Read UHezekile Chapter 29 Online
Read UHezekile Chapter 29 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of UHezekile in the Old Testament. Browse every verse with easy chapter navigation, continue to the next chapter, or explore the complete Book of UHezekile and the Holy Bible online.
Choose a Chapter
UHezekile 29
Isahluko 29
1. Ngomnyaka weshumi, ngenyanga yeshumi, ngolweshumi elinesibini enyangeni leyo, kwafika ilizwi likaYehova kum lisithi,
2. Nyana womntu, bhekisa ubuso bakho kuFaro ukumkani waseYiputa, uprofete ngaye, nangeYiputa yonke iphela.
3. Thetha uthi, Itsho iNkosi uYehova ukuthi, Uyabona, ndikuchasile, Faro kumkani waseYiputa, ngwenya inkulu ibuthumileyo emijelweni yayo yoMnayile, itsho ukuthi, Ngowam umlambo, ndizenzele mna.
4. Ndiya kufaka amakhonkco emihlathini yakho, ndizinamathisele emaxolweni akho iintlanzi zemijelo yakho, ndikurhole emijelweni yakho, neentlanzi zonke zemijelo yakho, ezinamathele emaxolweni akho.
5. Ndiya kukulahlela entlango, wena neentlanzi zonke zemijelo yakho. Uya kuwa endle, akuyi kuhlanganiswa ubuthwe; ndikunikele ukuba ube kukudla kwamarhamncwa elizwe nokweentaka zezulu.
6. Baya kwazi bonke abemi baseYiputa ukuba ndinguYehova. Ngokokuba ibe ingumsimelelo wengcongolo kwindlu kaSirayeli.
7. Bakubambelela kuwe ngamahlamvu akho, usuka uvikiveke, ukrazule lonke igxalaba labo; uthi bakusimelela ngawe, waphuke, ugxadazelise zonke izinqe zabo.
8. Ngako oko, itsho iNkosi uYehova ukuthi, Uyabona, ndikuzisela ikrele, ndinqumle kuwe umntu nenkomo;
9. ilizwe laseYiputa kube senkangala, libharhe; bazi ukuba ndinguYehova, ngenxa enokuba usithi, Umlambo ngowam, ndizenzele mna.
10. Ngako oko uyabona, ndikuchasile nemijelo yakho; ndiya kulibharhisa ilizwe laseYiputa libharhe, kube senkangala, lithabathele eMigidoli, lise eSevene, lise emdeni wakwaKushi.
11. Akuyi kucanda lunyawo lwamntu kulo, akuyi kucanda nqina lankomo kulo, lingemiwa, iminyaka engamashumi amane.
12. Ndiya kulenza kube senkangala ilizwe laseYiputa phakathi kwamazwe abharhileyo, ibe ngamanxuwa imizi yalo phakathi kwemizi engamanxuwa, iminyaka engamashumi amane; ndiwaphangalalisele amaYiputa ezintlangeni, ndiwachithachithe emazweni.
13. Ngokuba itsho iNkosi uYehova ukuthi, Ekupheleni kweminyaka engamashumi amane, ndiya kuwabutha amaYiputa ezizweni, abephangalaliselwe kuzo;
14. ndibuyise ukuthinjwa kweYiputa, ndiwabuyise elizweni lasePatrosi, ezweni lokuvela kwawo, abe sisikumkani esiphantsi khona.
15. Ezikumkanini aya kuba sesiphantsi, angabi saziphakamisa ngokwawo phezu kweentlanga; ndiwanciphise, ukuze angazinyatheleli phantsi iintlanga.
16. Akayi kuba saba yinkoloseko yendlu kaSirayeli, ekhumbuza ubugwenxa ngokubheka kwayo kuwo; azi ukuba ndiyiNkosi uYehova.
17. Kwathi ngomnyaka wamashumi omabini anesixhenxe, ngenyanga yokuqala, ngolokuqala enyangeni leyo, kwafika ilizwi likaYehova kum, lisithi,
18. Nyana womntu, uNebhukadenetsare ukumkani waseBhabheli, impi yakhe uyisebenzise umsebenzi omkhulu eTire. Zonke iintloko zikhuthukile, onke amagxalaba atyabukile; ukanti akabanga namvuzo ke, yena nempi yakhe, eTire, ngenxa yomsebenzi awusebenzileyo kuyo.
19. Ngako oko, itsho iNkosi uYehova ukuthi, Uyabona, uNebhukadenetsare ukumkani waseBhabheli ndimnika ilizwe laseYiputa, ukuba athuthe intabalala yalo, athimbe intimbo yalo, aphange ixhoba lalo, ezo zinto zibe ngumvuzo wempi yakhe.
20. Umvuzo wakhe awusebenzeleyo ndimnika ilizwe laseYiputa, ngokuba baye besebenzele mna; itsho iNkosi uYehova.
21. Ngayo loo mini ndiya kuyihlumisela uphondo indlu kaSirayeli, ndikunike ukuvulwa komlomo phakathi kwabo; bazi ukuba ndinguYehova.
About UHezekile Chapter 29
Read UHezekile Chapter 29 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of UHezekile in the Old Testament. Continue reading with the chapter navigation above or explore the complete book.
Book Information
Book: UHezekile
Chapter: 29
Testament: Old Testament
How to Read this Chapter
Use the Previous and Next Chapter buttons to continue reading UHezekile. You can also adjust the font size for comfortable reading and browse other books of the Bible using the navigation links.
More Resources
Continue Reading the Bible
Continue reading UHezekile Chapter 29 and explore every book, chapter and verse of the Holy Bible. Use the navigation links above and below to move through the Scriptures with ease.
Frequently Asked Questions
What is UHezekile Chapter 29?
UHezekile Chapter 29 is part of the Book of UHezekile in the Holy Bible.
Can I read this chapter online?
Yes. You can read the complete UHezekile Chapter 29 online for free with easy chapter navigation.
More Chapters from ITestamente Endala
- UIsaya Chapter 1
- IGenesis Chapter 3
- UYoshuwa Chapter 10
- ILevitikus Chapter 1
- IEksodus Chapter 2
- IEksodus Chapter 1
- EcclesiastesImiZekeliso Chapter 1
Explore More from Uhezekile
- UHezekile Chapter 47
- UHezekile Chapter 9
- UHezekile Chapter 3
- UHezekile Chapter 23
- UHezekile Chapter 36
- UHezekile Chapter 5
- UHezekile Chapter 17