ImiZekeliso Chapter 21

For English

Read ImiZekeliso Chapter 21 Online

Read ImiZekeliso Chapter 21 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of ImiZekeliso in the Old Testament. Browse every verse with easy chapter navigation, continue to the next chapter, or explore the complete Book of ImiZekeliso and the Holy Bible online.

Choose a Chapter

ImiZekeliso 21

Isahluko 21

1. Yimijelo yamanzi intliziyo yokumkani esandleni sikaYehova; Uyibhekisa apho asukuba ethande khona.

2. Zonke iindlela zendoda zithe tye kwawayo amehlo; Umlinganisi weentliziyo nguYehova.

3. Ukwenza ubulungisa nokusesikweni Kunyulekile kuYehova ngaphezu kombingelelo.

4. Ukuqwayinga kwamehlo, nokugungubala kwentliziyo, Kwanokukhubela kwabangendawo, kusisono.

5. Iingcinga zabakhutheleyo zisingisa elungeniselweni lodwa; Konke ukungxama kusingisa entswelweni yodwa.

6. Ukuzuza ubuncwane ngolwimi oluxokayo Ngumphunga ophephethekayo wabafuna ukufa.

7. Ukubhuqa kwabangendawo kuyabaqweqwedisa; Ngokuba abavumi ukwenza okusesikweni.

8. Iligoso-goso indlela yendoda enetyala; Ke yena ohlambulukileyo, umsebenzi wakhe uthe tye.

9. Kulungile ukuhlala elungqamekweni oluphezu kwendlu, Kunokuhlala ndlwini-nye nomfazi onengxabano.

10. Umphefumlo wongendawo unqwenela ububi; Amehlo akhe akambabali ummelwane wakhe.

11. Ekuhlawulisweni komgxeki siyalumka isiyatha; Ekuqiqisweni kwaso, isilumko samkela ukwazi.

12. Ilungisa liyayiqiqa indlu yongendawo. Libaphenulela ebubini abangendawo.

13. Ovingca iindlebe zakhe ekukhaleni kwesisweli, Naye uya kubiza, angaviwa.

14. Isipho entsithelweni sinqanda umsindo, Isicengo esondweni lengubo sinqanda umsindo onamandla.

15. Kuluvuyo kwilungisa ukwenza okusesikweni; Kuqhiphula umbilini kubasebenzi bobutshinga.

16. Umntu ondwendwayo, emke endleleni yengqiqo, Uya kuhlala esikhungwini sabafileyo.

17. Othanda imigcobo uba yindoda esweleyo; Othanda iwayini neoli akabi sisityebi.

18. Ongendawo lucamagusho ngenxa yelungisa; Inginingini lisesikhundleni sabathe tye.

19. Kulungile ukuhlala ezweni eliyintlango, Kunokuhlala nomfazi onengxabano neengqumbo.

20. Ubuncwane obunqwenelekayo neoli zisekhayeni lesilumko; Ke umntu osisinyabi uyaziginya azigqibe.

21. Ophuthuma ubulungisa nenceba Wofumana ubomi nobulungisa nozuko.

22. Isilumko siyaqabela emzini wamagorha, Siyiwise inqaba ekukholoswe ngayo.

23. Ogcine umlomo wakhe nolwimi lwakhe Ugcina umphefumlo wakhe ezingxingongweni.

24. Umkhukhumali oligagadele, ngumgxeki igama lakhe; Ngowenza ngokukhukhumala okuphuphumayo.

25. Umnqweno wevila uyalibulala, Kuba izandla zalo azivumi kusebenza.

26. Imini yonke linqwena linqwenile, Ke lona ilungisa liyapha lingavimbi.

27. Umbingelelo wabangendawo lisikizi; Kobeka phi na ke bakuwuzisa ngenxa yamanyala!

28. Ingqina elinamanga liyatshabalala; Ke yona indoda evayo ithetha kuphele.

29. Indoda engendawo iyingwanyalala ubuso; Ngothe tye oyiqondayo indlela yakhe.

30. Akukho bulumko, akukho ngqondo, Akukho cebo malungana noYehova.

31. Ihashe lilungiselwa imini yokulwa, Ke usindiso lona lunoYehova.

About ImiZekeliso Chapter 21

Read ImiZekeliso Chapter 21 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of ImiZekeliso in the Old Testament. Continue reading with the chapter navigation above or explore the complete book.

Book Information

Book: ImiZekeliso
Chapter: 21
Testament: Old Testament

How to Read this Chapter

Use the Previous and Next Chapter buttons to continue reading ImiZekeliso. You can also adjust the font size for comfortable reading and browse other books of the Bible using the navigation links.

https://www.youtube.com/watch?v=rzsT_Q3KLzE

More Resources

Continue Reading the Bible

Continue reading ImiZekeliso Chapter 21 and explore every book, chapter and verse of the Holy Bible. Use the navigation links above and below to move through the Scriptures with ease.

Frequently Asked Questions

What is ImiZekeliso Chapter 21?

ImiZekeliso Chapter 21 is part of the Book of ImiZekeliso in the Holy Bible.

Can I read this chapter online?

Yes. You can read the complete ImiZekeliso Chapter 21 online for free with easy chapter navigation.

More Chapters from imizekeliso

  1. ImiZekeliso Chapter 10
  2. ImiZekeliso Chapter 23
  3. ImiZekeliso Chapter 20
  4. ImiZekeliso Chapter 19
  5. ImiZekeliso Chapter 30
  6. ImiZekeliso Chapter 28
  7. ImiZekeliso Chapter 14

Explore More from ITestamente Endala

  1. UIsaya Chapter 18
  2. UYeremiya Chapter 37
  3. IiNdumiso Chapter 97
  4. EcclesiastesImiZekeliso Chapter 8
  5. ImiZekeliso Chapter 17
  6. UEstere Chapter 7
  7. UYeremiya Chapter 38

Related Chapters & Readings

  1. 2 YeziKronike Chapter 24
  2. UEstere Chapter 1
  3. ImiZekeliso Chapter 19
  4. UMateyu Chapter 27
  5. IDuteronomi Chapter 8
  6. UYeremiya Chapter 14
  7. UEzra Chapter 8
Share Your Love

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *