KumaGalati Chapter 2

For English

Read KumaGalati Chapter 2 Online

Read KumaGalati Chapter 2 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of KumaGalati in the New Testament. Browse every verse with easy chapter navigation, continue to the next chapter, or explore the complete Book of KumaGalati and the Holy Bible online.

Choose a Chapter

KumaGalati 2

Isahluko 2

1. Ndaza emva kweminyaka elishumi elinamine, ndabuya ndenyuka ndaya eYerusalem ndinoBharnabhas, ndathabatha noTito.

2. Ndenyuka ke ngokwesityhilelo, ndazandlala phambi kwabo iindaba ezilungileyo endizivakalisayo phakathi kweentlanga; ndazandlala ke phambi kwabo badumileyo bebodwa, hleze ndibe ndifumana ndibaleka, mhlawumbi ndibe ndafumana ndabaleka.

3. NoTito lo, ubenam, nangona ebengumGrike, akanyanzelwanga ukuba aluke:

4. ngenxa ke yabazalwana ababuxoki, abangeniswayo bucala, bona bangena ngokunyebeleza, besiza kuhlola inkululeko yethu esinayo kuKristu Yesu, ukuze basithobele ebukhobokeni.

5. Esathi abo asabavumela ngolulamo nokwexa elinye, ukuze inyaniso yeendaba ezilungileyo ihlale ihleli kuni.

6. Ke aba badumele ukuba bayinto, nokuba babefudula benjani, akunto oko kum; uThixo akakhethi buso bamntu. Kuba aba babedume ngobunto ababhekisanga nto kum.

7. Basuka bathi kanye, bakubona ukuba ndiziphathisiwe iindaba ezilungileyo kwabangalukileyo, njengokuba uPetros ebeziphathisiwe kwabolwaluko

8. (kuba kwalowo wamsebenzelayo uPetros ngokusingisele kubo ubupostile babolwaluko, wandisebenzela nam ngokusingisele kwiintlanga);

9. kananjalo bakulwazi ubabalo endababalwa ngalo: bathi ooYakobi noKefas noYohane, abo ke babedume ukuba baziintsika, basinika thina noBharnabhas izandla zokunene zobudlelane, ukuze siye thina kwiintlanga; bona ke baye kwabolwaluko;

10. bathi, maze siwakhumbule amahlwempu; into ke leyo endandiyikhuthalela ukuyenza.

11. Ke kaloku, xenikweni uPetros wafikayo kwa-Antiyokwe, ndamelana naye ngokusekuhleni, ngokuba ube engogwetyiweyo.

12. Kuba phambi kokuba kufike abathile bevela kuYakobi, wadla ndawonye nabeentlanga; ke wathi bakufika, wesuka wanqwanqwa, wazahlula kubo, esoyika abo bolwaluko.

13. Ke ahanahanisa njengaye namanye amaYuda; wada noBharnabhas wakhukuliswa luhanahaniso lwawo.

14. Xenikweni ke ndabonayo ukuba abathe ngqo ukuhamba enyanisweni yeendaba ezilungileyo, ndathi kuPetros phambi kwabo bonke, Ukuba wena, ungumYuda nje, uhleli ngokwabeentlanga, ungahlali ngokobuYuda, yini na ukuba ubanyanzele abeentlanga ukuba bahlale ngokobuYuda?

15. Thina, singamaYuda ngemvelo, asingaboni abavela kwiintlanga,

16. sisazi nje ukuba akagwetyelwa umntu ngokwasemisebenzini yomthetho, kuphela kungokukholwa kuYesu Kristu: sithe ke nathi aba sakholwa kuKristu Yesu, ukuze sigwetyelwe ngokwasekukholweni kuKristu, kungabi ngokwasemisebenzini yomthetho; ngokokuba akuyi kugwetyelwa mntu ngokwasemisebenzini yomthetho.

17. Ke ukuba, sifuna nje ukugwetyelwa ngoKristu, sifunyanwa singaboni nathi ngokwethu, ndiyabuza ndithi, uKristu ungumlungiseleli wesono na ke ngoko? Nakanye!

18. Kuba, ukuba izinto endazichithayo, ndibuya ndakhe zona, ndiyaziqondakalisa ngokwam ukuba ndingumgqithi.

19. Kuba mna ngomthetho ndafa kumthetho, ukuze ubomi ndibudlele kuThixo.

20. Ndibethelelwe emnqamlezweni noKristu; ayisendim ke odla ubomi, nguKristu ke oselesidla ubomi kum. Ubomi ke endibudlayo ngoku, ndisenyameni, ndibudlela ekukholweni kuNyana kaThixo, owandithandayo, wazinikela ngenxa yam.

21. Andilutshitshisi ubabalo lukaThixo; kuba, ukuba bungomthetho ubulungisa, oko uKristu angaba wafumana wafa.

About KumaGalati Chapter 2

Read KumaGalati Chapter 2 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of KumaGalati in the New Testament. Continue reading with the chapter navigation above or explore the complete book.

Book Information

Book: KumaGalati
Chapter: 2
Testament: New Testament

How to Read this Chapter

Use the Previous and Next Chapter buttons to continue reading KumaGalati. You can also adjust the font size for comfortable reading and browse other books of the Bible using the navigation links.

https://www.youtube.com/watch?v=rzsT_Q3KLzE

More Resources

Continue Reading the Bible

Continue reading KumaGalati Chapter 2 and explore every book, chapter and verse of the Holy Bible. Use the navigation links above and below to move through the Scriptures with ease.

Frequently Asked Questions

What is KumaGalati Chapter 2?

KumaGalati Chapter 2 is part of the Book of KumaGalati in the Holy Bible.

Can I read this chapter online?

Yes. You can read the complete KumaGalati Chapter 2 online for free with easy chapter navigation.

More Chapters from ITestamente Entsha

  1. IsiTyhilelo Chapter 21
  2. IsiTyhilelo Chapter 1
  3. IsiTyhilelo Chapter 10
  4. IsiTyhilelo Chapter 8
  5. UYohane Chapter 1
  6. IsiTyhilelo Chapter 14
  7. IsiTyhilelo Chapter 13

Explore More from kumagalati

  1. KumaGalati Chapter 6
  2. KumaGalati Chapter 4
  3. KumaGalati Chapter 3
  4. KumaGalati Chapter 5
  5. KumaGalati Chapter 1

Related Chapters & Readings

  1. 1 KaSamuweli Chapter 27
  2. UHoseya Chapter 7
  3. IEksodus Chapter 23
  4. IsiTyhilelo Chapter 22
  5. UYona Chapter 1
  6. UYobhi Chapter 20
  7. IZenzo Chapter 21
Share Your Love

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *