ILevitikus Chapter 22

For English

Read ILevitikus Chapter 22 Online

Read ILevitikus Chapter 22 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of ILevitikus in the Old Testament. Browse every verse with easy chapter navigation, continue to the next chapter, or explore the complete Book of ILevitikus and the Holy Bible online.

Choose a Chapter

ILevitikus 22

Isahluko 22

1. Wathetha uYehova kuMoses, esithi,

2. Thetha kuAron nakoonyana bakhe, bazahlule ezintweni ezingcwele zoonyana bakaSirayeli, bangalihlambeli igama lam elingcwele ezintweni abazingcwalisayo kum: ndinguYehova.

3. Yithi kubo, Ezizukulwaneni zenu, bonke abantu abangabembewu yenu, abasukuba besondela ezintweni ezingcwale, abazingcwalisayo oonyana bakaSirayeli kuYehova, benobunqambi babo, loo miphefumlo yonqanyulwa, ingabikho ebusweni bam: ndinguYehova.

4. Umntu ngomntu ongowembewu ka-Aron, oneqhenqa, nobhobhozayo, makangazidli izinto ezingcwele, ade ahlambuluke. Nalowo umchukumisayo wonke ubani oyinqambi ngofileyo, nendoda esukuba incola;

5. nomntu osukuba echukumisa yonke into enyakazelayo, eyinqambi kuya, nokuba ngumntu oyinqambi kuye ebunqambini bakhe bonke:

6. umphefumlo osukuba uyichukumisa into enjalo, woba yinqambi, uhlwise; lowo makangadli ezintweni ezingcwele. Ke makawuhlambe umzimba wakhe emanzini;

7. lakutshona ilanga, wothi ehlambulukile adle emveni koko ezintweni ezingcwele; ngokuba kukudla kwakhe.

8. Into ezifeleyo neqwengiweyo makangayidli, azenze inqambi ngayo: ndinguYehova.

9. Ize basigcine isigxina sam, bangazithwalisi isono, bafe ngaso, ngokuba besihlambele sona: ndinguYehova obangcwalisayo.

10. Wonke ongengowakuni aze angadli nto ingcwele; olundwendwe lombingeleli, nomqeshwa, aze angadli nto ingcwele.

11. Umbingeleli xa athe wathenga umntu, waba yintengo yemali yakhe, makadle kuyo lowo, kwanozelelwe endlwini yakhe; abo bodla ukudla kwakhe.

12. Intombi yombingeleli, xa ithe yendela kwindoda engeyeyakuni, yona mayingadli emrhumeni weento ezingcwele.

13. Intombi yombingeleli, xa ithe yangumhlolokazi, nokuba ithe yaliwa, ingazalanga, yabuyela endlwini kayise, yokudla ukudla kukayise njengasebutsheni bayo. Wonke ongengowakuni makangadli kuko.

14. Umntu othe wayidla into engcwele ngokulahleka, makongeze isihlanu sayo kuyo, ayinike umbingeleli into engcwele.

15. Ize bangazihlambeli izinto ezingcwele zoonyana bakaSirayeli, ezo bazirhumela uYehova,

16. babathwalise ubugwenxa betyala ekudleni kwabo izinto zabo ezingcwele: ngokuba ndinguYehova obangcwalisayo.

17. Wathetha uYehova kuMoses, esithi,

18. Thetha kuAron nakoonyana bakhe, nakoonyana bonke bakaSirayeli, uthi kubo, Umntu ngomntu wendlu kaSirayeli, nowakubaphambukeli abakwaSirayeli, osukuba esondeza umsondezo wakhe ngokubhekisele kwizibhambathiso zabo zonke, nangokubhekisele kwimibingelelo yabo yonke yokuqhutywa yintliziyo, asukuba ewusondeza kuYehova, ukuba ube lidini elinyukayo:

19. wothi, ukuze unikholekise, ube liduna eligqibeleleyo lasezinkomeni, nokuba lelasezigusheni, nelasezibhokhweni.

20. Izinto zonke ezinesiphako ize ningazisondezi, ngokuba azisayi kunikholekisa.

21. Umntu, xa athe wasondeza umbingelelo woxolo kuYehova, ukuba ube ngowesibhambathiso esibalulekileyo, nokuba ube ngowokuqhutywa yintliziyo, oziinkomo noyimpahla emfutshane: uze ube ngogqibeleleyo ukuze ukholeke, uze ungabi nasiphako nasiphi.

22. Eziziimfama, ezaphukileyo, ezilinyaziweyo, ezinokhwekhwe, ezinesitshanguba, ize ningazisondezi ezo kuYehova, ninganikeli ngazo ukudla kwasemlilweni esibingelelweni kuYehova.

23. Inkomo negusha enendawo eyolukileyo, neshwabeneyo, ungayenza umbingelelo wokuqhutywa yintliziyo; ke ayiyi kukholekisa ukuba ingowesibhambathiso.

24. Into emasende atyunyuziweyo, nakhandiweyo, naqhiwulweyo, nanqunyulweyo, ize ningayisondezi kuYehova. Ezweni lenu ze ningenjenjalo.

25. Nasesandleni sowolunye uhlanga ize ningamkeli nisondeze ukudla koThixo wenu kwezo nto, nakuziphi; ngokuba ukonakala kwazo kukuzo, isiphako sikuzo; aziyi kunikholekisa.

26. Wathetha uYehova kuMoses, esithi,

27. Inkomo, negusha, nebhokhwe, xa izalwayo, yoba mihla isixhenxe phantsi konina. Kuthabathela kusuku lwesibhozo nangasemva kwalo, iya kukholekisa, ibe ngumsondezo wasemlilweni kuYehova.

28. Inkomo, nokuba yigusha, ize ningayixheli ngamini-nye netakane layo.

29. Xa nithe nawubingelela umbingelelo wombulelo kuYehova, nowubingelela ukuba unikholekise.

30. Wodliwa kwangaloo mhla, ningashiyi nto kuwo kude kuse: ndinguYehova.

31. Ize niyigcine imithetho yam, niyenze: ndinguYehova.

32. Ize ningalihlambeli igama lam elingcwele; ndongcwaliswa phakathi koonyana bakaSirayeli: ndinguYehova oningcwalisayo,

33. onikhuphileyo ezweni laseYiputa, ukuze ndibe nguThixo wenu: ndinguYehova.

About ILevitikus Chapter 22

Read ILevitikus Chapter 22 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of ILevitikus in the Old Testament. Continue reading with the chapter navigation above or explore the complete book.

Book Information

Book: ILevitikus
Chapter: 22
Testament: Old Testament

How to Read this Chapter

Use the Previous and Next Chapter buttons to continue reading ILevitikus. You can also adjust the font size for comfortable reading and browse other books of the Bible using the navigation links.

https://www.youtube.com/watch?v=rzsT_Q3KLzE

More Resources

Continue Reading the Bible

Continue reading ILevitikus Chapter 22 and explore every book, chapter and verse of the Holy Bible. Use the navigation links above and below to move through the Scriptures with ease.

Frequently Asked Questions

What is ILevitikus Chapter 22?

ILevitikus Chapter 22 is part of the Book of ILevitikus in the Holy Bible.

Can I read this chapter online?

Yes. You can read the complete ILevitikus Chapter 22 online for free with easy chapter navigation.

More Chapters from ilevitikus

  1. ILevitikus Chapter 1
  2. ILevitikus Chapter 4
  3. ILevitikus Chapter 11
  4. ILevitikus Chapter 10
  5. ILevitikus Chapter 8
  6. ILevitikus Chapter 3
  7. ILevitikus Chapter 5

Explore More from ITestamente Endala

  1. INumeri Chapter 10
  2. IiNdumiso Chapter 83
  3. IEksodus Chapter 31
  4. UZekariya Chapter 9
  5. IiNdumiso Chapter 97
  6. UYoshuwa Chapter 6
  7. EcclesiastesImiZekeliso Chapter 6

Related Chapters & Readings

  1. UYeremiya Chapter 34
  2. IiNdumiso Chapter 81
  3. UYeremiya Chapter 31
  4. 1 KwabaseTesalonika Chapter 3
  5. UHezekile Chapter 27
  6. 2 YeziKronike Chapter 5
  7. UIsaya Chapter 29
Share Your Love

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *