Read ImiZekeliso Chapter 1 Online
Read ImiZekeliso Chapter 1 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of ImiZekeliso in the Old Testament. Browse every verse with easy chapter navigation, continue to the next chapter, or explore the complete Book of ImiZekeliso and the Holy Bible online.
Choose a Chapter
ImiZekeliso 1
Isahluko 1
1. Imizekeliso kaSolomon unyana kaDavide, ukumkani wamaSirayeli, Yokuba kwaziwe ubulumko noqeqesho;
2. Yokuba kuqondwe iintetho zengqondo;
3. Yokuba kwamkelwe uqeqesho lwengqiqo, Ubulungisa, nesiko, nokuthe tye;
4. Yokuba izidenge zinikwe ubuqili, Ulutsha lunikwe ukwazi nokunkqangiyela;
5. Ukuze eve osisilumko, aqokele afunde, Oqondayo azuze amacebo obulumko;
6. Yokuba kuqondwe umzekeliso nezafobe zokuthetha, Amazwi ezilumko nezintsonkotha zazo.
7. Ukoyika uYehova kukuqala kokwazi; Ubulumko noqeqesho izimathane ziludelile.
8. Nyana wam, yiva uqeqesho lukayihlo, Ungawulahli umyalo kanyoko.
9. Kuba ezo zinto zisisangqawe esihle entlokweni yakho, Nezambalo emqaleni wakho.
10. Nyana wam, ukuba aboni bathe bakuhenda, Uze ungavumi ke.
11. Ukuba bathe, Hamba nathi, Masilalele igazi, Masibalalele abamsulwa bengenatyala;
12. Masibaginye njengelabafileyo behleli, Begqibelele, njengabehla baye emhadini;
13. Sofumana ubuncwane obunqabileyo, Sozizalisa izindlu zethu ngamaxhoba;
14. Wena ke woliphosa phakathi kwethu iqashiso lakho, Yoba nye ingxowa yethu sonke:
15. Nyana wam, musa ukuhamba ngendlela nabo; Lunqande unyawo lwakho emendweni wabo.
16. Kuba iinyawo zabo zigidimela ububi, Zikhawulezela ukuphalaza igazi;
17. Kuba ufumana usanekwa umnatha Emehlweni eentaka ezi zonke;
18. Ke bona balalela elabo igazi, Bazonda owabo umphefumlo.
19. Unjalo umendo wabo bonke abangxamele inzuzo embi; Imka nomphefumlo womniniyo.
20. Ubulumko bumemeza ngaphandle, Buvakalisa izwi labo ezitratweni.
21. Bumemeza emantloko eendawo zembutho; Ekungeneni kwamasango, Phakathi komzi, buthetha iintetho zabo, busithi:
22. Kunini na, ziyathandini, nithanda ubuyatha, Abagxeki befuna ukugxeka, Izinyabi zithiya ukwazi?
23. Nithe nabuyela ekohlwayeni kwam, Niyabona, ndowumpompozisela kuni umoya wam, Ndonazisa amazwi am.
24. Ngokokuba ndinibizile, anavuma, Ndolule isandla sam, akwabakho ukhathalayo;
25. Nesuka naliyeka necebo lam lonke, Anavuma ndakunohlwaya.
26. Nam ke ndonihleka ekusindekeni kwenu; Ndogculela ekufikeni kokunkwantyiswa kwenu;
27. Ekufikeni kokunkwantyiswa kwenu njengesithonga, Ekuzeni kokusindeka kwenu njengesaqhwithi, Ekufikelweni kwenu yimbandezelo nenkcutheko.
28. Baya kwandula bandibize, ndingaphenduli, Bandifune kwakusasa, bangandifumani;
29. Ngethuba lokuba bakuthiyile ukwazi, Abakunyula ukoyika uYehova;
30. Abalivuma icebo lam, Basigiba sonke isohlwayo sam:
31. Baya kudla ke isiqhamo sendlela yabo, Bahluthe ngamacebo abo.
32. Kuba ukuphamba kweziyatha kuyazi bulala, Nobunqobo bezinyabi buyazitshabala lisa.
33. Ke yena ondivayo uhleli ekholosile, Wonwabile ekunkwantyiseni kobubi.
About ImiZekeliso Chapter 1
Read ImiZekeliso Chapter 1 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of ImiZekeliso in the Old Testament. Continue reading with the chapter navigation above or explore the complete book.
Book Information
Book: ImiZekeliso
Chapter: 1
Testament: Old Testament
How to Read this Chapter
Use the Previous and Next Chapter buttons to continue reading ImiZekeliso. You can also adjust the font size for comfortable reading and browse other books of the Bible using the navigation links.
More Resources
Continue Reading the Bible
Continue reading ImiZekeliso Chapter 1 and explore every book, chapter and verse of the Holy Bible. Use the navigation links above and below to move through the Scriptures with ease.
Frequently Asked Questions
What is ImiZekeliso Chapter 1?
ImiZekeliso Chapter 1 is part of the Book of ImiZekeliso in the Holy Bible.
Can I read this chapter online?
Yes. You can read the complete ImiZekeliso Chapter 1 online for free with easy chapter navigation.
More Chapters from imizekeliso
- ImiZekeliso Chapter 10
- ImiZekeliso Chapter 23
- ImiZekeliso Chapter 19
- ImiZekeliso Chapter 11
- ImiZekeliso Chapter 14
- ImiZekeliso Chapter 12
- ImiZekeliso Chapter 7
Explore More from ITestamente Endala
- IiNdumiso Chapter 79
- ImiZekeliso Chapter 19
- IGenesis Chapter 34
- UYoshuwa Chapter 16
- IGenesis Chapter 32
- AbaGwebi Chapter 21
- IiNdumiso Chapter 44