Chapter 1
  7. EcclesiastesImiZekeliso Chapter 1

Explore More from Uhezekile

  1. UHezekile Chapter 1
  2. UHezekile Chapter 37
  3. UHezekile Chapter 22
  4. UHezekile Chapter 9
  5. UHezekile Chapter 20
  6. UHezekile Chapter 39
  7. UHezekile Chapter 3

Related Chapters & Readings

  1. UHezekile Chapter 27
  2. IiNdumiso Chapter 123
  3. UMateyu Chapter 25
  4. 1 YeziKronike Chapter 19
  5. 2 KaSamuweli Chapter 14
  6. INumeri Chapter 23
  7. IiNdumiso Chapter 142
Share Your Love

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *