Read INumeri Chapter 25 Online
Read INumeri Chapter 25 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of INumeri in the Old Testament. Browse every verse with easy chapter navigation, continue to the next chapter, or explore the complete Book of INumeri and the Holy Bible online.
Choose a Chapter
INumeri 25
Isahluko 25
1. AmaSirayeli ahlala eShitim. Baqala abantu bahenyuza neentombi zakwaMowabhi.
2. Zababizela abantu emibingelelweni yoothixo bazo; badla abantu, banqula oothixo bazo.
3. AmaSirayeli azibandakanya ke noBhahali-pehore. Wavutha umsindo kaYehova kumaSirayeli.
4. Wathi uYehova kuMoses, Thabatha bonke abaziintloko zabantu, ubabethelele abanetyala emnqamlezweni kuYehova phambi kwelanga, kubuyiswe ukuvutha komsindo kaYehova kumaSirayeli.
5. Wathi uMoses kubagwebi bakwaSirayeli, Bulalani elowo abantu bakhe, abazibandakanyileyo noBhahali-pehore.
6. Kwabonakala ke indoda yakoonyana bakaSirayeli, ifika isondeza kubazalwana bayo umMidiyanekazi emehlweni kaMoses, nasemehlweni ebandla lonke loonyana bakaSirayeli, ababelila emnyango wentente yokuhlangana.
7. Wabona uPinehasi, unyana kaElazare, unyana ka-Aron umbingeleli, wesuka phakathi kwebandla, wathabatha umkhonto ngesandla sakhe.
8. Wayilandela indoda engumSirayeli, waya egumbini, wabahlaba amahlanza bobabini, indoda engumSirayeli, nenkazana leyo esiswini sayo. Sathintelwa ke isibetho koonyana bakaSirayeli.
9. Abafayo ngesibetho baba ngamawaka amashumi amabini anamane.
10. Wathetha uYehova kuMoses, esithi,
11. UPinehasi, unyana kaElazare, unyana ka-Aron umbingeleli, ububuyisile ubushushu bam koonyana bakaSirayeli, ekukhweleteni kwakhe njengekhwele lam phakathi kwabo, ukuze ndingabagqibi oonyana bakaSirayeli ngekhwele lam.
12. Yithi ngoko, Yabona, ndimnika umnqophiso wam woxolo,
13. ube ngumnqophiso wobubingeleli obungunaphakade, kuye nakwimbewu yakhe emva kwakhe, ngenxa enokuba ebenekhwele ngoThixo wakhe, wabacamagushela oonyana bakaSirayeli.
14. Igama lendoda engumSirayeli, leyo yahlatywayo, yahlatywa nomMidiyanekazi, ibinguZimri unyana kaSalu, inkulu yendlu yooyise kwaSimon.
15. Igama lenkazana leyo yahlatywayo ingumMidiyanekazi, belinguKozibhi, intombi kaTsure, obeyintloko yezizwe zendlu yooyise kwaMidiyan.
16. Wathetha uYehova kuMoses, esithi,
17. Wabandezeleni amaMidiyan niwaxabele;
18. ngokuba wona anibandezele ngamayelenqe awo abewenzile kuni, ngenxa yendawo kaPehore, nangenxa yendawo kaKozibhi, intombi yenkulu yakwaMidiyan, udade wabo, owahlatywa ngomhla wesibetho ngenxa yendawo kaPehore.
About INumeri Chapter 25
Read INumeri Chapter 25 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of INumeri in the Old Testament. Continue reading with the chapter navigation above or explore the complete book.
Book Information
Book: INumeri
Chapter: 25
Testament: Old Testament
How to Read this Chapter
Use the Previous and Next Chapter buttons to continue reading INumeri. You can also adjust the font size for comfortable reading and browse other books of the Bible using the navigation links.
More Resources
Continue Reading the Bible
Continue reading INumeri Chapter 25 and explore every book, chapter and verse of the Holy Bible. Use the navigation links above and below to move through the Scriptures with ease.
Frequently Asked Questions
What is INumeri Chapter 25?
INumeri Chapter 25 is part of the Book of INumeri in the Holy Bible.
Can I read this chapter online?
Yes. You can read the complete INumeri Chapter 25 online for free with easy chapter navigation.
More Chapters from inumeri
- INumeri Chapter 34
- INumeri Chapter 35
- INumeri Chapter 11
- INumeri Chapter 10
- INumeri Chapter 15
- INumeri Chapter 13
- INumeri Chapter 3
Explore More from ITestamente Endala
- UIsaya Chapter 17
- AbaGwebi Chapter 12
- 1 YooKumkani Chapter 12
- IEksodus Chapter 20
- IiNdumiso Chapter 50
- ImiZekeliso Chapter 29
- UIsaya Chapter 28