Read KuTito Chapter 1 Online
Read KuTito Chapter 1 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of KuTito in the New Testament. Browse every verse with easy chapter navigation, continue to the next chapter, or explore the complete Book of KuTito and the Holy Bible online.
Choose a Chapter
KuTito 1
Isahluko 1
1. UPawulos, umkhonzi kathixo, umpostile ke kaYesu Kristu, ngokokholo lwabanyulwa bakaThixo, nokuyazi inyaniso engokokuhlonela uThixo;
2. ngethemba lobomi obungunaphakade, awathi uThixo, ongenakuxoka, wabubeka idinga ngaphambi kwamaxesha angunaphakade,
3. walibonakalisa ke ilizwi lakhe ngamaxesha angawalo, ngokuvakalisa endakuphathiswayo mna, ngokommiselo woMsindisi wethu uThixo:
4. kuTito, umntwana wam wenene ngokwaselukholweni, esinobudlelane ngalo: Makube lubabalo, noxolo oluvela kuThixo uYise, nakuYesu Kristu, uMsindisi wethu.
5. Ndakushiya eKrete ngenxa yoku, ukuze uhambise ukuzilungisa izinto eziseleyo, umise amadoda amakhulu kwimizi ngemizi, njengoko ndakumisela ngako mna:
6. ukuba umntu ungongenakumangaleleka, eyindoda yamfazi mnye enabantwana abakholiweyo, abangamiselwa tyala lakuzibhubhisa, abangaswele kuthobela mntu.
7. Kuba umveleli umelwe kukuba ngongenakumangaleleka, njengegosa likaThixo; angabi ngowenza ukuzithandela kwakhe; angabi ngoqumba msinya; angabi ngogeziswa yiwayini; angabi ngumbethi; angabi ngongxamela nzuzo imbi.
8. Umelwe kukuthi abe ngobuka iindwendwe, umthandi wokulungileyo, onesidima, olilungisa, ongcwele, onokuzeyisa;
9. ebambelele ezwini elithembekileyo ngokwemfundiso, ukuze abe nako ukuvuselela ngayo imfundiso ephilileyo, nokubohlwaya badane abaphikayo.
10. Kuba baninzi abathethi bezinto ezingento nabakhohlisi, abaswele intobeko, ngokukodwa abo bolwaluko,
11. abamelwe kukuvingcwa imilomo; abathi izindlu ziphela bazibhukuqe, befundisa izinto ezingafanelekileyo ngenxa yenzuzo embi.
12. Wathi omnye wabo, kwaumprofeti wakowabo, AmaKrete ahlala engamaxoki, amarhamncwa amabi, amadla-kudla angasebenziyo.
13. Obo bungqina buyinene. Ngenxa yeli thuba bohlwaye kabukhali, badane, ukuze baphile elukholweni;
14. banganyamekeli zintsomi zabuYuda, namithetho yabantu abayinikela umva inyaniso.
15. Izinto zonke zihlambulukile kwabahlambulukileyo; kwabadyobhekileyo nabangakholwayo, akukho nto ihlambulukileyo; kusuke kwadyobheka nengqiqo nesazela sabo.
16. Bayavuma ukuba bayamazi uThixo; kanti ngayo imisebenzi bayamkhanyela, bengamasikizi, bengabangevayo, nakumsebenzi wonke olungileyo bengenakucikideka.
About KuTito Chapter 1
Read KuTito Chapter 1 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of KuTito in the New Testament. Continue reading with the chapter navigation above or explore the complete book.
Book Information
Book: KuTito
Chapter: 1
Testament: New Testament
How to Read this Chapter
Use the Previous and Next Chapter buttons to continue reading KuTito. You can also adjust the font size for comfortable reading and browse other books of the Bible using the navigation links.
More Resources
Continue Reading the Bible
Continue reading KuTito Chapter 1 and explore every book, chapter and verse of the Holy Bible. Use the navigation links above and below to move through the Scriptures with ease.
Frequently Asked Questions
What is KuTito Chapter 1?
KuTito Chapter 1 is part of the Book of KuTito in the Holy Bible.
Can I read this chapter online?
Yes. You can read the complete KuTito Chapter 1 online for free with easy chapter navigation.
More Chapters from ITestamente Entsha
- IsiTyhilelo Chapter 21
- IsiTyhilelo Chapter 10
- IsiTyhilelo Chapter 1
- UYohane Chapter 1
- IsiTyhilelo Chapter 14
- IsiTyhilelo Chapter 8
- IsiTyhilelo Chapter 13