EkaYakobi Chapter 4

For English

Read EkaYakobi Chapter 4 Online

Read EkaYakobi Chapter 4 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of EkaYakobi in the New Testament. Browse every verse with easy chapter navigation, continue to the next chapter, or explore the complete Book of EkaYakobi and the Holy Bible online.

Choose a Chapter

EkaYakobi 4

Isahluko 4

1. Zivela phi na iimfazwe nokulwa phakathi kwenu? Aziveli na apha eziyolweni zenu, eziwaphumela umkhosi amalungu enu?

2. Niyakhanuka, ningabi nakuzuza nto noko; niyabulala, nizonde, ningabi nakufumana nto noko; niyalwa, nenze imfazwe, ningabi nakuzuza nto ke, ngenxa yokuba ningaceli.

3. Niyacela, ningamkeli noko, ngenxa enokuba nicela kakubi, ukuze oko nikuchithele iziyolo zenu.

4. Bakrexezindini, bakrexezikazindini, anazi na ukuba ubuhlobo balo ihlabathi bubutshaba kuye uThixo? Othe ngoko wanga angaba sisihlobo salo ihlabathi, uzenza utshaba lukaThixo.

5. Okanye niba isibhalo esi sifumana sisitsho na, ukuthi, Umoya owahlala ngaphakathi kwethu ulangazelela ukukhweleta?

6. Ke ubabala kakhulu ngakumbi. Kungoko sithi, UThixo uyabachasa abanekratshi, abababale abazithobileyo.

7. Mthobeleni ngoko uThixo. Mchaseni ke uMtyholi, wonibaleka.

8. Sondelani kuye uThixo, wosondela kuni. Hlambululani izandla, boni, nenze nyulu iintliziyo, nina bamphefumlo umbaxa.

9. Yibani ziindwayi, nikhedame, nilile; ukuhleka kwenu makujike kube kukukhedama, nalo uvuyo lwenu lube kukuthi dakumba.

10. Zithobeni emehlweni eNkosi, yoniphakamisa.

11. Musani ukuthetha okubi omnye ngomnye, bazalwana. Lowo uthetha okubi ngomzalwana, amgwebe umzalwana wakhe, uthetha okubi ngomthetho, agwebe umthetho; ke, ukuba uyawugweba umthetho, akumenzi wamthetho, ungumgwebi.

12. Mnye uMmisi-mthetho, lowo unako ukusindisa nokutshabalalisa; ungubani na wena, umgwebayo omnye?

13. Wenani kaloku, nina nitshoyo ukuthi, Namhla, nokuba kungomso, siya kuya kulaa mzi, senze khona umnyaka ube mnye, sirhwebe, sizuze;

14. kanti nina aba anikwazi kakuhle okwangomso. Kuba buyintoni na ubomi benu? Bungumphunga obonakala ixesha elincinane, uze ke uthi shwaka.

15. Endaweni yokuba nithi, Ukuba iNkosi ithe yathanda, saphila, siya kwenza le nto, nalaa nto.

16. Ngoku ke niqhayisa ngokuqhankqalaza kwenu; konke ukuqhayisa okunjalo akundawo.

17. Ngoko kowaziyo ukwenza okuhle, angakwenzi, kulowo kusisono.

About EkaYakobi Chapter 4

Read EkaYakobi Chapter 4 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of EkaYakobi in the New Testament. Continue reading with the chapter navigation above or explore the complete book.

Book Information

Book: EkaYakobi
Chapter: 4
Testament: New Testament

How to Read this Chapter

Use the Previous and Next Chapter buttons to continue reading EkaYakobi. You can also adjust the font size for comfortable reading and browse other books of the Bible using the navigation links.

https://www.youtube.com/watch?v=rzsT_Q3KLzE

More Resources

Continue Reading the Bible

Continue reading EkaYakobi Chapter 4 and explore every book, chapter and verse of the Holy Bible. Use the navigation links above and below to move through the Scriptures with ease.

Frequently Asked Questions

What is EkaYakobi Chapter 4?

EkaYakobi Chapter 4 is part of the Book of EkaYakobi in the Holy Bible.

Can I read this chapter online?

Yes. You can read the complete EkaYakobi Chapter 4 online for free with easy chapter navigation.

More Chapters from ekayakobi

  1. EkaYakobi Chapter 5
  2. EkaYakobi Chapter 1
  3. EkaYakobi Chapter 3
  4. EkaYakobi Chapter 2

Explore More from ITestamente Entsha

  1. 1 KaPetros Chapter 5
  2. UMateyu Chapter 21
  3. IsiTyhilelo Chapter 19
  4. KwabaseRoma Chapter 11
  5. 2 KaPetros Chapter 1
  6. IsiTyhilelo Chapter 22
  7. 1 UYohane Chapter 4

Related Chapters & Readings

  1. IiNdumiso Chapter 13
  2. ULuka Chapter 24
  3. IEksodus Chapter 9
  4. EkaYakobi Chapter 1
  5. IsiTyhilelo Chapter 10
  6. AbaGwebi Chapter 12
  7. UIsaya Chapter 33
Share Your Love

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *